1KWABEKUTE, bakugungqa abantu, kwakubi ezindlebeni zikayehova: ngokuba uyehova ebesiva, yada yavuta ingqumbo yake; waza umlilo kayehova watshisa pakati kwabo, wagqibela inxenye ezipelweni zomnquba. 2Baza abantu bakala ku‐Mosesi; kwati kwakutandaza u‐Mosesi kuyehova, kwadamba umlilo. 3Ngako wabiza londawo ngegama eliyi‐Tabera; ngokuba bekutshisa pakati kwabo umlilo kayehova.
4Kanjalo abantu abadityanisiweyo abapakati kwabo babanjwa kukukanuka; lwada lwabuya lwalila nosapo luka‐Sirayeli, lwati: Ngubanina oya kusidlisa inyama? 5Siyakumbula intlanzi esibe sizidla e‐Jipete ngesisa; ikomkomere, nevatala, nelike, neonyine, netswele: 6kanti kaloku umpefumlo wetu utshile; akuko nanto, ngapandle kwemana le, emehlweni etu. 7(Yaibe imana leyo injengembewu yekoriyande, nokubonakala kwayo kunjengokubonakala kwebedolaki. 8Besukasuka abantu, bayibuta, bayisila ematyeni, umhlaumbi bayinqusha esinqushelweni, bayipeka embizeni, benza ngayo nezonkana: lati isongo layo lanjengesongo lesonkana esimnandi esenziwa ngeoli. 9Kwati kwakuhla umbete pezu kwomnquba ebusuku, kwehla imana pezu kwawo.)
10Waye u‐Mosesi weva abantu belila ngezizalwane zabo, beseminyango yentente zabo abanye ngabanye: yada ingqumbo kayehova yavuta kakulu: kwakubi nasemehlweni ka‐Mosesi. 11Waza wati u‐Mosesi kuyehova: Kunganina ukuba wenzele isicaka sako ububi? kunganina nokuba ndingafumananga ufefe emehlweni ako, lento uwubeka umtwalo wababantu bonke pezu kwam? 12Ndim na obakaulileyo bonke ababantu? ndim na nobazeleyo, ukuba uti kum: Batwale esifubeni sako, njengokuba umondli etwala umntwana owanyayo, uye kwelozwe ubufungela oyise babo ngalo? 13Ndozuza pina inyama, yokuba ndipe bonke ababantu? ngokuba belila ngakum, besiti: Sipe inyama, ukuba sidle. 14Ndikohliwe ndindedwa kukutwala bonke ababantu; ngokuba kundisinda oko. 15Ukuba kungokunjalo undenzelayo, uke ugqibele ukundibulala, ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako; ndize ndingaboni ububi bam.
16Wandula wati uyehova ku‐Mosesi: Ndihlanganisele amadoda abe ngamashumi asixe̔nxe kubo abadala bo‐Sirayeli, lawo uwaziyo ukuba angabadala babantu, namagosa abo; uze uwazise ententeni yentlangano, eme kona ndawonye nawe. 17Ndoka ndihle ke, nditete nawe apo; ndandiya kucapula kulomoya opezu kwako, ndibeke pezu kwawo; neya kutwalelana nawe ekutwaleni ababantu, uze wena ungabatwali wedwa. 18Nasebantwini uya kuti: Zingewaliseleni imini yangomso, naniya kuyidla inyama: ngokuba nililile ezindlebeni zikayehova, nisiti: Ngubanina oya kusidlisa inyama? ngokuba bekumnandi kuti e‐Jipete. Ngako uyehova wonipa inyama, naniya kuyidla. 19Asi nguwo umhla umnye uya kuyidla, asi yiyo nemihla mibini, asi yiyo nemihla mihlanu, asi yiyo nemihla ilishumi, asi yiyo nemihla imashumi mabini; 20yinyanga ipela noyidla, ide ipume ezimpumlweni zenu, ibe butyeketyeke kuni; ngenxa yokuba nilahlile uyehova opakati kwenu, nalila ebusweni bake, nisiti: Kunganina lento sapumayo e‐Jipete? 21Wayesiti u‐Mosesi: Ngamawaka angamakulu matandatu abahamba ngenyawo, ababantu endipakati kwabo; ute noko: Ndobapa inyama, badle inyanga ipela. 22Igusha nenkomo ziya kubaxe̔lelwa na, ukuba kube kokubaneleyo? zonke intlanzi zolwandle ziya kubabutelwa kusinina, ukuba kube kokubaneleyo? 23Koko wati uyehova ku‐Mosesi: Isandla sikayehova sifinyele na? uya kubona kaloku ukuba ilizwi lam liya kukuhlela, lingakuhleli kusinina.
24Wapuma ke u‐Mosesi, wawateta ebantwini amazwi kayehova: wandula wahlanganisa amadoda amashumi asixe̔nxe kubo abadala babantu, wawamisa ngento engqongayo intente. 25Waza wehla uyehova ngelifu, wateta kuye, wacapula kuiomoya opezu kwake, wabeka pezu kwawo amadoda asixe̔nxe, abadala abo: kwaza kwati, kwakupumla pezu kwabo umoya lowo, baprofitesha, bengapindanga kodwa. 26Koko bekusala amadoda amabini emnqubeni, eliti igama lomnye lingu‐Eledadi, negama lomnye lingu‐Medadi; waye umoya lowo wapumla pezu kwabo, (ngokuba bona bebepakati kwababa̔lelweyo, kanti bebengapumanga ukuya ententeni,) baprofitesha emnqubeni. 27Yasuka yagidima indodana, yaxela ku‐Mosesi, yati: u‐Eledadi no‐Medadi baprofitesha emnqubeni. 28Waza wapendula u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, umkonzi ka‐Mosesi, owamadodana ake, wati: Nkosi yam, Mosesi! baqokoqele. 29Wati kuye u‐Mosesi: Unekwele ngenxa yam na? Akwaba bonke abantu bakayehova babengabaprofite, ukuba uyehova abeke pezu kwabo umoya wake! 30Waza u‐Mosesi wabutela emnqubeni, yena nabadala bo‐Sirayeli.
31Kwandul’ ukunduluka umoya kuyehova, wadlulisa izagwityi zivela olwandle, waziwisa ngasemnqubeni, ngoku ngati yihambo yemini nye ngelicala, nangokungati vihambo yemini nye ngeliya, ezindaweni ezingqongayo umnquba; zaye zingati zizikubite mbini pezu kwobuso bomhlaba. 32Besuka ke abantu yonke imini leyo, nabo bonke ubusuku, nayo yonke imini elandelayo, babuta izagwityi: owenza ngokuncinane wabuta zazilishumi ihomere: baye bezanekela ezindaweni ezingqongayo umnquba. 33Nxa inyama leyo isepakati kwamazinyo abo, ingekahlafunwa, yavuta ingqumbo kayehova ngakubo abantu, waza uyehova wabeta abantu ngesibeto esikulu kakulu. 34Ngako kwabizwa igama lalondawo ngokuti yi‐Kibrote‐hatava: ngokuba bekukona bancw̔abayo abantu ababekanukile.
35Banduluka abantu e‐Kibrote‐hatava baya e‐Hatserote; baza bako e‐Hatserote.