1KEKALOKU u‐Kora, unyana ka‐Yitsare, unyana ka‐Kohati, unyana ka‐Levi, watabata kwa u‐Datane no‐Abirame, onyana baka‐Eliyabe, no‐One, unyana ka‐Pelete, onyana baka‐Rubene; 2abasukayo pambi kwo‐Mosesi, benamadoda amakulu mabini anamashumi mahlanu elusatsheni luka‐Sirayeli, inkosi zentlanganiso, abadumileyo entlanganisweni, amadoda egama. 3Baye bebutelana ngakuye u‐Mosesi nangakuye u‐Arone, bati kubo: Kwanele nina! ngokuba yonke intlanganiso, bonke abayo bebangcwele, noyehova upakati kwabo: kunganina ke ukuba nizipakamisa pezu kwomhlambi kayehova?
4Wati u‐Mosesi akuva oku, wandula ukuwa ngobuso bake. 5Waza wateta ku‐Kora, nakuyo yonke imbuto yake, esiti: Kwa kusasa uyehova uya kwazisa ongowake, noyingcwele, amsondeze kuye: kwa lowo umnyulileyo uya kumsondeza kuye. 6Yenzani oku: zitabateleni iziqumelo, u‐Kora nayo yonke imbuto yake; 7niti kusasa nifake kuzo umlilo, nibeke kuzo nesiqumiso pambi kwoyehova; kwakuya kuti, londoda aya kuyinyula uyehova, yiyo eya kuba ngcwele: kwanele nina, bonyana baka‐Levi!
8Wayesiti u‐Mosesi ku‐Kora: Ize nipulapule ke, bonyana baka‐Levi! 9Kuyinto encinane na kuni, ukuba utixo wo‐Sirayeli unahlulile entlanganisweni yo‐Sirayeli, ukuba anisondeze kwa kuye, ukuza kuyenza inkonzo yetabanakele kayehova, nokuma pambi kwentlanganiso ukuba nibakonze? 10Ekusondezile nje wena, nabo bonke abazalwana bako, usapo luka‐Levi, kunye nawe; nize nifune ubuperisite nabo na? 11Kungoko wena, nayo yonke imbuto yako, nihlanganisene ngakuye uyehova; ngokuba u‐Arone, uyinto nina yena, ukuba niṙoṙa ngakuye?
12Waza watuma u‐Mosesi ukuba kubizwe u‐Datane no‐Abirame, onyana baka‐Eliyabe; abati: Asiyi kunyuka. 13Kuyinto encinane na, okokuba usinyusile ezweni elela ubisi nobusi, ukusibubisa entlango, ukuba uya kuzenza nenkosi pezu kwetu? 14Kanjako akusizisanga ezweni elela ubisi nobusi, nelifa lamasimi nezitiya zemiti yeveyine akusinikanga lona: amehlo alamadoda wowancotula yinina? asiyi kunyuka.
15Wabe u‐Mosesi equmbile kakulu, wati kuyehova: Ungabuki umnikelo wabo! andisusanga kubo nalinye iqwaṙashe, andenzelanga namnye kubo ububi. 16Waza u‐Mosesi wati ku‐Kora: Wena, nayo yonke imbuto yako, yibani sebusweni bukayehova, wena, nabo, no‐Arone, ngomso. 17Nize nitabate nonke ngabanye iziqumelo zenu, nifake kuzo isiqumiso, nisondeze pambi kwoyehova nonke ngabanye iziqumelo zenu; iziqumelo ezingamakulu mabini anamashumi mahlanu; nawe, no‐Arone, nizise iziqumelo zenu ngabanye.
18Baza batabata abanye ngabanye iziqumelo zabo, bafaka kuzo umlilo, babeka kuzo nesiqumiso, bemi elucangweni lwentente yentlangano ndawonye no‐Mosesi no‐Arone. 19Waye u‐Kora wabuta ngakubo yonke intlanganiso elucangweni lwentente yentlangano: bandul’ ukubonakala ubungcwalisa bukayehova kuyo yonke intlanganiso.
20Waza wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti: 21Zahluleni kwa pakati kwalentlanganiso, ndize ndibagqibele njengasepanyazweni. 22Koko bawayo ngobuso babo, bati: Tixo, ongutixo wayo imimoya yoluntu lwonke! yoba indoda inye yonile nje, uze uqumbele yonke intlanganiso na?
23Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 24Teta kuyo intlanganiso, usiti: Nyukani kwindawo engqongayo intlalo ka‐Kora, no‐Datane, no‐Abirame. 25Waselesuka u‐Mosesi waya ku‐Datane no‐Abirame; bati abadala bo‐Sirayeli bamlandela. 26Waza wateta kuyo intlanganiso, esiti: Mkani ke ezintenteni zalamadoda akohlakeleyo, ningacukumisi nanye into eyeyawo, hleze nibujiswe kuzo zonke izono zawo. 27Baza benyuka entlalweni ka‐Kora, no‐Datane, no‐Abirame, ngamacala onke; koko u‐Datane no‐Abirame bapumayo, bema emnyango wentente zabo, kwa nabafazi babo, nonyana babo, nentsatshana zabo. 28Wayesiti u‐Mosesi: Kwa ngoku niya kukwazi ukuba uyehova unditumile ukuze ndiyenze yonke lemisebenzi; ngokuba ndingayenzanga ngeyam intliziyo. 29Ukuba kunjengokufa kwabantu bonke kufayo aba, nokuba kungokwohlwaywa kwabantu bonke kwohlwaywa bona, uyehova akanditumanga. 30Kanti ukuba uyehova uyadala ummangaliso, uze umhlaba wakamise umlomo wawo, ubaginye bona, nako konke abanako, bade bahlele esihogweni behleli, niya kwandula nikwazi ukuba lamadoda adelile uyehova.
31Kwaza kwati, akuba egqibile ukuteta onke lamazwi, umhlaba opantsi kwawo wacandeka; 32waza umhlaba wavula umlomo wawo, wawaginya wona, nendlu zawo, nabo bonke abantu abalunge kuye u‐Kora, nayo yonke impahla. 33Baye behlela bona, nako konke abanako, behleli esihogweni; wati umhlaba wabaselela, baza batshabalala pakati kwomhlambi. 34Basuka o‐Sirayeli bonke ababebangqonga, babaleka ngesikalo sabo; ngokuba bebesiti: Hleze umhlaba usiginye nati.
35Kwaye kupuma umlilo kuyehova, wawagqibela lomadoda amakulu mabini anamashumi mahlanu abenikela isiqumiso.
36Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 37Yitsho ku‐Elezari unyana ka‐Arone, umperisite, ukuba acole iziqumelo ekutsheni; uze umlilo uwucitele kude; ngokuba zingcwele. 38Iziqumelo zababoni ngakweyabo imipefumlo, makwenziwe ngazo amaceba akandelweyo abe sisalekwa sesibingelo: ngokuba bezisondezile ebusweni bukayehova, kukona zingcwele; zaziya kuba ngumqondiso elusatsheni luka‐Sirayeli. 39Wandula u‐Elezari, umperisite, watabata ezoziqumelo zexina, abebezisondezile abatshisiweyo, zaza zakandelwa zibe sisalekwa sesibingelo; 40esiya kuba yinkumkuzo elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuba akusayi kusondela namntu ongowasemzini, ongenguye owenzalo ka‐Arone, ukuza kuqumisa isiqumiso pambi kwoyehova; ukuze angabi njengo‐Kora, nanjengembuto yake; njengokuba uyehova ebetshilo kuye ngesandla sika‐Mosesi.
41Kwati kodwa ngomnye umhla, kwaṙoṙa yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli ngaku‐Mosesi nangaku‐Arone, isiti: Nina nibafisile abantu bakayehova. 42Kwaye kute, yakuba intlanganiso ibutelene ngakuye u‐Mosesi nangaku‐Arone, babeka ngasententeni yentlangano; kekaloku, bona ke, ilifu layisibekela; babonakala nobungcwalisa bukayehova. 43Basuka u‐Mosesi no‐Arone beza ngapambi kwentente yentlangano. 44Waza uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 45Sukani pakati kwalentlanganiso, ndize ndibagqibele njengasepanyazweni. Bandula ukuwa ngobuso babo.
46Wati u‐Mosesi ku‐Arone: Tabata isiqumelo, ufake kuso umlilo uvela esibingelweni, ubeke nesiqumiso, uze unxame uye entlanganisweni, ubenzele uxoliso: ngokuba sekupumile umsindo ebusweni bukayehova; isibulalo sesiqaliwe. 47Waye u‐Arone watabata njengokuba ebetshilo u‐Mosesi, wabalekela pakati kwomhlambi; kekaloku, nasi isibulalo sesiqaliwe pakati kwabantu: waza wafaka isiqumiso, wenzela abantu uxoliso. 48Wema ke pakati kwabafileyo nabahleliyo: sada sanqamka isibulalo. 49Kekaloku abo babubayo ngesibulalo eso, bebengamawaka alishumi linesine, enamakulu asixe̔nxe, ngapandle kwabo abebebubile pezu kwawo umcimbi ka‐Kora. 50Wabuya u‐Arone waya ku‐Mosesi elucangweni lwentente yentlangano: saza isibulalo sanqamka.