Amaculo 79
ICULO LXXIX.
Iculo lika‐Safa.
1TIXO! abaheyideni bangene elifeni lako; itempile yako eyingcwele bayinco̔lisile; benze i‐Yerusaleme ibe zimfumba. 2Izidumbu zezicaka zako bazinikile zibe kukudla kwintaka zezulu, inyama yabangcwele bako kwizilo zomhlaba. 3Igazi labo balipalazile njengamanzi ngento engqongayo i‐Yerusaleme, kungabangako oncw̔abayo. 4Sesisisigxekwa tina kubo abamelwane betu, isihlekwa nesigculelwa kubo abasingqongayo.
5Kude kube ninina, Yehova? uya kuqumba kude kube ngunapakade na? ubukwele bako buya kutsha njengomlilo na? 6Galela umsindo wako pezu kwabaheyideni abangakwazanga, napezu kwobukumkani obungabizanga egameni lako: 7ngokuba bemdlile u‐Yakobi, nekaya lake belicitakalisile. 8Zungakumbuli ngakuti inkohlakalo zangapambili; inceba zako mazisipangele kamsinya; ngokuba sitotyelwe pantsi kakulu. 9Sincede, Tixo wosindiswa lwetu! ngenxa yobungcwalisa begama lako: uze usikulule, uxolele izono zetu, ngenxa yegama lako. 10Kunganina ukuba abaheyideni bati: Utixo wabo upina? Makwaziwe pakati kwabaheyideni emehlweni etu ukupindezelelwa kwegazi lezicaka zako elipalaziweyo. 11Ukugula kwombanjwa makuze ebusweni bako: njengokwobukulu bamandla ako balondoloze abo bamiselwe ukufa; 12ubuyisele kubamelwane betu kasixe̔nxe esifubeni sabo isigxeko sabo, eso bakugxekile ngaso, Nkosi!
13Kukona tina bantu bako nezimvu zesidlelo sako siya kubulela kuwe kude kube ngunapakade: soshumayela udumo lwako kwisizukulwana ngesizukulwana.
Bible Society of South Africa 1902