Imibalo 36
1KWAZA kwasondela intloko zendlu zoyise zesizalwane sosapo luka‐Gileyadi, unyana ka‐Makire, unyana ka‐Manase, kuzo izizalwane zosapo luka‐Josefe, zateta ebusweni buka‐Mosesi, nasebusweni benkosi, intloko zendlu zoyise zosapo luka‐Sirayeli, 2zati: Uyehova uyalele inkosi yam, ukuba makunikwe ilizwe libe lilifa ngeqashiso elusatsheni luka‐Sirayeli; kanjalo inkosi yam ibiyalelwa nguyehova, ukuba makunikwe ilifa lika‐Tselofehadi umzalwana wetu ezintombini zake. 3Kekaloku zakuba ngabafazi kowonyana be‐zinye izizwe zosapo luka‐Sirayeli, ilifa lazo liya kususwa elifeni lobawo betu, longezelelwe elifeni lesosizwe eziya kuba pakati kwaso; kuze kususwe ke kwisabiwo selifa letu. 4Naxeshekweni kuya kubako umnyaka womgcobo elusatsheni luka‐Sirayeli, ilifa lazo liya kwongezelelwa elifeni lesosizwe eziya kuba pakati kwaso; kuze kususwe ke ilifa lazo elifeni lesizwe sobawo betu.
5Waza u‐Mosesi wayalela usapo luka‐Sirayeli, ngelizwi likayehova, esiti: Isizwe sosapo luka‐Josefe silungisile ukuteta. 6Lilo eli ilizwi aliyaleleyo uyehova ngazo intombi zika‐Tselofehadi, lokuti: Mazibe ngabafazi kwabalungileyo emehlweni azo; kupela esizalwaneni sesizwe soyise wazo ziya kuba ngabafazi. 7Kwa njalo aliyi kujikiswa ilifa losapo luka‐Sirayeli kwisizwe ngesizwe: ngokuba usapo luka‐Sirayeli olunye ngolunye luya kunamatela elifeni lesizwe soyise balo. 8Kanjalo intombi esukuba ilidla ilifa, kuzo izizwe zosapo luka‐Sirayeli, yoba ngumfazi kowesizalwane sesizwe soyise bayo, ukuze ke usapo luka‐Sirayeli olunye ngolunye lulidle ilifa loyise balo. 9Kwa njalo ilifa aliyi kujikiswa kwesinye isizwe ukuya kwesinye: ngokuba izizwe zosapo luka‐Sirayeli ezinye ngezinye ziya kunamatela kwawazo amafa.
10Njengokuba uyehova wabemyalela u‐Mosesi, zenje njalo ke intombi zika‐Tselofehadi: 11ngokuba u‐Mahala, no‐Tiretsa, no‐Hogela, no‐Mileka, no‐Noha, intombi zika‐Tselofehadi, baba ngabafazi konyana boyisekazi babo: 12pakati kwezizalwane zosapo luka‐Manase, unyana ka‐Josefe, baba ngabafazi; kwaza kwahlala ilifa labo esizweni sesizalwane soyise.
13Yiyo le imiyalelo nemigwebo, owati uyehova wayiyalezela ngesandla sika‐Mosesi elusatsheni luka‐Sirayeli, ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko.
Bible Society of South Africa 1902