1Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Teta nayo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Noba bangcwele; ngokuba ndingcwele mna Yehova, utixo wenu.
3Unyoko noyihlo niya kuboyika nonke ngabanye; nesabata zam niya kuzigcina: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
4Ningabeki ngakuwo amadalo, notixo abatyityishiweyo ningazenzeli bona: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
5Kanjalo nxa nibingelela umbingo woxolo kuyehova, niya kubingelela wona ngokutanda kwenu. 6Ngomhla wokubingelela kwenu uya kudliwa, nangomnye umhla; kodwa oko kuseleyo kwada kwangumhla wesitatu, kwotshiswa ngomlilo. 7Ukuba kuka kudliwe ngomhla wesitatu, kwoba yinto edlubukileyo oko; akuyi kubukwa. 8Nokudlayo yena uya kutwala inkohlakalo yake, ngokuba eyinco̔lisile eyingcwele into kayehova; ngako umpefumlo lowo uya kunqanyulwa ebantwini bawo.
9Kanjalo nxa nivunayo ukuvunwa kwomhlaba wenu, akuyi kugqibela ukuvuna amagumbi entsimi yako; nokubutekayo kwokuvuna kwako akuyi kukubuta. 10Nesitiya sako semiti yeveyine akuyi kubikica sona; nedreyive ezivutulukileyo zesitiya sako semiti yeveyine akuyi kuzibuta; wozishiyela ihlwempu nowasemzini ezo: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
11Ningebi̔; ningateti ilwimi, ningenzi ngobuxoki, omnye kwomnye. 12Kanjako aniyi kufunga igama lam ngendawo ebuxoki; uze ungalidyobi igama lotixo wako; mna ndi nguyehova. 13Akuyi kulumkisa ummelwane wako, akuyi kumpanga kanjalo; umvuzo woqeshiweyo maungalalisi kuwe kude kuse.
14Akuyi kutuka ositulu, nasebusweni bemfama akuyi kubeka isiku̔bekiso; kodwa uya kwoyika utixo wako: mna ndi nguyehova.
15Aniyi kwenza ngobumenemene ekugwebeni; ubuso behlwempu akuyi kububuka, nobuso bomkulu akuyi kububeka; uya kugweba ummelwane wako ngobulungisa.
16Akuyi kuhambahamba uhleba pakati kwabantu bako; akuyi kuma ngakulo igazi lommelwane wako kanjalo: mna ndi nguyehova. 17Akuyi kumtiya umzalwana wako entliziyweni yako; uya kukutala ukumohlwaya ummelwane wako, uze ungatwali ngenxa yake isono. 18Akuyi kupindezela, kanjalo akuyi kubamba ingqumbo ngakulo usapo lwabantu bako; koko uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako: mna ndi nguyehova.
19Imimiso yam niya kuyigcina.
Izilo‐zako ungazenzi zizeke ezolulumbi uhlobo; intsimi yako akuyi kuyihlwayela ngembewu yentlobo ngentlobo; kanjalo isivato esilukiweyo ngentlobo ngentlobo zencawa asiyi kuza pezu kwako.
20Nosukuba elala nenkazana ngokulalela inzalo, elikobokakazi yona, exanyelwe indoda, engakululwanga nakanye, engapiwanga inkululeko kanjalo; kwobetwa ke; abayi kufiswa, ngokuba ingengokululekileyo inkazana leyo. 21Waeya kuzisa idini letyala lake kuyehova, elucangweni lwentente yentlangano, kwa inkunzi yegusha ibe lidini letyala. 22Waye umperisite eya kumenzela uxoliso ngegusha yedini letyala pambi kwoyehova, ngenxa yesono sake onileyo ngaso; aze axolelwe isono sake onileyo ngaso.
23Naxeshekweni ningenileyo kwelozwe, natyala zonke intlobo zemiti yokutyiwa, isiqa̔mo sayo niya kusibala ngokuba sesingalukileyo: yoba yiminyaka mitatu esiya kuba njengesingalukileyo kuni; asiyi kudliwa. 24Kodwa ngomnyaka wesine sonke isiqa̔mo sayo soba yinto eyingcwele yokumdumisa uyehova. 25Nangomnyaka wesihlanu niya kusidla isiqa̔mo sayo, ize yandiswe kuni imveliso yayo: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
26Aniyi kudla nto inegazi; aniyi kulaula; aniyi kwenza ngobugqi.
27Amancam entloko zenu aniyi kwenza izazinge ngawo; nencam zendevu zako akuyi kuzonakalisa. 28Izigebu ngenxa yofileyo aniyi kuzenza enyameni yenu, nomba̔lo wezivambo aniyi kuwenza pezu kwenu: mna ndi nguyehova.
29Akuyi kudyoba intombi yako ngokuyenza ingnawokazi; ukuba ilizwe lingenzi umbulo, lide ilizwe lizale bubutshinitshini.
30Isabata zam niya kuzigcina, nendawo yam eyingcwele niya kuyihlonela: mna ndi nguyehova.
31Ningajikeli kubo abenzelana nemishologu, nakumatola; ningabafuni, ukuba ninco̔lelwe ngabo: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
32Uya kupakama ebusweni bezimvi, ububeke ubuso bexego, notixo wako umoyike: mna ndi nguyehova.
33Naxeshekweni kupambukele kuwe owasemzini ukuhlala elizweni lenu, aniyi kumbandezela. 34Woba njengozelweyo pakati kwenu kuni owasemzini opambukeleyo ukuhlala nani; uya kutanda yena njengokuzitanda kwako: ngokuba nibe ningabasemzini nina elizweni le‐Jipete: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
35Aniyi kwenza ngobumenemene ekugwebeni, ekwoluleni, ekulinganiseni, nasekuzaliseni. 36Noba nesilinganiselo esilungeleleneyo, namatye okulinganisa alungeleleneyo, neyefa elungeleleneyo, nehine elungeleleneyo: ndi nguyehova, utixo wenu, onipumisileyo elizweni le‐Jipete. 37Kukona niya kugcina yonke imimiso yam, nazo zonke izigwebo zam, nizenze: mna ndi nguyehova.