1WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Teta nosapo luka‐Sirayeli, niti kulo: Xeshekweni umntu aya kwahlukanisa isibambiso, iziqu zoba ze zikayehova ngokulinganisa kwako. 3Kwakuba ukulinganisa kwako kukokwendoda, eminyaka imashumi mabini ubudala bayo, kude kube yeminyaka imashumi matandatu ubudala bayo, makuti ukulinganisa kwako kube zishekele zesilivere ezimashumi mahlanu, ngeshekele yeyingcwele indawo. 4Kodwa ukuba yinkazana, ukulinganisa kwako kwoba zishekele ezimashumi matatu. 5Nokuba ngominyaka mihlanu, kude kube ngominyaka imashumi mabini, makuti ukulinganisa kwako indoda kube zishekele ezimashumi mabini, nangenxa yenkazana makube zishekele ezilishumi linye. 6Nokuba ngowenyanga nye, kude kube ngominyaka mihlanu, makuti ukulinganisa kwako indoda kube zishekele zesilivere ezintlanu, nangenxa yenkazana ukulinganisa kwako kwoba zishekele zesilivere ezintatu. 7Nokuba ngominyaka imashumi matandatu napezulu, ukuba yindoda, makuti ukulinganisa kwako kube zishekele ezilishumi linesihlanu, nangenxa yenkazana makube zishekele ezilishumi. 8Kodwa ukuba ungohlwempuzileyo ngapantsi kwokulinganisa kwako, makazimise pambi kwomperisite, aze umperisite amlinganise: ngokwamandla ake obambisileyo umperisite uya kumlinganisa.
9Nokuba sisilo, ekunganikelwa ngaso umnikelo kuyehova; zonke ekunikwa ngumntu kwezinjalo kuyehova zoba ngcwele. 10Akayi kusiguqula, akayi kusanana kanjalo, esilungileyo ngesibi, umhlaumbi esibi ngesilungileyo; kodwa ukuba uka asanane isilo ngesilo noko, kwa sona neso kwananwa ngaso zoba ngcwele.
11Nokuba sisesinye isilo esinco̔lileyo, ekungenikelwe ngaso umnikelo kuyehova, uya kwandula amise esosilo ebusweni bomperisite. 12Waye umperisite eya kusilinganisa, ukuba silungile, ukuba sibi kusinina: njengokulinganisa kwako, mperisite! soba njalo. 13Kodwa ukuba woka asikulule, uya kwandula asongeze esesihlanu isiqingata senani laso pezu kwokulinganisa kwako.
14Naxeshekweni umntu aya kungcwalisa indlu ibe ngcwele kuyehova, woti umperisite ayilinganise, ukuba ilungile, ukuba imbi kusinina: njengokuba eyilinganisa umperisite, iya kuma njalo. 15Nokuba lowo oyingcwalisileyo wokulula indlu yake, uya kusongeza esesihlanu isiqingata semali yokulinganisa kwako pezu kwayo, ize ibe yeyake.
16Nokuba yindawana entsimini yemfuyo yake aya kuyingcwalisa umntu kuyehova, kwoba njengembewu yayo ukulinganisa kwako: indawana yehomere yembewu yeṙalasi yolingana neshekele zesilivere ezimashumi mahlanu. 17Ukuba uyangcwalisa intsimi yake kuqala emnyakeni womgcobo, iya kuma kwa njengokulinganisa kwako. 18Kodwa ukuba uyangcwalisa intsimi yake emveni kwomnyaka womgcobo, makati umperisite ambalele imali njengeminyaka esaseleyo, kwa kude kube ngumnyaka womgcobo, ize isuswe kweyokulinganisa kwako. 19Nokuba woka akulule intsimi lowo oyingcwalisileyo, makongeze esesihlanu isiqingata semali yokulinganisa kwako pezu kwayo, ize iqiniswe kuye. 20Nokuba akayi kukulula lontsimi, umhlaumbi ukuba utengisile lontsimi komnye umntu, ayisayi kubuya ikululwe. 21Koko intsimi leyo, yakupuma ngomnyaka womgcobo, iya kuba ngcwele kuyehova, njengentsimi eyahlukanisiweyo; yoba yeyomperisite imfuyo yayo.
22Kanjako ukuba yintsimi ayitengileyo umntu, engeyeyakuwo amasimi emfuyo yake, aya kuyingcwalisa kuyehova; 23woti umperisite ambalele inani lokulinganisa kwako kude kube ngumnyaka womgcobo; nemali yokulinganisa kwako woyinika ngomhla lowo, ibe yingcwele kuyehova. 24Ngomnyaka womgcobo yobuya ize intsimi leyo kulowo wayitenga kuye, kwa kulowo imfuyo yomhlaba ibiyeyake.
25Konke ukulinganisa kwako kwoba ngeshekele yeyingcwele indawo: zigera ezimashumi mabini eziya kuba yishekele leyo.
26Kodwa izibulo, ekuzityulwa ngalo kuyehova sisilo, akuyi kubako mntu oya kulingcwalisa; nokuba liyinkomo enkulu, nokuba liyinkomo encinane, le likayehova lona. 27Nanxa lilelesilo esinco̔lileyo, uya kukulula lona ngokulinganisa kwako, ati kanjalo ongeze esesihlanu isiqingata sako pezu kwako; nanxa lingakululwa, liya kutengiswa ngokulinganisa kwako.
28Kodwa into esukuba yahlukanisiwe, aya kuti umntu ayahlukanisele uyehova kuko konke anako, kubantu nakwizilo, nakwintsimi yemfuyo yake, ayisayi kutengiswa, ayisayi kukululwa kanjako: zonke izinto ezahlukanisiweyo, zizinto ezingcwelekazi kuyehova zona. 29Konke okwahlukanisiweyo, okuya kwahlukaniswa pakati kwabantu, akuyi kukululwa; kwofiswa ngenyaniso.
30Kananjalo zonke izishumi zomhlaba, ezembewu yomhlaba, ezesiqa̔mo semiti, zona ze zikayehova; zingcwele kuyehova. 31Naxeshekweni umntu aya kuka akulule into kwizishumi zake, esesihlanu isiqingata sazo uya kusongeza pezu kwazo. 32Nazo zonke izishumi zezinkulu nezezincinane inkomo, ezazo zonke ezidlula ngapantsi kwayo intonga, eyeshumi yoba yingcwele kuyehova. 33Akayi kugqalela ukuba ilungile, ukuba imbi kusinina, akayi kuyanana kanjalo: kodwa ukuba woka ayanane noko, kwa yona naleyo kwananwa ngayo zoba ngcwele; ayisayi kukululwa.
34Yiyo le imiyalelo uyehova wayiyalezela u‐Mosesi elusatsheni luka‐Sirayeli, entabeni ye‐Sinai.