1YAZA enye kuzo ingelosi ezisixe̔nxe ezibe zinazo ifiyali ezo zisixe̔nxe yeza yateta nam, isiti kum: Yiza apa; ndokubonisa ukugwetywa kwompinyiswa omkulu ohleli pezu kwawo amanzi amaninzi; 2lowo okumkani bomhlaba benza umbulo naye, nabemi bomhlaba banxiliswa ngeveyine yombulo wake. 3Yaza yandisa entlango, emoyeni; ndaza ndabona inkazana ihleli pezu kwer̔amnco elibomvumnyama, lizele ngamagama okugxeka, linentloko zisixe̔nxe nempondo zilishumi. 4Yaibe lonkazana yambete izivato ezibomvu nezibomvumnyama, ihonjisiwe ngegolide, nangamatye anqabileyo, nangeperule, inendebe yegolide esandleni sayo, izele zizinto ezibuntshontsho nabubunco̔la bombulo wayo; 5negama liba̔liwe pezu kwebunzi layo, lokuti: Imfihlakalo, i‐babilone enkulu, unina wabapinyiswa nowezinto ezibuntshontsho zomhlaba. 6Ndati lonkazana ndayibona inxilile ligazi labangcwele, naligazi lamanqi̔na ka‐Yesu: ndati nqa ke, ndakuyibona, ngokuti nqa kakulu.
7Yaza yati kum ingelosi leyo: Wati nqa nganina? Ndokuxelela imfihlakalo yalonkazana, neyer̔amnco eliyitweleyo, elinentloko zisixe̔nxe nempondo zilishumi.
8Ir̔amnco elo walibonayo, libe liko, kanjalo aliko; liza kuti ke linyuke esinzulwini, liye entshabalalweni; babeya kuti nqa abemiyo pezu kwomhlaba, abamagama angaba̔lwanga kuyo incwadi yobomi kwa sekumisweni kwelizwe, bakubona ir̔amnco elo, elibe liko, elingekoyo kanjalo, elikoyo noko.
9Nantsi ke ingqondo enobulumko. Intloko zisixe̔nxe ezo, zizintaba ezisixe̔nxe, ekupezu kwazo ihleli inkazana leyo. 10Zingokumkani abasixe̔nxe kanjalo: abahlanu sebewile, omnye useko, omnye akakafiki; woti akufika, afanele ukuhlala umzuzwana. 11Kanjako ir̔amnco elo, elibe liko, elingekoyo kanjalo, kwa lona lingowesibozo, lingowakubo abasixe̔nxe kanjalo, eliya entshabalalweni.
12Nempondo zilishumi ezo wazibonayo, zingokumkani abalishumi, abangekabamkeli ubukumkani ke; koko belamkela igunya njengokumkani iyure inye ndawonye ner̔amnco elo. 13Aba banayo ingcingo inye, babeya kunikela amandla abo negunya labo kulo ir̔amnco. 14Aba baya kulwa nayo imvana, yoti ke imvana iboyise; kuba i yinkosi kankosi nokumkani kakumkani; kwa nabo abanayo, bengababiziweyo, nabaqashiweyo, nabanyanisekileyo.
15Yaza yati kum: Amanzi lawo wawabonayo, apo umpinyiswa ahleli kona, angabantu, nendimba, nentlanga, nenteto. 16Nempondo zilishumi ezo wazibonayo pezu kwalo ir̔amnco, boti aba bamtiye umpinyiswa, bamci̔takalise bamenze abe ze̔, bayidle inyama yake, bamtshise yena ngomlilo: 17ngokuba utixo ebekile ezintliziyweni zabo ukuyenza ingcingo yake, nokuvumelana, nokulinika ir̔amnco ubukumkani babo, ade afezwe amazwi katixo. 18Nenkazana leyo wayibonayo, isesosixeko esikulu, esipata ngobukumkani pezu kwabo okumkani bomhlaba.