1WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi ngasentabeni ye‐Sinai, esiti: 2Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni nise nifikile kulomhlaba endinipa wona, uya kupumla umhlaba lowo isabata kuyehova. 3Yiminyaka mitandatu uya kuhlwayela intsimi yako, neminyaka mitandatu uya kunqumla isitiya sako semiti yeveyine, nemveliso yaso uyibute. 4Kodwa ngomnyaka wesixe̔nxe yobako isabata yopumlo emhlabeni, isabata kuyehova: intsimi yako akuyi kuyihlwayela, nesitiya sako semiti yeveyine akuyi kusinqumla. 5Oko kuhlumileyo ngokwako kwokuvuna kwako akuyi kukuvuna, nedreyive zomti wako weveyine onganqunyulwanga akuyi kuzika: woba ngumnyaka wopumlo emhlabeni. 6Isabata yomhlaba yoba kukutya kuni; kwa kuwe, nakwisicaka sako, nakwisicakakazi sako, nakumqeshwa wako, nakwiṙanuka lako lakwabapambukele kuwe, 7nakwinkomo zako, nakwizilo eziselizweni lako, yonke imveliso yayo yoba kukutya.
8Kanjako uya kubala kuwe isabata zeminyaka zibe sixe̔nxe, kwa izixe̔nxe zeminyaka ezisixe̔nxe; ize imihla yesabata zeminyaka zosixe̔nxe ibe yiminyaka ingamashumi mane anesitoba kuwe. 9Uya kwandula uhlokomise ixilongo lokuvusa ngenyanga yesixe̔nxe, ngoweshumi umhla wenyanga; ngomhla wokuxolisa niya kuhlokomisa ixilongo kulo lonke ilizwe lenu. 10Naniya kuwenza ngcwele lomnyaka wamashumi mahlanu, nishumayele inkululeko elizweni kubo bonke abemi balo: woba ngumnyaka womgcobo kuni wona; naniya kubuya nonke ngabanye niye emafeni enu, niti kanjalo nibuye nonke ngabanye niye kwizizalwane zenu. 11Woba ngumnyaka womgcobo kuni lomnyaka wamashumi mahlanu: aniyi kuhlwayela, aniyi kuvuna nokuvuna oko kuhlumileyo ngokwako kuwo, nedreyive zawo zomti weveyine onganqunyulwanga aniyi kuzika. 12Ngokuba ngumnyaka womgcobo wona; woba ngcwele kuni: niya kuyidla imveliso yawo emasimini. 13Ngalomnyaka womgcobo niya kubuya nonke ngabanye niye emafeni enu. 14Ngako xeshekweni nitengisa ummelwane wako into yokutengwa, umhlaumbi nitenge into esandleni sommelwane wako, aniyi kubandezelana: 15ngenani leminyaka emveni kwowomgcobo uya kutenga kummelwane wako, nangenani leminyaka yokuvelisa uya kutengisa kuwe: 16njengobuninzi beminyaka uya kwandisa ixabiso layo, nanjengobuncinane beminyaka uya kuncipisa ixabiso layo; ngokuba kungenani leminyaka yokuvelisa atengisayo kuwe. 17Ize ningabandezelani; kodwa moyike utixo wako: ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu.
18Ngako niya kuyenza imimiso yam, nezigwebo zam niya kuzigcina, nizenze; naniya kuhlala elizweni ngokunqaba. 19Kanjalo umhlaba wonika ukuqa̔ma kwawo, naniya kutya kude kuhlutwe, nihlale nokuhlala ngokunqaba kuwo.
20Naxeshekweni niya kuti: Sotya nto nina ngomnyaka wesixe̔nxe? bona ke, asiyi kuhlwayela, asiyi kubuta inzuzo yetu kanjako; 21ndiya kwandula ndiyalele itamsanqa lam libe pezu kwenu ngomnyaka wesitandatu, oya kuvelisa inzuzo eyanele iminyaka mitatu. 22Noti umnyaka wesibozo nihlwayele, nitye nokutya kwendala inzuzo ude ube ngumnyaka wetoba; kude kufike imveliso yawo niya kutya endala.
23Umhlaba awuyi kutengiselwa ixesha elingunapakade, umhlaba ungowam nje: ngokuba nina ningabasemzini namaṙanuka ngakum. 24Ngako kuwo wonke umhlaba wokufuya kwenu, niya kuvumela umhlaba inkululwa. 25Nxa umzalwana wako aya kuhlwempuza, aze atengise ngento yomhlaba wemfuyo yake, sekuya kuza umkululi, osisalamane kuye, akulule okutengisiweyo ngumzalwana wake. 26Naxeshekweni umntu angenaye umkululi, kanti yena unamandla ngokwake ukufumana okwaneleyo inkululwa yako; 27makayibale iminyaka yokutengiswa kwako, ati okupezulu akubuyisele kulomntu waetengisile ngako kuye; aze abuyele emfuyweni yake. 28Kodwa ukuba isandla sake asinakufumana okwaneleyo ukuba akubuyisele kuye, kwohlala okutengisiweyo nguye esandleni salowo okutengileyo, kude kube ngumnyaka womgcobo; koko ngomnyaka womgcobo kuya kupuma, ati yena abuyele emfuyweni yake.
29Naxeshekweni umntu atengisa ngendlu yokuhlala esixekweni esibiyelwe ludonga, angaba nokuyikulula ude ugqitywe umnyaka wokutengiswa kwayo: pakati kwomnyaka upela angaba nokuyikulula. 30Kodwa ukuba ayikululwa pakati kwokuzaliswa kwomnyaka ofezekileyo, leyondlu esesixekweni esibiyelwe ludonga yoqiniswa kude kube ngunapakade kulowo oyitengileyo ngezizukulwana zake: ayiyi kupuma ngomnyaka womgcobo. 31Kanti izindlu zemizi ekungeko kuyo udonga olungqongayo, zobalwa ngokuba zizindle zelizwe: zoba nokukululwa; ziya kupuma ngomnyaka womgcobo. 32Kodwa izixeko zaba‐Levi, nezindlu zezixeko zemfuyo yabo, aba‐Levi boba nokuzikulula ngamaxesha onke. 33Naxeshekweni kukululwe ngowaba‐Levi, kuya kupuma indlu ebitengisiwe, nesixeko semfuyo yake, ngomnyaka womgcobo: ngokuba izindlu zezixeko zaba‐Levi ziyimfuyo yabo pakati kwalo usapo luka‐Sirayeli. 34Kodwa izindle zenqele zezixeko zabo azitengeki; ngokuba ziyimfuyo engunapakade kubo.
35Kanjako nxa umzalwana wako aya kuhlwempuza, abohle ngamandla ake ngakuwe, yena uya kumxasa, nokuba ungowasemzini, nokuba uliṙanuka, ukuze abe nokupila ngakuwe. 36Akuyi kutabata kuye inzuzo enkulu, nokwanda okuninzi; koko uya kwoyika utixo wako, ukuze abe nokupila ngakuwe umzalwana wako. 37Imali yako akuyi kuyinika kuye ngenxa yenzuzo enkulu, nokutya kwako akuyi kumboleka kona ngenxa yokwanda okuninzi. 38Mna ndi nguyehova, utixo wenu, onipumisileyo ezweni le‐Jipete, ukuba ndininike ilizwe le‐Kanane, ndize ndibe ngutixo kuni.
39Kananjalo nxa umzalwana wako ongakuwe aya kuhlwempuza, andule azitengise kuwe, akuyi kumkonzisa ngenkonzo yekoboka: 40njengomqeshwa, njengoliṙanuka wobako kuwe: kude kube ngumnyaka womgcobo uya kukonza kuwe; 41andule apume kuwe, yena nosapo lwake kunye naye, abuyele kwisizalwane sakowabo; wobuyela kwa kuyo imfuyo yoyise bake. 42Ngokuba bezizicaka zam, endibapumisileyo elizweni le‐Jipete; abayi kutengelwa ngokutengiswa kwekoboka. 43Akuyi kupata ubukosi pezu kwake ngobulukuni; koko uya kwoyika utixo wako. 44Ikoboka lako nekobokakazi lako, lawo uya kuba nawo, wona oba ngawentlanga eziningqongayo; kwa kuzo niya kutenga ikoboka nekobokakazi. 45Nakanjako usapo lwamaṙanuka apambukeleyo kuni, kwa kulo niya kuwatenga, nakuzo izizalwane zalo ezipakati kwenu, ezo luzizeleyo elizweni lenu: wona oba yimfuyo kuni. 46Naniya kuwashiya abe lilifa kubantwana benu emva kwenu, ukuba bawabambe abe yimfuyo; wona niya kuwakonzisa kude kube ngunapakade; kodwa pezu kwabazalwana benu usapo luka‐Sirayeli, aniyi kupata ubukosi omnye pezu kwomnye ngobulukuni.
47Naxeshekweni aya kutyeba owasemzini umhlaumbi oliṙanuka ngakuwe, ati umzalwana wako ngakuye ahlwempuze, ade azitengise kowasemzini umhlaumbi koliṙanuka ngakuwe, umhlaumbi kowesipunzi sesizalwane sowasemzini: 48angati emveni kwokutengiswa kwake enzelwe inkululwa; omnye kwabazalwana bake angamkulula. 49Umhlaumbi uyisekazi wake, umhlaumbi unyana woyisekazi wake, uya kumkulula; umhlaumbi osisalamane senyama yake kwisizalwane sake uya kumkulula; umhlaumbi ukuba kuyenzeka kuye, angazikulula yena. 50Waeya kubalelana nalowo owamtengayo, kutabata emnyakeni wokutengiswa kwake kuye, kude kube ngumnyaka womgcobo: yoti imali yokutengiswa kwake ibe ngenani leminyaka; njengemihla yomqeshwa kwoba njalo kuye. 51Ukuba isemininzi ke iminyaka, kwa ngokwaleyo uya kubuyisa ixabiso lenkululwa yake, kulomali watengwa ngayo. 52Kanti ukuba kusala iminyaka emincinane kude kube ngumnyaka womgcobo, uya kubalelana naye; nangokweminyaka yake wobuyisa ixabiso lenkululwa yake. 53Njengomqeshwa womnyaka ngomnyaka wobako kuye; akayi kupata ubukosi pezu kwake ngobulukuni emehlweni ako. 54Woti ukuba akakululwa pakati kwaleminyaka, andule apume ngomnyaka womgcobo, yena nosapo lwake kunye naye. 55Ngokuba usapo luka‐Sirayeli luzizicaka kum; luzizicaka zam lona, endilupumisileyo elizweni le‐Jipete: mna ndi nguyehova, utixo wenu.