1KWATI ke emveni kwesabata, kwakuza kusa ngolwokuqala usuku lweveki, kweza u‐Mariya wase‐Magadala, nomnye u‐Mariya, ukuza kukangela incw̔aba. 2Kekaloku bona ke, kwabekuko isingcangcazelo somhlaba esikulu: ngokuba ingelosi yenkosi yehlayo ezulwini, yeza yaliqengqa ilitye kuwo umnyango, yahlala pantsi pezu kwalo. 3Ukubonakala kwayo bekunjengokubaneka, nezivato zayo bezimhlope njengengqweqwe. 4Bati abagcini ngokuyoyika bangcangcazela, bada baba njengabafileyo.
5Yaza yapendula ingelosi yati kubafazi abo: Musani kwoyika nina; ngokuba ndisazi ukuba niyamfuna u‐Yesu obekuruseshiwe. 6Akako apa; ngokuba evukile, njengokuba wabetshilo. Yizani, nibone indawo apo inkosi yabilele kona. 7Nize niye ngokukauleza, nixelele abadisipile bake ukuba uvukile ekufeni; kanjalo, bona ke, uyanandulela ukuya e‐Galili; kwa lapo niya kumbona. Bona ke, ndinixelele. 8Baza bapuma ngokukauleza encw̔abeni, benesoyiko novuyo olukulu, bagidima ukuya kushumayela kubadisipile bake.
9Kekaloku oko bebesiya ukushumayela kubadisipile bake, waza, bona ke, u‐Yesu wabahlangabeza, esiti: Botani! Basuka beza bambamba ngenyawo, bambedesha. 10Wandula wati kubo u‐Yesu: Musani kwoyika; hambani, nishumayele kubazalwana bam ukuba bemkele e‐Galili; kona apo ke baya kundibona.
11Kekaloku nxa bebesiya, bona ke, abatile bomlisela bafika esixekweni, bashumayeza abaperisite abakulu kwa zonke izinto ezenzekileyo. 12Baza bahlanganisana nabadala, bati bakuba becebisene, bawapa imali eninzi amasodati lawo, 13besiti: Yitshoni ukuti: Abadisipile bake beza ebusuku, bamba̔ xa sileleyo. 14Sasiya kuti xeshekweni kubikwa oku ebusweni benkosi, sitomalalise yona, sinenze ningabi nangozi nina. 15Aza atabata lomali, enza njengokuba ebefundiswa: saye isiteto esi sivakaliswa ema‐Judeni kwada kwanamhla nje.
16Bati ke abadisipile abalishumi linamnye baya e‐Galili, entabeni apo wabanqopisela kona u‐Yesu. 17Baza bati bakumbona, bambedesha; kodwa batandabuza inxenye. 18Waye u‐Yesu esiza wateta kubo, esiti: kunikwe mna amandla onke ezulwini nasemhlabeni. 19Hambani ngoko niye nizenze abadisipile zonke intlanga, nibabapitizeshela egameni loyise ne lonyana ne lomoya oyingcwele, 20nibafundisa ukugcina zonke izinto endiniyalele ngazo: kanjalo bona ke, ndiko mna kunye nani yonke imihla kude kube kukugqityelwa kwelizwe elikoyo. Amene.