1EZI zizimfuduko zosapo luka‐Sirayeli, olube lupuma ezweni le‐Jipete, ngemikosi yalo, ngapantsi kwesandla sika‐Mosesi no‐Arone. 2Waye u‐Mosesi waba̔la izipumo zalo, ngemfuduko zalo, ngelizwi likayehova: zezi ke imfuduko zalo, ngezipumo zalo.
3Lwaye lunduluka e‐Ramesese ngenyanga yokuqala, ngoweshumi linesihlanu umhla wenyanga yokuqala; ngomso emva kwepasika lwapuma usapo luka‐Sirayeli ngesandla esipakamileyo, pambi kwamehlo awo onke ama‐Jipete: 4nxa ama‐Jipete ebencw̔aba abo abebabetile uyehova pakati kwawo, bonke abangamazibulo: napezu kwotixo bawo wabeyenzile uyehova imigwebo. 5Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwanduluka e‐Ramesese, lwaya lwati waca e‐Sukote. 6Lwaza lwanduluka e‐Sukote, lwaya lwati waca e‐Etame, esesipelweni sentlango. 7Lwaza lwanduluka e‐Etame, lwajikela e‐Pihahirote, epambi kwe‐Bali‐tsefone, lwaya lwati waca pambi kwe‐Migidole. 8Lwaza lwanduluka pambi kwe‐Pihahirote, lwawela pakati kwolwandle ukuya entlango, lwahamba ihambo yentsuku ntatu entlango ye‐Etame, lwaya lwati waca e‐Mara. 9Lwaza lwanduluka e‐Mara, lwafika e‐Elime: kekaloku kwakuko e‐Elime imitombo yamanzi ilishumi linamibini, nemiti yepalime imashumi asixe̔nxe; lwati waca apo ke. 10Lwaza lwanduluka e‐Elime, lwaya lwati waca ngaselwandle olubomvu. 11Lwaza lwanduluka elwandle olubomvu, lwaya lwati waca entlango ye‐Sine. 12Lwaza lwanduluka entlango ye‐Sine, lwaya lwati waca e‐Dofeka. 13Lwaza lwanduluka e‐Dofeka, lwaya lwati waca e‐Alushe. 14Lwaza lwanduluka e‐Alushe, lwaya lwati waca e‐Refidime; ekwaye kungeko amanzi kona okuba abantu basele. 15Lwaza lwanduluka e‐Refidime, lwaya lwati waca entlango ye‐Sinai. 16Lwaza lwanduluka entlango ye‐Sinai, lwaya lwati waca e‐Kibrote‐hatava. 17Lwaza lwanduluka e‐Kibrote‐hatava, lwati waca e‐Hatserote. 18Lwaza lwanduluka e‐Hatserote, lwaya lwati waca e‐Ritema. 19Lwaza lwanduluka e‐Ritema, lwaya lwati waca e‐Rimone‐paretse. 20Lwaza lwanduluka e‐Rimone‐paretse, lwaya lwati waca e‐Libena. 21Lwaza lwanduluka e‐Libena, lwaya lwati waca e‐Resa. 22Lwaza lwanduluka e‐Resa, lwaya lwati waca e‐Kehelata. 23Lwaza lwanduluka e‐Kehelata, lwaya lwati waca entabeni ye‐Shafere. 24Lwaza lwanduluka entabeni ye‐Shafere, lwaya lwati waca e‐Harada. 25Lwaza lwanduluka e‐Harada, lwaya lwati waca e‐Makelote. 26Lwaza lwanduluka e‐Makelote, lwaya lwati waca e‐Tahate. 27Lwaza lwanduluka e‐Tahate, lwaya lwati waca e‐Tara. 28Lwaza lwanduluka e‐Tara, lwaya lwati waca e‐Miteka. 29Lwaza lwanduluka e‐Miteka, lwaya lwati waca e‐Hashemona. 30Lwaza lwanduluka e‐Hashemona, lwaya lwati waca e‐Moserote. 31Lwaza lwanduluka e‐Moserote, lwaya lwati waca e‐Bene‐yahakane. 32Lwaza lwanduluka e‐Bene‐yahakane, lwaya lwati waca e‐Hori‐gidegadi. 33Lwaza lwanduluka e‐Hori‐gidegadi, lwaya lwati waca e‐Yotebata. 34Lwaza lwanduluka e‐Yotebata, lwaya lwati waca e‐Habrona. 35Lwaza lwanduluka e‐Habrona, lwaya lwati waca e‐Hetsiyone‐gebere. 36Lwaza lwanduluka e‐Hetsiyone‐gebere, lwaya lwati waca entlango ye‐Tsine, eyeyase‐Kadeshe. 37Lwaza lwanduluka e‐Kadeshe, lwaya lwati waca entabeni ye‐Hore, ngasesipelweni selizwe le‐Edome.
38Wandula u‐Arone umperisite wenyukela entabeni ye‐Hore, ngelizwi likayehova, wabuba kona, ngomnyaka wamashumi mane emveni kwokupuma kwosapo luka‐Sirayeli elizweni le‐Jepete, ngenyanga yesihlanu, ngowokuqala umhla wenyanga. 39Waye u‐Arone eyiminyaka ilikulu linamashumi mabini anamitatu ubudala bake, akububa entabeni ye‐Hore.
40Kwaye kuvakala kum‐Kanane, kukumkani we‐Haradi, obehlala esuyide, ezweni le‐Kanane, ngokuza kwosapo luka‐Sirayeli.
41Lwaza lwanduluka entabeni ye‐Hore, lwaya lwati waca e‐Tsalimona. 42Lwaza lwanduluka e‐Tsalimona, lwaya lwati waca e‐Fumone. 43Lwaza lwanduluka e‐Fumone, lwaya lwati waca e‐Obote. 44Lwaza lwanduluka e‐Obote, lwaya lwati waca e‐Hiyi‐habarime, emdeni wase‐Mowabi. 45Lwaza lwanduluka e‐Hiyi— habarime, lwaya lwati waca e‐Dibone‐gadi. 46Lwaza lwanduluka e‐Dibone‐gadi, lwaya lwati waca e‐Halimone‐dibelatayime. 47Lwaza lwanduluka e‐Halimone‐dibelatayime, lwaya lwati waca ezintabeni ze‐Habarime, pambi kwe‐Nebo. 48Lwaza lwanduluka ezintabeni ze‐Habarime, lwaya lwati waca ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko. 49Lwati waca ngase‐Yoredane apo, kwa se‐Bete‐yeshimote kwada kwase‐Abele‐shitime, ematafeni ase‐Mowabi.
50WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko, esiti: 51Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni niweleyo i‐Yoredane ukuya ezweni le‐Kanane, 52niya kwandula nigqogqe bonke abemi belizwe pambi kwenu, nitshabalalise yonke imifanekiso yabo eba̔liweyo; kanjalo zonke izifanekiso zabo ezityityishiweyo nozitshabalalisa, nazo zonke indawo zabo ezipakamileyo nozicitakalisa: 53naniya kubamba ilizwe, nize nihlale kulo: ngokuba ndinipile elozwe ukuba nilifuye. 54Naniya kwamkela ilizwe libe lilifa ngeqashiso, ngezizalwane zenu: abo baninzi niya kubandisela ilifa labo, nabo bancinane niya kubancipisela ilifa labo; indawo apo kubapumela kona iqashiso, yoba yeyabo abanye ngabanye; ngezizwe zoyihlo benu niya kulamkela ilifa. 55Kanti ukuba aniyi kubagqogqa abemi belizwe pambi kwenu, kuya kwandula ukuti, abo nibasalisa kubo boba ngameva emehlweni enu, nezihlaba emacaleni enu; babeya kunipata ngobutshaba pezu kwomhlaba enihlala kuwo. 56Kwoti kanjako, njengokuba bendicinga ukwenza kubo, ndiya kwenza kuni.