1WABUYA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Yalela usapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Umnikelo wam, ukutya kwam kweminikelo eyenziwa ngomlilo, ivumba elimnandi lam, niya kulumka ukuba niwunikele kum ngexesha lawo elimiselweyo.
3Wauya kuti kulo: Nguwo lo umnikelo owenziwa ngomlilo eniya kuwunikela kuyehova: zimbini imvana zomnyaka mnye ezimsulwa imini ngemini, libe lidini lokutshiswa elifuti. 4Enye imvana uya kuyinikela kwakusa, neyesibini imvana uya kuyinikela pakati kwokuhlwa; 5kwa neseshumi isiqingata seyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla, unyeliwe ngeoli enqushelweyo esesesine isiqingata sehine: 6lidini lokutshiswa elifuti, elibe lidalelwa entabeni ye‐Sinai libe livumba elimnandi, umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova. 7Nomnikelo wokusela wawo wona woba sesesine isiqingata sehine kwenye imvana: kweyingcwele indawo uya kutululela umnikelo woselo olunamandla kuyehova. 8Neyesibini imvana woyinikela pakati kwokuhlwa: njengomnikelo wokudla wokusa, nanjengomnikelo wokusela wawo, uya kunikela yona, ibe ngumnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova.
9Nangemini yesabata niya kunikela zibe mbini imvana zomnyaka mnye ezimsulwa, nezibini ezeshumi iziqingata zeyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla, unyeliwe ngeoli, nomnikelo wokusela wawo: 10lidini lokutshiswa lesabata ngesabata eli, ngapezu kwelifuti idini lokutshiswa, nomnikelo wokusela walo.
11Nasekutwaseni kwenyanga zenu niya kunikela idini lokutshiswa kuyehova: inkunzana zenkomo zibe mbini, nenkunzi yegusha ibe nye, nemvana zomnyaka mnye zibe sixe̔nxe, ezimsulwa; 12nezitatu ezeshumi iziqingata zeyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla, unyeliwe ngeoli, kwinkunzana inye; nezibini ezeshumi iziqingata zeyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla, unyeliwe ngeoli, kwinkunzi yegusha inye; 13neseshumi isiqingata seyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla, unyeliwe ngeoli, kwimvana ngemvana: lidini lokutshiswa libe livumba elimnandi, umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova. 14Neminikelo yokusela yazo yoba sisiqingata sehine yeveyine kuyo inkunzana, nesesitatu isiqingata sehine kuyo inkunzi yegusha, nesesine isiqingata sehine kuyo imvana: leli idini lokutshiswa lenyanga ngenyanga pakati kwazo inyanga zomnyaka. 15Kanjako itakane lebokwe linye, libe lidini lesono kuyehova, ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, lonikelwa, kwa nomnikelo wokusela walo.
16Nangenyanga yokuqala, ngoweshumi linesine umhla wenyanga, yipasika kuyehova. 17Nangoweshumi linesihlanu umhla wenyanga leyo, ngumtendeleko: yimihla esixe̔nxe izonka ezingenagwele ziya kutyiwa. 18Ngomhla wokuqala kwoba yintlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo: 19koko niya kunikela umnikelo owenziwa ngomlilo, libe lidini lokutshiswa, kuyehova: inkunzana zenkomo zibe mbini, nenkunzi yegusha ibe nye, nemvana zomnyaka mnye zibe sixe̔nxe: zezimsulwa eniya kuba nazo: 20nomnikelo wokudla wazo wona woba ngowomgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli: zezitatu ezeshumi iziqingata zeyefa kuyo inkunzana, nezibini ezeshumi iziqingata zeyefa kuyo inkunzi yegusha, eniya kuzinikela; 21neseshumi isiqingata seyefa wosinikela sibe kwimvana ngemvana, kwezisixe̔nxe imvana ezinye ngezinye: 22nebokwe ibe nye, ibe lidini lesono, nize nenzelwe uxoliso. 23Ezizinto niya kuzinikela ngapandle kwedini lokutshiswa lokusa, elileledini lokutshiswa elifuti. 24Kungokunjalo niya kunikela ngemini ngemini, imihla yosixe̔nxe, ukutya kwomnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova: ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa wonikelwa wona, kwa nomnikelo wokusela wawo. 25Nangomhla wesixe̔nxe noba nentlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo.
26Kanjalo ngomhla welibo, nxa nisondezayo umnikelo wokudla omtsha kuyehova, emva kweveki zenu, noba nentlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo: 27koko niya kunikela idini lokutshiswa libe livumba elimnandi kuyehova: inkunzana zenkomo zibe mbini, nenkunzi yegusha ibe nye, nemvana zomnyaka mnye zibe sixe̔nxe: 28nomnikelo wokudla wazo womgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli: ezitatu ezeshumi iziqingata zeyefa kwinkunzana inye, ezibini ezeshumi iziqingata zeyefa kwinkunzi yegusha inye; 29neseshumi isiqingata seyefa kwimvana ngemvana, kwezisixe̔nxe imvana ezinye ngezinye: 30netakane lobokwe libe linye, nize nenzelwe uxoliso. 31Ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, nomnikelo wokudla walo, niya kuzinikela, (zezimsulwa eniya kuba nazo,) kwa neminikelo yokusela yazo.