1ZATI inkosi zabantu zahlala e‐Yerusaleme: nesisalela sabantu, bawenza amaqashiso okuba kuziswe abe mnye kwabalishumi ahlale e‐Yerusaleme, isixeko esiyingcwele, nokuba abanye abalitoba bahlale kwezinye izixeko. 2Baye abantu betamsanqelisa onke lomadoda azinikelayo ngokuvuma ukuza kuhlala e‐Yerusaleme.
3Zizo ezi intloko zaselizwaneni ezahlala e‐Yerusaleme: (kekaloku ezixekweni zakwa‐Juda, kwahlala abanye ngabanye ezimfuyweni zabo, ezixekweni zakowabo, o‐Sirayeli, abaperisite, naba‐Levi, naba‐Netini, nosapo lwezicaka zika‐Solomone: 4nase‐Yerusaleme kwahlala inxenye kulo usapo luka‐Juda, nakulo usapo luka‐Benjamine.)
Kulo usapo luka‐Juda: u‐Hataya, unyana ka‐Huziya, unyana ka‐Zekariya, unyana ka‐Amariya, unyana ka‐Shefatiya, unyana ka‐Mahalalele, kulo usapo luka‐Faretse; 5no‐Mahaseya, unyana ka‐Baruke, unyana ka‐Kolehoze, unyana ka‐Hazaya, unyana ka‐Hadaya, unyana ka‐Yoyaribe, unyana ka‐Zekariya, unyana ka‐Shilo. 6Lwonke usapo luka‐Faretse olwahlala e‐Yerusaleme, ngamakulu mane anamashumi matandatu anesibozo amadoda akalipileyo.
7Ngaba abalusapo luka‐Benjamine: u‐Salu, unyana ka‐Meshulame, unyana ka‐Yohedi, unyana ka‐Pedaya, unyana ka‐Kolaya, unyana ka‐Mahaseya, unyana ka‐Yitiyeli, unyana ka‐Yesaya; 8nasemva kwake, u‐Gabai, u‐Salai; amakulu alitoba anamashumi mabini anesibozo: 9u‐Joweli, unyana ka‐Zikeri, ebengumongama wabo: no‐Juda, unyana ka‐Hasenuwa, ebepezu kwesixeko esesibini isahlulo.
10Kubo abaperisite: u‐Yedaya unyana ka‐Yoyaribe, u‐Yakine, 11u‐Seraya, unyana ka‐Hilikiya, unyana ka‐Meshulame, unyana ka‐Tsadoki, unyana ka‐Merayoti, unyana ka‐Ahitube, umpati wendlu katixo; 12nabazalwana babo, abawenza umsebenzi wendlu, amakulu asibozo anamashumi mabini anesibini; no‐Hadaya, unyana ka‐Yerohame, unyana ka‐Pelaliya, unyana ka‐Ametsi, unyana ka‐Zekariya, unyana ka‐Pashure, unyana ka‐Malekiya; 13nabazalwana bake, intloko zendlu zoyise, amakulu mabini anamashumi mane anesibini; no‐Hamashesai, unyana ka‐Hazareli, unyana ka‐Ahezai, unyana ka‐Meshilemote, unyana ka‐Yimeri; 14nabazalwana babo, amaṙoti akalipileyo, ikulu elinamashumi mabini anesibozo: umongama wabo ebengu‐Zabideli, unyana wowabakulu.
15Nakubo aba‐Levi: u‐Shemaya, unyana ka‐Hashube, unyana ka‐Zarikame, unyana ka‐Hashabiya, unyana ka‐Buni; 16no‐Shabetai, no‐Yozabadi, abapezu kwomsebenzi wapandle wendlu katixo, kubo abazintloko zaba‐Levi; 17no‐Mataniya, unyana ka‐Mika, unyana ka‐Zabedi, unyana ka‐Safa, intloko eyaqala ukubulela ekutandazeni; no‐Bakebukiya, owesibini pakati kwabazalwana bake; no‐Abeda, unyana ka‐Shamuha, unyana ka‐Galali, unyana ka‐Jedutune. 18Bonke aba‐Levi esixekweni esiyingcwele bebengamakulu mabini anamashumi asibozo anabane.
19Nabalindimnyango: u‐Hakube, u‐Talimone, nabazalwana babo abagcinayo amasango, ikulu elinamashumi asixe̔nxe anesibini.
20Nesisalela so‐Sirayeli, abaperisite, naba‐Levi, bebekuzo zonke izixeko zakwa‐Juda, abanye ngabanye emafeni abo.
21Bati aba‐Netini bahlala e‐Hofeli: u‐Tsiha no‐Gishepa bebepezu kwaba‐Netini.
22Kanjalo umongama waba‐Levi e‐Yerusaleme ebengu‐Huzi, unyana ka‐Bani, unyana ka‐Hashabiya, unyana ka‐Mataniya, unyana ka‐Mika. Kulo usapo luka‐Safa, abaculi bebepezu kwomsebenzi wendlu katixo. 23Ngokuba umyalelo wokumkani ngabo, ubungowokuba abaculi babe nesabelwa esitile, into yemini ngemini yayo.
24No‐Petahiya unyana ka‐Meshezabele, kulo usapo luka‐Zera unyana ka‐Juda, yena ebengecala lokumkani, ngento zonke zabantu.
25Nasemizini, kunye nezindle zayo, kwahlala inxenye yosapo luka‐Juda e‐Kiriyate‐areba namagxamesi ayo, nase‐Dibone namagxamesi ayo, nase‐Yekabetsele nemizi yayo, 26nase‐Yeshuha, nase‐Molada, nase‐Bete‐pelete, 27nase‐Hatsareshuhali, nase‐Beresheba namagxamesi ayo, 28nase‐Tsikilage, nase‐Mekona, nakuwo amagxamesi ayo, 29nase‐Henerimone, nase‐Tsoreha, nase‐Yaremute, 30e‐Zanoha, e‐Hadulame, nakuyo imizi yazo, e‐Lakishe nezindle zayo, e‐Hazeka namagxamesi ayo. Kwamiwa kwa se‐Beresheba kwada kwasesihlanjeni sika‐Hinome.
31Kwahlala nosapo luka‐Benjamine lwase‐Geba e‐Mikimashe, nase‐Haya, nase‐Betele namagxamesi ayo, 32e‐Hanatote, e‐Nobe, e‐Hananiya, 33e‐Hatsore, e‐Rama, e‐Gitayime, 34e‐Hadidi, e‐Tsebohime, e‐Nebalate, 35e‐Lodi, nase‐Ono, emhlanjeni wencibi.
36Nakubo aba‐Levi kwahlala inxenye ezahlulweni zakwa‐Juda, nezakwa‐Benjamine.