Amaculo 149
ICULO CXLIX.
1DUMISANI uyehova! — Vumani kuyehova iculo elitsha; nodunyiswa lwake entlanganisweni yabangcwele. 2U‐Sirayeli makavuye ngomenzileyo; usapo lwase‐Ziyone malugcobe ngokumkani walo. 3Maludumise igama lake ngomdudo; malucule kuye ngentambula nekinore. 4Ngokuba uyehova ekoliswa ngabantu bake; uya kuhomba abalulamileyo ngosindiso.
5Abangcwele mabavuyelele ngobungcwalisa; mabagcobe ezinku̔kweni zabo. 6Imibongwa katixo ibe semlonyeni wabo, nesiṙele esintlangoti zimbini sibe sesandleni sabo; 7ukwenza impindezelo ezizweni, nezohlwayo ezintlangeni; 8ukunxiba okumkani bazo ngemixokelelwane, nemiduna yazo ngamakamandela esincete; 9ukwenza pezu kwazo umgwebo oba̔liweyo: oludumo lolwabangcwele bake bonke. — Dumisani uyehova!
Bible Society of South Africa 1902