ISAHLUKO I.
1ILIZWI likayehova elezayo ku‐Mika um‐Moreshete, emihleni ka‐Yotame, no‐Ahazi, no‐Hezekiya, okumkani bo‐Juda, elo walibonayo ngayo i‐Samariya nangayo i‐Yerusaleme.
2Yivani, bantu, nina nonke! pulapula, mhlaba, nokuzala kwawo! maiti inkosi e nguyehova ibe linqi̔na ngakuni, inkosi isetempileni yayo engcwele. 3Ngokuba, bona ke, uyehova epuma endaweni yake, waeya kuhla, anyatele pezu kwendawo ezipezulu zomhlaba. 4Intaba zonyibilika pantsi kwake, nemihlambo iya kucandeka, njengomtwebeba pambi kwomlilo, njengamanzi akukuliswayo ngetambeka.
5Oku konke kungenxa yesigqito sika‐Yakobi, nangenxa yezono zendlu ka‐Sirayeli. Siyinto nina isigqito sika‐Yakobi? asi yiyo i‐Samariya na? Ziyinto nina indawo ezipakamileyo zika‐Juda? asi yiyo i‐Yerusaleme na? 6Ngako ndiya kuyenza i‐Samariya njengemfumba entsimini, nanjengezityalo zasesitiyeni semiti yeveyine: amatye ayo ndoweyelisa emhlanjeni, nemisekelo yayo ndoyityila. 7Yonke imifanekiso yayo eqingqiweyo yoqekezwa, nayo yonke imivuzo yayo yotshiswa ngomlilo, nazo zonke izitixo zayo ndozenzela ingci̔takalo; ngokuba izihlanganisile ngomvuzo wompinyiswa, ziya kubuya zibe ngumvuzo wompinyiswa kanjako. 8Ngako oku ndiya kukala, ndilile nokulila, ndiya kuhamba ndihlubulukile, ndizé; ndokwenza ukukala njengencu̔ka, nokuncwina njengenciniba. 9Ngokuba amanxeba ayo engenakupoliswa; ngokuba eze nakwa‐Juda: ufikele esangweni labantu bam, kwa se‐Yerusaleme.
10Ningashumayeli e‐Gate, ningake nilile: uti e‐Bete‐hofera uqikaqikeke elutulini. 11Dlula, wena mhlalikazi wase‐Shafire! onobuzé, onehlazo; akapumi umhlalikazi wase‐Tsanane; isijwili se‐Bete‐atsele siyasusa isima saso kuni. 12Ngenyaniso umhlalikazi wase‐Marote uyatutumbela okulungileyo; ngokuba ububi buhlile kuyehova, busiza esangweni le‐Yerusaleme. 13Bopa ihashe eliyimbaleki enqwelweni, wena mhlalikazi wase‐Lakishe! (ibikukuqala kwokwona yona kwintombi yase‐Ziyone;) ngokuba izigqito zika‐Sirayeli bezifunyanwa kuwe. 14Ngako oko uya kunika isindululo kwi‐Moreshete‐gate; izindlu zase‐Kazibe zoba yinto ekohlisayo kubo okumkani bo‐Sirayeli. 15Kanjako, ndozisa umfuyi kuwe, wena mhlalikazi wase‐Maresha! woza e‐Hadulame, ubungcwalisa bakwa‐Sirayeli. 16Zenze bunqai, uzigugule ngenxa yabantwana bako abamnandi; yenza banzi ubunqai bako, njengokozi; ngokuba befudusiwe kuwe.