1WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi entlango ye‐Sinai, ngowesibini umnyaka emva kwokupuma kwabo ezweni le‐Jipete, ngenyanga yokuqala, esiti: 2Ipasika maluyibambe usapo luka‐Sirayeli ngexesha layo elimisiweyo. 3Ngomhla weshumi linesine kulenyanga, pakati kwokuhlwa, niya kuyibamba, ngexesha layo elimisiweyo: njengayo yonke imimiselo yayo, nanjengawo onke amasiko ayo, niya kubamba yona. 4Wandula wateta u‐Mosesi elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuba maluyibambe ipasika. 5Lwaza lwayibamba ipasika ngoweshumi linesine umhla wenyanga yokuqala, pakati kwokuhlwa, entlango ye‐Sinai: njengako konke uyehova abemyalele u‐Mosesi ngako, lwenje njalo ke usapo luka‐Sirayeli.
6Kekaloku kwaye kuko amadoda atile, abe enco̔lile ngenxa yomzimba ofileyo womntu, ukuba ebekohliwe ukubamba ipasika ngalomhla; ngako asondela ebusweni buka‐Mosesi, nasebusweni buka‐Arone, ngalomhla. 7Aza ati lamadoda kuye: Tina sinco̔lile ngenxa yomzimba ofileyo womntu; kunganina ukuba sinqandwe, side singabi nakunikela umnikelo kayehova ngexesha lawo elimisiweyo, pakati kwosapo luka‐Sirayeli? 8Wayesiti kuwo u‐Mosesi: Hlalani nimi, ndandiya kuva into uyehova woyiyalela ngani.
9Waza uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 10Teta nosapo luka‐Sirayeli, usiti: Xeshekweni umntu wakuni, umhlaumbi wakuzo izizukulwana zenu, anco̔lile ngenxa yomzimba ofileyo, umhlaumbi usekuhambeni okukude, uya kubamba ipasika noko kuyehova. 11Ngenyanga yesibini, ngoweshumi linesine umhla, pakati kwokuhlwa, baya kubamba yona; kunye nezonka ezingenagwele nemifuno eṙaṙa baya kuyidla. 12Abayi kusalisa nto kuyo kude kuse; abayi kwapula nalinye itambo kuyo kanjalo: njengayo yonke imimiselo yepasika baya kuyibamba. 13Nomntu ongococekileyo, engabi sekuhambeni, oya kuyeka ukubamba ipasika, uya kunqanyulwa umpefumlo lowc ebantwini bawo: ngenxa yokuba umnikelo kayehova engawunikelanga ngelimisiweyo ixesha lawo, uya kutwala isono sake lowamntu. 14Naxeshekweni kupambukele kuni owasemzini, oya kubamba ipasika kuyehova: njengommiselo wepasika, nanjengesiko layo, kwa njalo uya kuyibamba: ummiselo okwa mnye woba kuni, nakowasemzini nakozelweyo elizweni.
15KEKALOKU ngomhla wokupakanyiswa kwayo itabanakele, laza ilifu lasibekela itabanakele, kwa intente yesinqi̔no; elati ngokuhlwa lapezu kwetabanakele njengokubonakala kwomlilo, kwada kwasa. 16Kwaye kunjalo futi: ilifu layisibekela, nangobusuku kwakuko ukubonakala kwomlilo. 17Kwati kwakunyuswa ilifu ententeni, lwandula emveni kwoko lwanduluka usapo luka‐Sirayeli; nasendaweni apo lahlala kona ilifu, kwa kona lwati waca usapo luka‐Sirayeli. 18Ngelizwi likayehova lwanduluka usapo luka‐Sirayeli, nangelizwi likayehova lwati waca: yonke imihla lahlalayo ilifu pezu kwetabanakele, lwati waca. 19Naxeshekweni ilifu belilibala pezu kwetabanakele imihla yamininzi, lwandula usapo luka‐Sirayeli lwasigcina isigcinelo sikayehova, lunganduluki nje. 20Kwaye kute, lakuba ilifu libe liyimihla emincinane pezu kwetabanakele; ngelizwi likayehova lwati waca, nangelizwi likayehova lwanduluka. 21Kwaye kute, lakuba ilifu beliko kwa sekuhlweni kwada kwasa, laza ilifu lenyuswa ngokusa, lwandula lwanduluka: nokuba bekusemini, nokuba bekusebusuku, kwenyuswayo ilifu, lwandula lwanduluka. 22Nokuba bekuyimihla mibini, nokuba bekuyinyanga, nokuba bekungumnyaka, kwalibalayo ilifu pezu kwetabanakele, lihleli pezu kwayo, lwati waca usapo luka‐Sirayeli, lunganduluki nje; koko lakunyuswa, lwanduluka ke. 23Ngelizwi likayehova lwati waca, nangelizwi likayehova lwanduluka: isigcinelo sikayehova lwasigcina, ngelizwi likayehova, ngesandla sika‐Mosesi.