1WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Mna ndi nguyehova, utixo wenu. 3Njengokwenza kwelizwe le‐Jipete, enibe nimi kulo, aniyi kwenza; nanjengokwenza kwelizwe le‐Kanane, apo ndinizisa kona, aniyi kwenza; kanjako ngemimiso yabo aniyi kuhamba. 4Izigwebo zam niya kuzenza, nemimiso yam niya kuyigcina, ukuba nihambe ngayo: mna ndi nguyehova, utixo wenu. 5Ngako niya kugcina imimiso yam, nezigwebo zam; aya kuti umntu, ukuba uyazenza, apile ngazo: mna ndi nguyehova.
6Akuyi kusondela namnye umntu kosukuba esisalamane senyama yake, ukuza kutyila ubuzé bake: mna ndi nguyehova. 7Ubuzé boyihlo, nobuzé bonyoko, akuyi kubutyila: ungunyoko yena; akuyi kutyila ubuzé bake. 8Ubuzé bomfazi woyihlo akuyi kubutyila: bubuzé boyihlo bona. 9Ubuzé bodade wako, intombi yoyihlo, umhlaumbi intombi yonyoko, nokuba uzelwe endlwini, nokuba uzelwe ngapandle, ubuzé bake akuyi kubutyila. 10Ubuzé bentombi yonyana wako, umhlaumbi bentombi yentombi yako, ubuzé bazo akuyi kubutyila: ngokuba zibubuzé bako zona. 11Ubuzé bentombi yomfazi woyihlo, ezelweyo nguyihlo, yona ingudade wako, ubuzé bayo akuyi kubutyila. 12Ubuzé bodade woyihlo akuyi kubutyila: usisalamane soyihlo yena. 13Ubuzé bodade wonyoko akuyi kubutyila: ngokuba yena esisalamane sonyoko. 14Ubuzé bomninawe woyihlo akuyi kubutyila, akuyi kusondela emfazini wake: yena ngunyokokazi wako. 15Ubuzé bomolokazana wako akuyi kubutyila: ngumfazi wonyana wako yena; akuyi kutyila ubuzé bake. 16Ubuzé bomfazi womninawe wako akuyi kubutyila: bubuzé bomninawe wako bona. 17Ubuzé bomfazi nobentombi yake akuyi kubutyila; intombi yonyana wake, umhlaumbi intombi yentombi yake, akuyi kuyizeka, ukutyila ubuzé bayo; zizalamane zake zona: bubutshinitshini oku. 18Kanjako akuyi kuzeka umfazi pezu kwodade wake, ukumxinezela, ukutyila ubuzé bake, ngapandle kwalowo nxa asahleli.
19Akuyi kusondela emfazini esekwahlukaneleni ukunco̔la kwake, ukutyila ubuzé bake. 20Akuyi kulala nomfazi wommelwane wako ngokulalela inzalo, ukuba unco̔lelwe nguye. 21Nakuyo inzalo yako akuyi kunika namnye ukuba adluliswe emlilweni pambi kwo‐Moleke; negama lotixo wako akuyi kulidyoba: mna ndi nguyehova. 22Akuyi kulala nendoda njengokuba kulalwa nomfazi: yintshontsho oku. 23Kanjalo akuyi kulala nasinye isilo, ukuba unco̔lelwe siso: nomfazi makangemi ebusweni besilo, kuze kulalwe pantsi kuso: yinto ebugeza le.
24Ize ningazinco̔lisi nganye yezizinto: ngokuba zinco̔lelwe zizo zonke ezizinto izizwe endiza kuzigxota pambi kwenu. 25Linco̔lile ilizwe nalo; ngako ndiyohlwayela inkohlakalo yalo pezu kwalo, nelizwe lona liyahlanza abemi balo. 26Nina kodwa niya kugcina imimiso yam nezigwebo zam, ningenzi nanye kuzo zonke ezizinto zibuntshontsho; owelizwe lakowenu, nowasemzini opambukeleyo pakati kwenu: 27(ngokuba zonke ezizinto zibuntshontsho bezenzile abantu belozwe, ababepambili kuni; kukona ilizwe linco̔lile:) 28ukuze elozwe lingahlanzi nina, nakulinco̔lisa, njengokuba lihlanzile izizwe ezibe zipambili kuni. 29Ngokuba bonke abaya kwenza enye kuzo zonke ezizinto zibuntshontsho, kwa imipefumlo eyenza ngazo yonqanyulwa pakati kwabantu bayo. 30Ngako niya kugcina umyalezelo wam, wokuba ningenzi nalinye kulamasiko abuntshontsho abesenziwa pambili kuni, nokuba ningazinco̔lisi ngawo: mna ndi nguyehova, utixo wenu.