Amaculo 144
ICULO CXLIV.
Elika‐Davide.
1MAKABONGWE uyehova, ilityekazi lam; ofundisa izandla zam imfazwe, neminwe yam ukulwa; 2ububele bam, nenqaba yam; inyango yam, nomkululi wam; ikaka lam, nonditemba yena; obeyisayo abantu bam pantsi kwam. 3Yehova! uyinto nina umntu, lento umaziyo? uyinto nina unyana womntu, lento umnyamekelayo? 4Umntu uyafana nokungento; imihla yake injengesitunzi esimkayo.
5Yehova! toba izulu lako, uhle; cukumisa intaba, ziqu̔me umsi ke. 6Banekisa imibane, ubacite; tola ngentolo zako, ubapitizelise. 7Yolulisa isandla sako kwa pezulu; ndikulule, undihlangule emanzini amaninzi, esandleni sabasemzini; 8abamlomo uteta okungendawo, nesokunene sabo sesokunene sobuxoki.
9Tixo! iculo elitsha ndolivuma kuwe; ngenebele entambo zilishumi ndoculela wena: 10obanikayo ulwoyiso okumkani; okululayo u‐Davide, isicaka sake, esiṙeleni esenzakalisayo.
11Ndikulule, undihlangule esandleni sabasemzini, abamlomo uteta okungendawo, nesokunene sabo, sesokunene sobuxoki: 12ukuba onyana betu babe njengezityalo bekulisiwe ebutsheni babo; ziti intombi zetu zibe njengentsika zegumbi, ziqingqiwe ngokufana nezendlu yokumkani; 13ziti izisele zetu zibe zizele, zivelisa ngentlobo ngentlobo; ziti igusha zetu zizale ngamawaka nangamawakawaka ezindleni zetu; 14ziti inkabi zetu zibe zomelele ukutwala; kungabiko ukutyobozela pakati, kungabiko nokupumela pandle; kungabiko nokukala ezitarateni zetu.
15Hai itamsanqa labantu okukwa njalo kubo! hai itamsanqa labantu aba tixo u nguyehova!
Bible Society of South Africa 1902