1KEKALOKU ngomhla wamashumi mabini anesine walenyanga, kwahlanganisana usapo luka‐Sirayeli, lunenzilo, nengubo ezintlakantlaka, nomhlaba pezu kwalo. 2Yaza inzalo ka‐Sirayeli yazahlula kubo bonke abezinye intlanga, yema yaxela izono zayo, nenkohlakalo zoyise bayo. 3Bapakama endaweni yokuma yabo, balesesha encwadini yomteto kayehova, utixo wabo, esesine isahluko semini; nesinye isahluko sesine, baxela, bambedesha uyehova, utixo wabo. 4Basuka bema pezu kwendawo epezulu yaba‐Levi, u‐Yoshuwa, no‐Bani, u‐Kadimele, u‐Shebaniya, u‐Buni, u‐Sherebiya, u‐Bani, no‐Kenani, bakala ngelizwi elikulu kuyehova, utixo wabo.
5Bandula bati aba‐Levi, u‐Yoshuwa, no‐Kadimele, u‐Bani, u‐Hashabiniya, u‐Sherebiya, u‐Hodiya, u‐Shebaniya, no‐Petahiya:
Pakamani, bongani uyehova, utixo wenu, kwa kunapakade kude kube ngunapakade: malibongwe igama lako elibungcwalisa, elipakanyiselweyo ngapezu konke ukubongwa nokudunyiswa. 6Wena unguye uyehova wedwa; nguwe owenzileyo izulu, izulu lamazulu, nawo wonke umkosi walo: umhlaba, nako konke okupezu kwawo; ilwandle, nako konke okukuzo: nguwe ezilondolozayo zonke ezonto: umkosi wezulu uyabedesha wena.
7Wena unguye uyehova o ngutixo, owamqashayo u‐Abrame, wamkupa e‐Ure yama‐Kaledine, wamtiya igama elingu‐Abrahame; 8wayifumana intliziyo yake inyanisekile pambi kwako, walwenza naye ucebano, ukuba ulinike ilizwe laba‐Kanane, nama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Yebusi, nama‐Giregashe, ukuba ulinike kuyo inzalo yake: waza waqinisa amazwi ako: ngokuba ulungile wena: 9kanjalo wabona ukubandezelwa kwobawo betu e‐Jipete, nokukala kwabo wakuva ngaselwandle olubomvu; 10wakupa imiqondiso nemimangaliso pezu kwake u‐Faro, napezu kwazo zonke izicaka zake, napezu kwabo bonke abantu belizwe lake: ngokuba ubusazi ukuba benza nger̔atshi ngakubo: waza wazenzela igama, njengokuba kunjalo kwa namhla: 11nolwandle wabulucanda pambi kwabo, bada badlula pakati kwolwandle pezu kwomhlaba owomileyo; nabatshutshisi babo wabubaposela ezinzulwini, njengelitye emanzini anamandla: 12wabubakapa emini ngentsika yelifu; nasebusuku ngentsika yomlilo, baze bakanyiselwe endleleni abaya kuhamba ngayo.
13Kanjako wabusihla pezu kwentaba ye‐Sinai, wateta nabo usezulwini, wabanika izigwebo ezifaneleyo, nemiteto eyinene, imimiselo nemiyalelo elungileyo: 14nesabata yako engcwele wayazisa kubo; nemiyalelo, nemimiselo, nomteto, wayixela kubo ngo‐Mosesi isicaka sako: 15nesonka sivela ezulwini wabusinika kubo ngenxa yokulamba kwabo, wabapumisela amanzi eweni ngenxa yokunxanwa kwabo, wabaxelela ukuba bangene ukufuya ilizwe obupakamisile isandla sako sokuba ulinike kubo.
16Kodwa bona nobawo betu benza nger̔atshi, bazenza lukuni intamo zabo, abapulapula imiyalelo yako, 17bala ukuva, abakumbulela imimangaliso yako obuyenzile pakati kwabo; bazenza lukuni intamo zabo, bati ngenkani yabo badala intloko, ukuba babuyele ebukobokeni babo: kodwa wena ungutixo wezixolelo, onofefe, onetaṙu, oqumba kade, onobubele obukulu; ngako ubungabashiyanga. 18Ewe, naxeshekweni bebezenzele itole elityityishiweyo, bati: Eli lingutixo wako owakunyusayo e‐Jipete; baza benza izigxeko ezikulu; 19wati wena noko, ngezibele zako ezininzi, akwabashiya entlango: intsika yelifu ibingemki kubo emini, ize ibakokele endleleni; kwa nentsika yomlilo ebusuku, ize ibakanyisele, nendlela abaya kuhamba ngayo.
20Kanjalo wanika umoya wako olungileyo ukubafundisa; akwabamba imana yako emlonyeni wabo, wabapa amanzi ngenxa yokunxanwa kwabo; 21wabanqaka entlango iminyaka yamashumi mane, abaswela luto; izivato zabo bezingenakuguga, nenyawo zabo azadumba. 22Kanjako wabubanika ubukumkani nentlanga, wabahlulahlula kwindawo ngendawo: bada bafuya ilizwe lika‐Sihone, kwa ilizwe lokumkani we‐Heshebone, nelizwe lika‐Hogi ukumkani we‐Bashane. 23Nabantwana babo wabubandisa njengenkwenkwezi zezulu, wabangenisa kwelolizwe ubuxelele oyise babo ukuba bongena ukulifuya. 24Kwa njalo abantwana abo bangena balifuya ilizwe, wati wena wabatobisa pambi kwabo abemi belizwe, aba‐Kanane, wabanikela ezandleni zabo, nokumkani babo, nabantu belizwe, ukuze benze kubo njengokutanda kwabo. 25Baza babamba izixeko ezinqatyisiweyo, nomhlaba otyebileyo, bafuya izindlu zizele zindyebo zonke, amacibi embelweyo, izitiya zemiti yeveyine, nezeminquma, nemiti yokutya, ngobuninzi: badla ke, bahluta, batyeba, baziyolisa ekulungeni kwako obukulu.
26Kodwa benza ngenkani, bavukela ngakuwe, baposa umteto wako emva kwomhlana wabo, babulala abaprofite bako, abo banqi̔nayo ngakubo, ukuba bababuyisele kuwe, bazenza izigxeko ezikulu. 27Ngako wabubanikela esandleni sentshaba zabo, ezababandezelayo; kodwa ngexesha lokubandezelwa kwabo, bakukala kuwe, wabusiva ezulwini, wabanika abasindisi, ngezibele zako ezininzi, ababasindisayo esandleni sentshaba zabo. 28Kanti xeshekweni babenokupumla, babuya bakwenza okukohlakeleyo pambi kwako: ngako wena wabashiya esandleni sentshaba zabo, ukuba zaba nobukosi pezu kwabo; kodwa bakubuya bakala kuwe, wabusiva ezulwini, wabahlangula, ngazo izibele zako, amaxesha amaninzi; 29wanqi̔nayo ngakubo, ukuba ubabuyisele emtetweni wako: benza nger̔atshi noko, abapulapula imiyalelo yako, koko bonayo ngakuzo izigwebo zako, (aya kuti umntu, ukuba uyazenza, apile ngazo,) bapepisa igxalaba, bayenza lukuni intamo yabo, abapulapula ke. 30Kodwa wabubeka kade pezu kwabo iminyaka yamininzi, wanqi̔na ngakubo ngomoya wako ngabo abaprofite bako: ababekela ndlebe noko: ngako wabanikela esandleni sabantu bamazwe. 31Kodwa, ngezibele zako ezininzi, akwenza ukugqityelwa kwabo, akwabashiya kanjako; ngokuba wena u ngutixo onofefe onetaṙu.
32Ngako kaloku, Tixo wetu! utixo omkulu, onamandla, owoyikekayo, ogcinayo ucebano nobubele, mayingabi yinto encinane ebusweni bako yonke inkatazo esihlileyo tina, okumkani betu, inkosi zetu, nabaperisite betu, nabaprofite betu, nobawo betu, nabo bonke abantu bako, kuselokwexesha lokumkani be‐Asiriya kwada kwanamhla nje. 33Kodwa ulungile wena ngako konke esifikelwe kuko; ngokuba ubusenza ngenyaniso, kodwa tina senzile ngokukohlakeleyo: 34ababambanga umteto wako okumkani beta, nenkosi zetu, nabaperisite betu, nobawo betu; abapulapulanga imiyalelo yako, nezinqi̔nelo zako, owabunqi̔na ngakubo ngazo. 35Ngokuba bengakonzanga wena ebukumkanini babo nasekulungeni kwako okukulu owakunika kubo, naselizweni elibanzi elityebileyo owalinikayo pambi kwabo; kanjako abaguquka kuzo izenzo zabo ezikohlakeleyo. 36Bona ke, namhla singabakonzi, nelizwe owabulinika kobawo betu ukuba batye ukuxakata kwalo nokuba mnandi kwalo, nanku singabakonzi kulo: 37nokuvelisa kwalo liyakwandisela okumkani obabekileyo pezu kwetu ngenxa yezono zetu: kanjalo banobukosi pezu kwemizimba yetu, napezu kwenkomo zetu, njengokutanda kwabo; sisebunzimeni obukulu tina.
38Nangenxa kwako konke oku siyalwenza ucebano, siluba̔le; ziti inkosi zetu, naba‐Levi betu, nabaperisite betu, baluncamatisele.