1KUYO ingelosi yeṙemente yase‐Efese ba̔la ngokuti: Utsho lowo uzibambayo inkwenkwezi zosixe̔nxe kwesokunene sake, ohambayo pakati kwazo ikandelare zosixe̔nxe zegolide, ukuti: 2Ndiyazi imisebenzi yako, nomzamo wako, nomonde wako, nokokuba akungenyamezele abakohlakeleyo; nokuba ubalingile abo batshoyo ukuti bangabapostile, kanti abangabo, wabafumana ukuba bangamaxoki: 3ewe wanyamezela, unomonde ke, uzamile ngenxa yegama lam kanjalo, akudinwanga ke. 4Koko ndinako oku ngakuwe, ukuba utando lwako lwokuqala ulushiyile. 5Kumbula ngoko apo uwe kona, uguquke, wenze eyokuqala imisebenzi: okanye, ndiyeza kuwe msinya, ndandiya kukwelelisa ikandelare yako endaweni yayo, ukuba akuguquki. 6Koko oku unako, ukuba uyatiya imisebenzi yaba‐Nikolasi, enditiya yona nam.
7Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iṙemente: Owoyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuwo umti wobomi, opakati kwayo iparadisi katixo.
8Nakuyo ingelosi yeṙemente yase‐Simurena ba̔la ngokuti: Utsho owokuqala nowokugqibela, lowo ube ufile, waza wabuya wapila, ukuti: 9Ndiyazi imisebenzi yako, nombandezelwa wako, nobuhlwempu bako, (utyebile noko,) nokugxeka kwabo abati bangama‐Juda kwa bona, kanti abangawo, bayintlanganiso ka‐Satane. 10Ungoyiki nanye yezonto uza kuziva zona: bona ke, u‐Satane uza kuniposa inxenye entolongweni, ukuze nilingwe: naniya kuba nembandezelo imihla elishumi: yiba unyanisekile kude kube sekufeni, ndandiya kukunika isitsaba sobomi.
11Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iṙemente: Owoyisayo akasayi kwenzakaliswa ngokufa kwesibini.
12Nakuyo ingelosi yeṙemente yase‐Peregamo ba̔la ngokuti: Utsho lowo unalo iṙele elintlangoti zimbini elibukali ukuti: 13Ndiyazi imisebenzi yako, nalapo uhlala kona, apo iterone ka‐Satane ikona; kanjalo uyalibamba igama lam, akukanyelanga ke ukolo lwam, kwa nakuleyo imihla u‐Antipasi ubelinqi̔na lam elinyanisekileyo kuyo, owabulawa pakati kwenu, apo u‐Satane ahlala kona. 14Koko ndinako okuncinane ngakuwe, ukuba unabo kona abalubambayo ufundiso luka‐Bilame, owabefundisa u‐Balaki ukuposa isiku̔bekiso pambi kwosapo luka‐Sirayeli, sokuba lutye okubingelweyo izitixo, nokuba lwenze umbulo. 15Kwa njalo nawe unabo abalubambayo ufundiso lwaba‐Nikolasi, endilutiyayo. 16Guquka; okanye, ndiyeza kuwe msinya, ndandiya kulwa nabo ngeṙele lomlomo wam.
17Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iṙemente: Owoyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo; ndandiya kumnika ilitye elimhlope, napezu kwelitye elo igama elitsha liba̔liwe, ekungeko mntu olaziyo, kupela ngulowo olamkelayo.
18Nakuyo ingelosi yeṙemente yase‐Tiyatira ba̔la ngokuti: Utsho unyana katixo, omehlo anjengalo ilangatye lomlilo, nenyawo zake zifana nexina ekazimlayo, ukuti: 19Ndiyazi imisebenzi yako, notando lwako, nokonzo lwako, nenkolo yako, nomonde wako, nezenzo zako ukuba ezasemva zikulu kwezokuqala. 20Koko ndinako okuncinane ngakuwe, ukuba uvumela umfazi lowo, u‐Jezebele, oti yena ungumprofitekazi, ukufundisa nokulahlekisa izicaka zam, ukuba zenze umbulo, nokuba zitye okubingelweyo izitixo. 21Ndaza ndamnika ixesha, ukuze aguquke kuwo umbulo wake; kanti akaguqukanga. 22Bona ke, ndiyamposela emandlalweni, nabo barexezayo ndawonye naye embandezelweni omkulu, ukuba abaguquki kuzo izenzo zabo: 23nabantwana bake ndobabulala ngokufa: zaziya kuqonda iṙemente zonke ukuba mna ndingulowo upengululayo izintso nentliziyo; ndandiya kuninika nonke ngabanye ngokwemisebenzi yenu. 24Kodwa nditi kuni, kwa kubo abanye abase‐Tiyatira, bonke abangenalo ufundiso olu, nabo basukuba bengazazanga izinto ezinzulu zika‐Satane, njengokuba besitsho: Andiyi kubeka pezu kwenu omnye umtwalo. 25Kodwa ke oko ninako, kubambeni ndide ndifike.
26Nalowo woyisayo, oyigcinayo kude kube sekupeleni imisebenzi yam kanjalo, ndonika yena igunya pezu kwentlanga; 27waeya kuzipata ngentonga yesincete; njengazo imbiza zombumbi ziya kuqekezwa; kwa njengokuba nam ndamkela kuye ubawo: 28ndandiya kumnika ikwe̔zi lomso. 29Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iṙemente.