1Kanjalo nguwo lo umteto wedini letyala: liyinto eyingcwelekazi lona. 2Endaweni apo kuxe̔lwayo idini lokutshiswa, liya kuxe̔lwa kona idini letyala; negazi lalo wolisasaza pezu kwesibingelo ngento engqongayo. 3Nakulo uya kunikela lonke inqata lalo, umsila, nenqata eligubungela umbilini, 4nezintso zombini, nenqata elipezu kwazo, elingasezintsendweni; nendawo ezizengezelayo pezu kwesibindi, kunye nezintso, wozisusa. 5Waye umperisite eya kutshisa amanqata lawo esibingelweni, abe ngumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova: lidini letyala. 6Konke okubudoda pakati kwabaperisite kuya kulidla; endaweni eyingcwele liya kudliwa: liyinto eyingcwelekazi lona.
7Njengedini lesono, likwa njalo idini letyala; anomteto umnye: umperisite owenzayo uxoliso ngalo, loba lelake. 8Kanjako umperisite onikelayo idini lokutshiswa lomntu, isikumba sedini lokutshiswa anikele ngalo soba sesake lowamperisite. 9Nako konke okwomnikelo wokudla okwojiweyo eziko, nako konke okwenziweyo embizeni napezu kwokamba, kwoba kokwomperisite owunikelayo. 10Kodwa yonke iminikelo yokudla enyeliweyo ngeoli, neyomileyo, bonke onyana baka‐Arone boba nayo, omnye njengomnye.
11Nguwo lo nomteto wombingo woxolo, aya kunikela wona kuyehova. 12Ukuba uyawunikela ube ngumbulelo, makanikele kunye nombingo wombulelo izonkana ezingenagwele zinyeliwe ngeoli, nezonkanyana ezingenagwele zitanjisiwe ngeoli; nomgubo ocolekileyo unyakanyisiwe, izonkana zinyeliwe ngeoli. 13Ngapandle kwezonkana ezo, uya kunikelela umnikelo wake isonka esibilisiweyo, kunye nombingo wombulelo weminikelo yoxolo yake. 14Nakuso uya kunikela esinye kuwo wonke umnikelo sibe ngumnikelo wokufunqufunqulwa kuyehova; soba sesalomperisite otshizayo igazi leminikelo yoxolo. 15Nenyama yombingo wombulelo weminikelo yoxolo yake, yona iya kutyiwa kwa ngomhla wokunikelwa kwayo; akuyi kushiywa nto kude kuse. 16Kodwa ukuba sisibambiso, umhlaumbi ngumnikelo wesisa, umbingo wokunikela kwake, uya kutyiwa wona ngomhla aya kunikela umbingo wake ngawo; kwoti nangomnye umhla kudliwe okuseleyo kuwo: 17koko okuseleyo kwinyama yombingo ngowesitatu umhla kuya kutshiswa ngomlilo. 18Nokuba kuka kudliwe enyameni yombingo woxolo wake ngowesitatu umhla, akayi kubukwa lowo oyinikelayo, ayiyi kumbalelwa, yoba yinto edlubukileyo; nomntu otyayo kuyo, yena uya kutwala inkohlakalo yake. 19Kanjako inyama ecukumisayo enye into enco̔lileyo ayiyi kudliwa; iya kutshiswa ngomlilo; kanti inyama engenjalo, lonyama bonke abacocekileyo baya kutya yona. 20Kodwa lowamntu odlayo inyama yombingo woxolo, ongo kayehova, enokunco̔la kwake pezu kwake, uya kunqanyulwa lowamntu ebantwini bake. 21Naxeshekweni umntu acukumisayo enye into enco̔lileyo, ukunco̔la kwomntu, umhlaumbi isilo esinco̔lileyo, umhlaumbi enye intshontsho enco̔lileyo, aze atye kuyo inyama yombingo woxolo, ongo kayehova, uya kunqanyulwa lowamntu ebantwini bake.
22Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 23Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, usiti: Lonke inqata lenkomo, nelegusha, nelebokwe, aniyi kulidla. 24Inqata lesidumbu, nenqata lento eqwengiweyo, lingapatwa emisebenzini yonke; kodwa anikuka nilidle nakanye. 25Ngokuba osukuba esidla inqata lenkomo, ekunikelwe ngayo umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova, kwa lowamntu olidlayo wonqanyulwa ebantwini bake. 26Kanjako lonke igazi aniyi kulidla kuzo zonke indawo zokuhlala zenu, elentaka nelenkomo. 27Umntu osukuba esidla elinye igazi, uya kunqanyulwa lowamntu ebantwini bake.
28Wateta uyehova kanjalo ku‐Mosesi, esiti: 29Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, usiti: Lowo onikelayo ngombingo woxolo wake kuyehova, makazise umnikelo wake kuyehova uvela kuwo umbingo woxolo wake. 30Ezake izandla ziya kuzisa iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova; inqata pezu kwesifuba wolizisa kunye nesifuba eso, ukuba sishukushukunyiswe sona sibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa ebusweni bukayehova. 31Waye umperisite eya kutshisa elonqata pezu kwesibingelo; kodwa isifuba soba sesika‐Arone nesonyana bake. 32Nowokunene umkono niya kunika wona kumperisite ube ngumnikelo wokufunqufunqulwa, kuyo imibingo yoxolo yenu. 33Lowo onikelayo igazi leminikelo yoxolo, nenqata, kubo onyana baka‐Arone, woba ngowake umkono wokunene ube sisahlulelwa sake. 34Ngokuba isifuba sokushukushukunyiswa nomkono wokufunqufunqulwa ndizicapule elusatsheni luka‐Sirayeli, kuyo imibingo yoxolo yalo, ndazinika ku‐Arone umperisite, nakonyana bake, ngommiselo ongunapakade, zivela kulo usapo luka‐Sirayeli. 35Oku kukokwokutanjiswa kuka‐Arone, nokwokutanjiswa kwonyana bake, kuvela kuyo iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova, emhleni abebasondeza ukuza kukonza ngobuperisite kuyehova; 36oko uyehova waxela ukuba kunikwe kubo, emhleni wokubatambisa kwake, lusapo luka‐Sirayeli, ube ngummiselwa ongunapakade ngezizukulwana zalo.
37Nguwo lo umteto wedini lokutshiswa, nowomnikelo wokudla, nowedini lesono, nowedini letyala, noweminikelo yokuzalisa, nowombingo woxolo; 38lowo uyehova wayalela u‐Mosesi ngawo entabeni ye‐Sinai, emhleni wayalelayo usapo luka‐Sirayeli ukuba lunikele iminikelo yalo kuyehova, entlango ye‐Sinai.