1LUMKANI ukuba ningenzi amalizo enu ebusweni babantu, ngokunga ningabonelwa ngabo; okanye, aninawo umvuzo kuyihlo osezulwini. 2Ngako nxa uwenza amalizo, ungahlokomisi ixilongo pambi kwako, njengokuba abahanahanisi besenza ezindlwini zentlanganiso nasezindleleni, ukuze badunyiswe ngabantu. Ngokwenene nditi kuni: Sebewamkele umvuzo wabo. 3Kodwa wena wakuwenza amalizo, masingazi isandla sako sokohlo into eyenziwayo sesokunene sako: 4ukuze amalizo ako abe semfihlekweni; noyihlo obonayo emfihlekweni, kwa yena wokuvuza ekuhleni.
5Kanjalo nxa utandazayo, akuyi kuba njengabahanahanisi; ngokuba betanda ukutandaza bemi ezindlwini zentlanganiso nasekujikeni kwezitarate, ukuze babonakale ebantwini. Ngokwenene nditi kuni: Sebewamkele umvuzo wabo. 6Kodwa wena, nxa utandazayo, ngena enkambilini yako, uti wakuba uvalile ucango lwako, utandaze kuyihlo osemfihlekweni; noyihlo obonayo emfihlekweni, uya kukuvuza ekuhleni.
7Kodwa nakutandaza, ningenzi imilembelele engendawo, njengabaheyideni; ngokuba beba baya kuviwa ngokuteta kwabo okuninzi. 8Ize ningafani nabo ke; ngokuba uyihlo ezazi into enizisweleyo, ningekaceli kuye.
9Ngako tandazani nina ngokunje, niti: Bawo wetu osezulwini! Malipatwe ngobungcwele igama lako. 10Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini. 11Sipe namhla nje ukutya kwetu kwemihla ngemihla. 12Usixolele izono zetu, njengokuba nati sixolela abo basonayo tina. 13Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni. Ngokuba bubobako ubukumkani, namandla, nobungcwalisa, kude kube ngunapakade. Amene. 14Ngokuba xeshekweni nibaxolela abantu iziposo zabo, uyihlo wasezulwini wonixolela nani: 15kodwa xeshekweni ningabaxoleli abantu iziposo zabo, kanjalo uyihlo akayi kunixolela iziposo zenu.
16Kanjako nxa nizilayo ukutya, ningabi njengabahanahanisi nisiti kunubembe; ngokuba bebenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini bezila. Ngokwenene nditi kuni: Sebewamkele umvuzo wabo. 17Wena kodwa, wakuzila ukutya, tambisa intloko yako, nobuso bako buhlambe; 18ukuze ungabonakali ebantwini uzila, kodwa ubonakale kuyihlo osemfihlekweni; noyihlo obonayo emfihlekweni, uya kukuvuza ekuhleni.
19Ningazibekeli indyebo emhlabeni, apo kugugisayo inundu nomhlwa, nalapo amasela agqoboza ebe̔ kona: 20kodwa zibekeleni indyebo ezulwini, apo kungagugisi nenundu nomhlwa, nalapo amasela angagqobozi angebi̔ kona: 21ngokuba apo ikona indyebo yenu, yoba kwa kona nentliziyo yenu.
22Isibane somzimba sililiso: ngako xeshekweni iliso lako lingenanto, wonke umzimba wako woba nokukanya: 23kodwa xeshekweni iliso lako lenzakele, wonke umzimba wako woba mnyama. Ukuba ngoko ukukanya okupakati kwako kububumnyama, ubumnyama obo bukulu kangakananina!
24Akuko mntu ongakonzayo inkosi ezimbini: ngokuba eya kutiya enye, atande enye; okanye, uya kubambelela kwenye, adele enye. Aningekonze utixo nobutyebi kunye.
25Ngako oku nditi kuni: Musani kutukutezelela ubomi benu, ukuba notya nto nina, nokuba nosela nto nina; ningatukutezeleli nomzimba wenu, ukuba niya kwambata nto nina: ubomi abukulu na kuko ukutya? nomzimba awumkulu na kuzo izivato? 26Kangelani intaka zezulu, okokuba azihlwayeli, azivuni, azibuteli eziseleni, kanti uyihlo wasezulwini uyazondla noko: kekaloku nina anigqitisele zona kakulu na? 27Nguwupina ke kuni ongati ngokutukutezela ongezelele ebudeni bake ikubite ibe nye? 28Kanjalo yinina ukuba nitukutuzelele izivato? Gqalani inyibiba zasendle, ukuba ziti nina ukuhluma; azisebenzi, azisonti kanjako: 29kanti nditi kuni, kwa u‐Solomone kubo bonke ubungcwalisa bake akavatiswanga njengenye yezi. 30Ukuba ke inca yasendle, eti namhla ibeko, iti ngomso iposwe eziko, utixo uyenje njalo ukuyambatisa, akayi kunambatisa nina kakulu ngakumbi na, nina balukolo luncinane? 31Ngako ningabi nakutukutezela, nisiti: Sotya nto nina? umhlaumbi: Sosela nto nina? umhlaumbi: Sovata nto nina? 32(ngokuba zonke ezizinto abaheyideni bezifuna:) ngokuba esazi uyihlo wasezulwini ukuba niziswele ezizinto zonke. 33Kodwa funani kuqala ubukumkani bukatixo, nobulungisa bake, zaziya kuti zonke ezizinto zongezelelwe kuni. 34Ngako ningatukutezeleli imini yangomso; ngokuba imini yangomso iya kutukutezelela okwayo. Kwanele imini yanamhla eyayo inkatazo.