1KWAYE kute ngenyanga yo‐Nisane, ngowamashumi mabini umnyaka ka‐Aretashasheta ukumkani, iveyine ibipambi kwake: ndaza ndatabata iveyine leyo, ndanika kukumkani. Kekaloku bendifudula ndingabi lusizi ebusweni bake. 2Ngako wati kum ukumkani: Kunganina ukuba ubuso bako bulusizi, ungenasifo nje? lento ilusizi lwentliziyo kupela. Ndaza ndoyika kakulu kunene, 3ndati kuye ukumkani: Makapile ukumkani kude kube ngunapakade! kunganina ukuba ubuso bam bungabi lusizi, oko isixeko, indawo yamancw̔aba obawo, sicitakele, namasango aso agqityelwe ngumlilo? 4Wayesiti ukumkani kum: Yinto nina uyifunayo? Ndandul’ ukutandaza kuye utixo wezulu. 5Ndandisiti kukumkani: Ukuba kunga kulungile kukumkani, nokuba isicaka sako sifumene ufefe ebusweni bako, ndinga ungandituma ukuya kwa‐Juda, esixekweni samancw̔aba obawo, ukuze ndisake. 6Waza ukumkani wati kum, (ukumkanikazi ehleli ngakuye:) Ihambo yako yoba yeyexesha elingakananina? wobuya ninina? Kwada kwanga kulungile kukumkani ukundituma: ndaza ndammisela umzuzu. 7Ndalekela ndati kukumkani: Ukuba kunga kulungile kukumkani, mandipiwe incwadi kwinkosi ezipesheya kwomlambo, zokuba zindidlulise ndide ndifike kwa‐Juda; 8nencwadi ku‐Safa umgcini wehlati lokumkani, yokuba andipe imiti yokuhlanganisa amasango enqaba engakuyo indlu, neyodonga lwesixeko, neyendlu endiya kungena kuyo. Ndapiwa ke ngukumkani, njengokuba isandla esilungileyo sotixo wam sibe sipezu kwam.
9Ndandula ndeza kuzo inkosi ezipesheya kwomlambo, ndazinika incwadi zokumkani. Waye ukumkani ebetumile kunye nam inkosi zempi nabakweli bamahashe. 10Kwati kwakuviwa ngu‐Sanebalati um‐Horonayime, no‐Tobiya isicaka, um‐Hamoni, kwabuhlungu kubo ngobuhlungu obukulu ukuba bekufikile umntu ukuza kufuna ubutamsanqa bosapo luka‐Sirayeli.
11Ndada ndatika e‐Yerusaleme, ndabendiko kona intsuku zantatu. 12Ndaza ndesuka ebusuku, mna namadoda angemaninzi kunye nam; kodwa andaxelela mntu into utixo wam abeyingenisile entliziyweni yam ukuyenza e‐Yerusaleme; kanjalo akwabiko nam nasilo, kupela esosilo ndakwela kuso. 13Ndapuma ke ebusuku ndaya ngesango lesihlambo, nangapambi kwomtombo wenamba, nasesangweni lenkunkuma, ndabonela indonga ze‐Yerusaleme, ezibe zicitiwe, namasango ayo abegqityelwe ngumlilo. 14Ndadlula ndaya esangweni lomtombo, nasecibini lokumkani: kodwa akwabiko ndawo yokuba sidlule isilo esipantsi kwam. 15Ndaza ndenyuka ebusuku ndaya ngasemlanjaneni, ndabonela udonga, ndabuya, ndangena ngesango lesihlambo, ndabuyelela ke.
16Kekaloku amagosa akazi apo bendiye kona, nento ndayenzayo; kanjako bendingaxelelanga ama‐Juda, nabaperisite, nemiduna, namagosa, nabanye abawenzayo umsebenzi, kwada kwakaloku. 17Ndaza ndati kubo: Niyabona ilishwa esikulo tina, lokuba i‐Yerusaleme icitakele, nokuba amasango ayo atshisiwe ngomlilo; yizani, masake udonga lwe‐Yerusaleme, ukuze singabi sesisigxekwa. 18Ndaza ndabashumayeza isandla sotixo wam esibe silungile pezu kwam; kwa namazwi kakumkani abewatetile kum. Bati ke: Masisuke sake. Baza bazomelezela lomsebenzi olungileyo izandla zabo.
19Kodwa kwakuviwa ngu‐Sanebalati um‐Horonayime, no‐Tobiya isicaka, um‐Hamoni, no‐Gesheme um‐Arabi, bahlekisa ngati, basidela, bati: Yinto nina le niyenzayo? niya kuvukelana nokumkani nje na? 20Ndaza ndabapendula, ndati kubo: Utixo wezulu, nguye oya kusitamsanqelekisa; ngako tina, izicaka zake, siya kusuka sake: kodwa nina aninasabiwo, nagunya, nasikumbuzelo, e‐Yerusaleme.