1KWAYE kute, emveni kwokuba udonga lwaselwakiwe, nokuba bendizimisile ingcango, nokuba bebepatisiwe abalindimnyango, nabaculi, naba‐Levi, 2ndandula ndamisa u‐Hanani umzalwana wam, no‐Hananiya inkosi yenqaba, pezu kwe‐Yerusaleme: ngokuba ebeyindoda yenyaniso, wamoyika utixo ngapezu kwabaninzi. 3Ndandisiti kubo: Amasango e‐Yerusaleme makangavulwa lide libalele ilanga; naxeshekweni basemiyo ngakuwo, mabavale ingcango, bafake imivalo: kanjalo makumiswe abalindi, abemi base‐Yerusaleme, bonke ngabanye ekulindeni kwabo, nabanye ngabanye malungana nezindlu zabo.
4Kekaloku isixeko sasibanzi indawo yaso, sasikulu; kodwa abantu bebelula pakati kwaso: kanjako izindlu bezingekakiwe.
5Wandula utixo wam wabeka entliziyweni yam ukuba ndihlanganise imiduna, namagosa, nabantu, baze baba̔lelwe ngokuzalwa. Ndaza ndafumana isiba̔lelo sokuzalwa sababenyuke ekuqaleni, ndafumana kuba̔liwe kuso, kusitwa:
6Lulo olu usapo lwaselizwaneni olwanyukayo kubo abatinjwa abebefudusiwe, abo u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ebebafudusile, lwabuya lweza e‐Yerusaleme nakwa‐Juda, olunye ngolunye esixekweni sakowalo; 7olwezayo no‐Zerubabeli:
U‐Yoshuwa, u‐Nehemiya, u‐Hazariya, u‐Rahamiya, u‐Nahamani, u‐Modekai, u‐Bilishane, u‐Miseperete, u‐Bigivai, u‐Nehumi, u‐Bahana.
Inani lamadoda abantu bakwa‐Sirayeli: 8Usapo luka‐Paroshe, ngamawaka mabini anekulu linye elinamashumi asixe̔nxe anesibini. 9Usapo luka‐Shefatiya, ngamakulu matatu anamashumi asixe̔nxe anesibini. 10Usapo luka‐Arahi, ngamakulu matandatu anamashumi mahlanu anesibini. 11Usapo luka‐Pahati‐mowabi, olwosapo luka‐Yoshuwa no‐Jowabi, ngamawaka mabini anamakulu asibozo aneshumi linesibozo. 12Usapo luka‐Helami, liwaka linye elinamakulu mabini anamashumi mahlanu anesine. 13Usapo luka‐Zatu, ngamakulu asibozo anamashumi mane anesihlanu. 14Usapo luka‐Zakai, ngamakulu asixe̔nxe anamashumi matandatu. 15Usapo luka‐Binuwi, ngamakulu matandatu anamashumi mane anesibozo. 16Usapo luka‐Bebai, ngamakulu matandatu anamashumi mabini anesibozo. 17Usapo luka‐Hazegadi, ngamawaka mabini anamakulu matatu anamashumi mabini anesibini. 18Usapo luka‐Adonikame, ngamakulu matandatu anamashumi matandatu anesixe̔nxe. 19Usapo luka‐Bigivai, ngamawaka mabini anamashumi matandatu anesixe̔nxe. 20Usapo luka‐Hadine, ngamakulu matandatu anamashumi mahlanu anesihlanu. 21Usapo luka‐Atere, oluka‐Hezekiya, ngamashumi alitoba anesibozo. 22Usapo luka‐Hashumi, ngamakulu matatu anamashumi mabini anesibozo. 23Usapo luka‐Betsai, ngamakulu matatu anamashumi mabini anesine. 24Usapo luka‐Harife, likulu linye elineshumi linesibini. 25Usapo lwase‐Gibeyone, ngamashumi alitoba anesihlanu. 26Amadoda ase‐Bete‐leheme ne‐Netofati, likulu linye elinamashumi asibozo anesibozo. 27Amadoda ase‐Hanatote, likulu linye elinamashumi mabini anesibozo. 28Amadoda ase‐Bete‐hazamaveti, ngamashumi mane anesibini. 29Amadoda ase‐Kiriyate‐yarime, ne‐Kefira, ne‐Berote, ngamakulu asixe̔nxe anamashumi mane anesitatu. 30Amadoda ase‐Rama ne‐Gaba, ngamakulu matandatu anamashumi mabini ananye. 31Amadoda ase‐Mikimasi, likulu linye elinamashumi mabini anesibini. 32Amadoda ase‐Betele ne‐Hahai, likulu linye elinamashumi mabini anesitatu. 33Amadoda ase‐Nebo yimbi, ngamashumi mahlanu anesibini. 34Usapo luka‐Helami wumbi, liwaka linye elinamakulu mabini anamashumi mahlanu anesine. 35Usapo luka‐Harime, ngamakulu matatu anamashumi mabini. 36Usapo lwase‐Jeriko, ngamakulu matatu anamashumi mane anesihlanu. 37Usapo lwase‐Lodi, ne‐Hadidi, ne‐Ono, ngamakulu asixe̔nxe anamashumi mabini anesinye. 38Usapo lwase‐Senaha, ngamawaka matatu anamakulu alitoba anamashumi matatu.
39Abaperisite: usapo luka‐Yedaya, olwendlu ka‐Yoshuwa, ngamakulu alitoba anamashumi asixe̔nxe anesitatu. 40Usapo luka‐Yimeri, liwaka linye elinamashumi mahlanu anesibini. 41Usapo luka‐Pashure, liwaka linye elinamakulu mabini anamashumi mane anesixe̔nxe. 42Usapo luka‐Harime, liwaka linye elineshumi linesixe̔nxe.
43Aba‐Levi: usapo luka‐Yoshuwa no‐Kadimele, olwosapo luka‐Hodeva, ngamashumi asixe̔nxe anesine.
44Abaculi: usapo luka‐Safa, likulu linye elinamashumi mane anesibozo.
45Abalindimnyango: usapo luka‐Shalume, usapo luka‐Atere, usapo luka‐Talimone, usapo luka‐Hakube, usapo luka‐Hatita, usapo luka‐Shobai, likulu linye elinamashumi matatu anesibozo.
46Aba‐Netini: usapo luka‐Tsiha, usapo luka‐Hasufa, usapo luka‐Tabahoti, 47usapo luka‐Kerosi, usapo luka‐Siha, usapo luka‐Padoni, 48usapo luka‐Lebana, usapo luka‐Hagaba, usapo luka‐Shalemai, 49usapo luka‐Hanane, usapo luka‐Gidele, usapo luka‐Gahari, 50usapo luka‐Rehaya, usapo luka‐Retsine, usapo luka‐Nekoda, 51usapo luka‐Gazame, usapo luka‐Huza, usapo luka‐Paseha, 52usapo luka‐Besai, usapo luka‐Mehunime, usapo luka‐Nefishesime, 53usapo luka‐Bakebuke, usapo luka‐Hakufa, usapo luka‐Harehure, 54usapo luka‐Batseliti, usapo luka‐Mehida, usapo luka‐Haresha, 55usapo luka‐Barekosi, usapo luka‐Sisera, usapo luka‐Tama, 56usapo luka‐Netsiha, usapo luka‐Hatifa. 57Usapo lwezicaka zika‐Solomone: usapo luka‐Sotai, usapo luka‐Soferete, usapo luka‐Perida, 58usapo luka‐Yahala, usapo luka‐Darekone, usapo luka‐Gidele, 59usapo luka‐Shefatiya, usapo luka‐Hatili, usapo luka‐Pokerete‐tsebayime, usapo luka‐Amoni. 60Bonke aba‐Netini, nosapo lwezicaka zika‐Solomone, ngamakulu matatu anamashumi alitoba anesibini.
61Kanjalo aba ngabanyukayo e‐Tele‐mela, nase‐Tele‐haresha: u‐Kerube, u‐Adoni, no‐Yimeri: kodwa bakohlwa kuxela indlu yoyise yabo, nesizalwane sabo, ukuba bangabakwa‐Sirayeli na. 62Usapo luka‐Delaya, usapo luka‐Tobiya, usapo luka‐Nekoda, ngamakulu matandatu anamashumi mane anesibini.
63Nakubo abaperisite: onyana baka‐Habaya, onyana baka‐Kotse, onyana baka‐Barezilai, owazeka umfazi kwintombi zika‐Barezilai um‐Gileyadi, wabizwa ngegama lazo: 64aba bafuna ukuba̔lelwa kwabo pakati kwababa̔lelweyo ngokuzalwa, kodwa akwafunyanwa: ngako bashenxiswa kubo ubuperisite njengabanco̔lileyo. 65Yayisiti kubo inkosi enkulu, ukuba mabangatyi kwizinto ezingcwele kakulu, kude kusuke umperisite ene‐Urime ne‐Tumime.
66Yonke intlanganiso kwa kunye ibingamawaka amashumi mane enesibini anamakulu matatu anamashumi matandatu, 67ngapandle kwezicaka zabo nezicakakazi zabo, ezibe zingamawaka asixe̔nxe anamakulu matatu anamashumi matatu anesixe̔nxe: bebenabaculi nabaculikazi abangamakulu mabini anamashumi mane anesihlanu kanjako. 68Amahashe abo ebengamakulu asixe̔nxe anamashumi matatu anesitandatu; amaqwaṙaṙa abo ebengamakulu mabini anamashumi mane anesihlanu; 69inkamela zabo bezingamakulu mane anamashumi matatu anesihlanu; amaqwaṙashe abo ebengamawaka matandatu anamakulu asixe̔nxe anamashumi mabini.
70Bati inxenye kubo bonke abazintloko zendlu zoyise, banika emsebenzini. Inkosi enkulu yanika endyetyeni, idarike zegolide zaliwaka linye, nezitya zokufefela zamashumi mahlanu, nengubo zabaperisite zamakulu mahlanu anamashumi matatu. 71Nabazintloko zendlu zoyise inxenye banika endyetyeni yomsebenzi, idarike zegolide zamawaka angamashumi mabini, nemina zesilivere zamawaka mabini anamakulu mabini. 72Okwanikwayo ngabanye abantu bekuzidarike zegolide ezimawaka amashumi mabini, nemina zesilivere ezimawaka mabini, nengubo zabaperisite ezimashumi matandatu anesixe̔nxe.
73Bada abaperisite, naba‐Levi, nabalindimnyango, nabaculi, nenxenye yabantu, naba‐Netini, no‐Sirayeli bonke, bahlala ezixekweni zakowabo: kwati kwakufika inyanga yesixe̔nxe, usapo luka‐Sirayeli belusezixekweni zalo.