1Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Woti kanjalo elusatsheni luka‐Sirayeli: Umntu wakwabalusapo luka‐Sirayeli, nowakwabasemzini abapambukeleyo kwa‐Sirayeli, osukuba enika kwinzalo yake ku‐Moleke, uya kufiswa ngenyaniso; abantu belizwe baya kumgibisela ngamatye. 3Nam ndiya kubeka ubuso bam ngakuye lowamntu, ndimnqamle pakati kwabantu bake; ngokuba enikile kwinzalo yake ku‐Moleke, ukuze anco̔lise indawo yam eyingcwele, negama lam elingcwele alidyobe. 4Kanjalo ukuba abantu belizwe baka bamfihlele lowamntu amehlo abo, akunika kwinzalo yake ku‐Moleke, baze bangamfisi; 5sendiya kubeka ubuso bam ngakuye lowamntu, nangakuso isizalwane sake, ndize ndimnqamle yena, nabo bonke abaṙexezela emva kwake, ukuya kuṙexezela emva kwo‐Moleke, pakati kwabantu babo. 6Nompefumlo ojikelayo kwabenzelana nemishologu, nakumatola, ukuya kuṙexezela emva kwabo, sendiya kubeka ubuso bam ngakuwo umpefumlo lowo, ndiwunqamle pakati kwabantu bawo. 7Zingcwaliseni ngoko, nibe ngabangcwele: ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu. 8Ize nigcine imimiso yam, niyenze: mna ndi nguyehova oningcwalisayo.
9Nxa kuko umntu otukileyo uyise, umhlaumbi unina, uya kufiswa ngenyaniso: utukile uyise, umhlaumbi unina; igazi lake loba pezu kwake.
10Nendoda eṙexezayo nomfazi womnye umntu, eṙexezayo nomfazi wommelwane wayo, umṙexezi nomṙexezikazi baya kufiswa ngenyaniso.
11Kanjalo indoda eleleyo nomfazi woyise, ubuzé boyise ibutyilile: baya kufiswa ngenyaniso bobabini; igazi labo loba pezu kwabo.
12Naxeshekweni indoda iya kulala nomolokazana wayo, baya kufiswa ngenyaniso bobabini: benze into ebugeza; igazi labo loba pezu kwabo.
13Naxeshekweni indoda iya kulala nenye indoda, njengokuba kulalwa nomfazi, wona ayenzile intshontsho omabini: aya kufiswa ngenyaniso; igazi lawo loba pezu kwawo.
14Naxeshekweni indoda iya kuzeka umfazi nonina wake, bubutshinitshini oku: baya kutshiswa ngomlilo, kwa yona nabo bona; kuze kungabiko ubutshinitshini pakati kwenu.
15Naxeshekweni indoda iya kulala nesilo, iya kufiswa ngenyaniso: nesilo niya kusibulala. 16Kanjalo umfazi nxa aya kusondela kwesinye isilo ukuza kulala pantsi kuso, uya kubulala umfazi lowo nesilo eso: baya kufiswa ngenyaniso: igazi labo loba pezu kwabo.
17Naxeshekweni indoda iya kuzeka udade wayo, intombi kayise, umhlaumbi intombi kanina, ibone ubuzé bake, ati yena abone ubuzé bayo, kulihlazo oko; ngako bonqanyulwa emehlweni osapo lwabantu babo: ibutyilile ubuzé bodade wayo; iya kutwala inkohlakalo yayo.
18Naxeshekweni indoda iya kulala nomfazi onesifo sake, ibutyile ubuzé bake; itombo lake ilenze zé, naye ulityilile itombo legazi lake: ngako bonqanyulwa bobabini pakati kwabantu babo.
19Kanjako ubuzé bodade kanyoko, nobodade kayihlo, akuyi kubutyila: ngokuba owenje njalo ehlubulule isalamane sake: baya kutwala inkohlakalo yabo. 20Naxeshekweni indoda iya kulala noninakazi wayo, ubuzé boyisekazi wayo ibutyilile: baya kutwala isono sabo; baya kufa bengenabantwana. 21Naxeshekweni indoda iya kuzeka umfazi womninawe wayo, kuyinto enco̔lileyo oko: ubuzé bomninawe wayo ibutyilile; boba bengenabantwana.
22Gcinani ngoko yonke imimiso yam, nazo zonke izigwebo zam, nizenze; lize linganihlanzi elozwe, apo ndinizisa kona ukuba nihlale kulo. 23Ize ningahambi ngamasiko esizwe, endisikupayo pambi kwenu: ngokuba zonke ezizinto bezenzile bona; kungoko endibatiyileyo. 24Nina kodwa ndite kuni: Niya kulidla ilifa lelizwe labo; ndolinika kuni kwa mna, ukuba nilidle ilifa lalo, ilizwe elela ubisi nobusi: mna ndi nguyehova, utixo wenu, onahlulileyo kwabanye abantu.
25Kukona niya kukwenza ukwahluka pakati kwezilo ezicocekileyo nezinco̔lileyo, napakati kwentaka ezinco̔lileyo nezicocekileyo; aniyi kudlubukisa imipefumlo yenu ngesilo, nangentaka, nanganye into enambuzelayo pezu kwomhlaba, endinahlulele zona ukuba nizibale ngokuba zinco̔lile. 26Noba ngabangcwele kum, ngokuba ndingcwele mna Yehoya; kungoko endinahlulile kwabanye abantu, ukuze nibe ngabam.
27Kanjako indoda, umhlaumbi umfazi, ekukubo ubushologu, umhlaumbi ubutola, baya kufiswa ngenyaniso: baya kugityiselwa ngamatye; igazi labo loba pezu kwabo.