Amaculo 110
ICULO CX.
Iculo lika‐Davide.
1WATI uyehova kwinkosi yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako. 2Intonga yamandla ako woyituma uyehova ivela e‐Ziyone, esiti: Pata wena pakati kwentshaba zako. 3Abantu bako boba nokuvuma ngomhla wobukosi bako, ebuhleni bobungcwele: kwa sesizalweni sokusa kwobako kuwe umbete wobutsha bako.
4Uyehova ufungile, akayi kuguquka: ungumperisite kude kube ngunapakade ngesiko lika‐Makizedeki. 5Inkosi ngasekunene kwako iya kulimaza okumkani ngomhla wengqumbo yayo. 6Iya kugweba pakati kwabaheyideni, iya kuzalisa umhlaba ngezidumbu; iya kulimaza abayintloko pezu kwelizwe elikulu. 7Kwa semtonjeni iya kusela endleleni; kukona iya kupakamisa intloko.
Bible Society of South Africa 1902