1WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 2Pindezela impindezelo yosapo luka‐Sirayeli kuma‐Midiyane: woti kamva ubutelwe ebantwini bako.
3Waza u‐Mosesi wateta ebantwini, esiti: Manixo̔bele ukulwa inxenye kuni ningamadoda, aze aye ngakuwo ama‐Midiyane, enze impindezelo kayehova pezu kwama‐Midiyane. 4Iwaka ngesizwe ngesizwe, kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, niya kulituma ekulweni. 5Kwa njalo kwaketwa emawakeni akwa‐Sirayeli iwaka ngesizwe ngesizwe, amawaka alishumi linamabini exo̔bele ukulwa. 6Waza u‐Mosesi wawatuma, iwaka ngesizwe ngesizwe, ukuya ekulweni; wona, no‐Finehasi unyana ka‐Elezari umperisite, ukuya ekulweni, enempahla ezingcwele, kwa amaxilongo okwenza ivuso, esandleni sake. 7Asuka alwa nama‐Midiyane, njengokuba uyehova wabemyalela u‐Mosesi, abulala konke okubudoda. 8Nokumkani bama‐Midiyane ababulala kunye nabo babehlatyiwe ngawo, u‐Evi, no‐Rekeme, no‐Tsure, no‐Hure, no‐Reba, okumkani abahlanu bama‐Midiyane: no‐Bilame, unyana ka‐Behori, ambulala ngesiṙele. 9Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwatimba abafazi bama‐Midiyane, nabantwana bawo; nazo zonke izilo zawo, nazo zonke inkomo zawo, nayo yonke indyebo yawo, lwazipanga. 10Kanjalo zonke izixeko zawo abehleli kuzo, nazo zonke ilali zawo, lwazitshisa ngomlilo. 11Lwaza lwatabata konke okupangiweyo, nawo onke amaxoba, awabantu nawezilo, 12lwandula lwazisa amatinjwa, namaxoba, nokupangiweyo, ku‐Mosesi, naku‐Elezari umperisite, nakuyo intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, emnqubeni, ematafeni ase‐Mowabi, angase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko.
13Koko u‐Mosesi, no‐Elezari umperisite, nazo zonke inkosi zentlanganiso, bapuma ukuya kulukaulela ngapandle kwomnquba. 14Waza u‐Mosesi waqumbela abongama bempi, inkosi zamawaka nenkosi zamakulu, ababevelile ekulweni kwalomfazwe. 15Wayesiti kubo u‐Mosesi: Nibalondolozile behleli bonke abafazi yinina? 16Bona ke, aba baba lituba elusatsheni luka‐Sirayeli, ngecebo lika‐Bilame, lokuvusa ubumenemene ngakuye uyehova emcimbini ka‐Pehori; kwaza kwabako esosibulalo pakati kwentlanganiso kayehova. 17Ngako kaloku bulalani konke okubudoda pakati kwabantwana, nabo bonke abafazi abayazileyo indoda ngokulala noyindoda babulaleni. 18Kodwa bonke abantwana ababunkazana, abangazanga ukulala noyindoda, zilondolozeleni bona behleli. 19Ize nina niti waca ngapandle kwomnquba imihla ibe sixe̔nxe: osukuba ebulele umntu, nosukuba ecukumisile ohlatyiweyo, manizihlambulule ngomhla wesitatu, nangomhla wesixe̔nxe, nina namatinjwa enu. 20Nazo zonke izivato, nazo zonke izinto zolusu, nawo onke amasetyenzwa oboya bebokwe, nazo zonke izinto zemiti, nizihlambulule.
21Waza u‐Elezari umperisite wati emadodeni omkosi abeyile kulomfazwe: Nguwo lo ummiselo womteto uyehova wamyalelayo u‐Mosesi: 22kupela igolide, nesilivere, nexina nesincete, netine, nelode, 23zonke izinto ezingenekayo emlilweni, niya kuzidlulisa emlilweni, zize zibe zicokisekile; zaziya kuhlanjululwa ngamanzi okuhlanzekisa noko: kodwa konke okungangenekiyo emlilweni nokudlulisa emanzini. 24Kanjalo niya kuhlanza izivato zenu ngomhla wesixe̔nxe, nize nibe nicokisekile; naniya kuti kamva nibuye ningene emnqubeni.
25Wandula watsho uyehova ku‐Mosesi, esiti: 26Tabata inani lamaxoba atinjiweyo, awabantu nawezilo; wena, no‐Elezari umperisite, nabo bazintloko zendlu zoyise zentlanganiso. 27Uze uqingatise amaxoba lawo, pakati kwabo ababesenza imfazwe, ababepumela ukulwa, napakati kwayo yonke intlanganiso. 28Wandule ur̔olele uyehova isitabataba emadodeni emfazwe abepumela ukulwa umpefumlo ube mnye emakulwini mahlanu; kubo abantu, nakuzo inkomo, nakuwo amaqwaṙashe, nakuzo igusha; 29kuso isiqingata sawo wositabata, usinike ku‐Elezari umperisite sibe ngumnikelo wokufunqufunqulwa kayehova. 30Nakuso isiqingata sosapo luka‐Sirayeli wotabata isahlulo sibe sinye sicatshulwe emashumini mahlanu, kubo abantu, kuzo inkomo, kuwo amaqwaṙashe, nakuzo igusha, kuzo zonke izilo, uzinike kuba‐Levi, abagcinayo isigcinelo setabanakele kayehova. 31Baye besenza u‐Mosesi no‐Elezari umperisite, njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
32Kekaloku amaxoba, isisalela sokupangiweyo, oko ababekupangile abantu bomkosi, ebezigusha ezingamawaka angamakulu matandatu, anamawaka angamashumi asixe̔nxe, anamawaka mahlanu; 33nenkomo ezingamawaka angamashumi asixe̔nxe enamabini; 34namaqwaṙashe angamawaka angamashumi matandatu enalinye; 35nemipefumlo yabantu, kubo abafazi abebengazanga ukulala noyindoda, yonke imipefumlo ibingamawaka angamashumi matatu enamabini.
36Nesinye isiqingata, isabelwa sabo babepumele ukulwa, igusha zazizingamawaka angamakulu matatu, anamawaka angamashumi matatu enasixe̔nxe, anamakulu mahlanu, ukubalwa kwazo; 37nesitabataba sikayehova kuzo igusha, zazingamakulu matandatu, anamashumi asixe̔nxe enantlanu. 38Inkomo zazingamawaka angamashumi matatu enamatandatu; nesitabataba sikayehova, zazingamashumi asixe̔nxe enambini. 39Amaqwaṙashe ebengamawaka angamashumi matatu, anamakulu mahlanu; nesitabataba sikayehova, ebengamashumi matandatu enesinye. 40Imipefumlo yabantu ibingamawaka alishumi linamatandatu; nesitabataba sikayehova, imipefumlo yabingamashumi matatu enamibini. 41Waza u‐Mosesi wanika isitabataba, umnikelo wokufunqufunqulwa kayehova, ku‐Elezari umperisite, njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
42Nakuso isiqingata sosapo luka‐Sirayeli, abesahlule u‐Mosesi kwesamadoda abelwile: 43(kekaloku esentlanganiso isiqingata sasizigusha ezingamawaka angamakulu matatu, anamawaka angamashumi matatu enasixe̔nxe, anamakulu mahlanu; 44nenkomo ezingamawaka angamashumi matatu enamatandatu; 45namaqwaṙashe angamawaka angamashumi matatu, anamakulu mahlanu; 46nemipefumlo yabantu engamawaka alishumi linamatandatu:) 47kwa kuso isiqingata sosapo luka‐Sirayeli, watabata u‐Mosesi isahlulo sasinye sicatshulwe emashumini mahlanu, kubo abantu nakuzo izilo, wazinika kuba‐Levi, abagcinayo isigcinelo setabanakele kayehova, njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
48Baza basondela ku‐Mosesi abongama ababepezu kwamawaka omkosi, inkosi zamawaka, nenkosi zamakulu; 49baye besiti ku‐Mosesi: Izicaka zako zitabatile inani lamadoda emfazwe apantsi kwezandla zetu, kekaloku akuko namnye kuti ongabonwayo. 50Ngako sizisele uyehova umnikelo, omnye ngomnye oko akuzuzileyo, impahla zegolide, iwatsha, nezacolo, imisesane, amacici, nezidanga, ukwenzela imipefumlo yetu uxoliso pambi kwoyehova. 51Baza u‐Mosesi no‐Elezari umperisite bamkela igolide leyo kubo, zonke impahla ezisetyenziweyo. 52Yonke igolide yomnikelo, ababewunikela kuyehova, ibizishekele ezingamawaka alishumi linamatandatu, anamakulu asixe̔nxe, anamashumi mahlanu, ivela kuzo inkosi zamawaka, nakuzo inkosi zamakulu. 53(Ngokuba amadoda omkosi ebezipangele amanye ngamanye.) 54Kwa njalo u‐Mosesi no‐Elezari umperisite bamkela igolide leyo kuzo inkosi zamawaka nezamakulu, bayingenisa ententeni yentlangano, ibe yinkumbuzo ngenxa yosapo luka‐Sirayeli ebusweni bukayehova.