Amaculo 88
ICULO LXXXVIII.
Iculo lokuvunywa lonyana baka‐Kora, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngemahalate, lokuhlabelelana, lokuqondisa, lika‐Hemani um‐Ezera.
1YEHOVA, Tixo wosindiswa lwam! emini nasebusuku ndiyakala pambi kwako. 2Umtandazo wam mauze ebusweni bako: toba indlebe yako ngasekulileni kwam: 3ngokuba umpefumlo wam uzele zintsizi, nobomi bam busondele ehadesi. 4Ndiyabalwa ndawonye nabo behlela esihogweni; ndinjengendoda engenamandla: 5ndikululekile pakati kwabafileyo, njengababuleweyo abalele encw̔abeni, ongasabakumbuli wena; abanqanyulwe bona esandleni sako. 6Undibekile esihogweni esingapantsi kanye, ezindaweni ezimnyama, ezinzulwini. 7Umsindo wako unzima pezu kwam; undibandezele ngawo onke amaza ako. Sela. 8Abo bazana nam ubakwelelisile kude kum; undenzile into etiyekileyo kubo: ndivalelwe, ndingenakupuma. 9Iliso lam liyapela ngenxa yembandezelo; ndibizele kuwe, Yehova! ngemihla yonke; ndolule izandla zam ngakuwe.
10Uya kwenza imimangaliso kwabafileyo na? abafileyo bovuka bakudumise na? Sela. 11Ububele bako buya kushunyayelwa encw̔abeni na? nenyaniseko yako ekutshabalaleni na? 12Imimangaliso yako iya kwaziwa ebumnyameni na? nobulungisa bako ezweni lokulibala na? 13Kodwa ndiyakala kuwe, Yehova! nakusasa umtandazo wam wokupangela.
14Yehova! yinina ukuba ulahle umpefumlo wam? yinina ukuba undifihlele ubuso bako? 15Ndingobandezelweyo nohlalel’ ukuqauka kwa sebutsheni bam: nditwele izituso zako ndide ndimatiswe. 16Imisindo yako idlule pezu kwam; izoyikiso zako zindinqamlile. 17Zandingqonga njengamanzi imihla yonke; zandiṙaula kunye. 18Umtandi nomhlobo ubakwelelisile kude kum; abazane bam basebumnyameni.
Bible Society of South Africa 1902