2Bona ke, ndiya kuyenza i‐Yerusaleme indebe yesizunguzane kubo bonke abantu abangqongayo: kwoba njalo nako‐Juda, ekuvingcelweni kwe‐Yerusaleme. 3Kwakuya kuti ngomhla lowo, ndoyenza i‐Yerusaleme ilitye elisindayo kubo bonke abantu; bonke abaya kulifunqula bogetyulwa kakulu: noko, ziya kuhlanganisana ngakuyo zonke izizwe zomhlaba. 4Ngomhla lowo, utsho uyehova, ndiya kubeta onke amahashe ngokuti nqa, nabakweli bawo ngobugeza; kodwa pezu kwendlu ka‐Juda ndiya kuvula amehlo am, nawo onke amahashe ezizwe ndowabeta ngobumfama. 5Kanjalo inkosi zakwa‐Juda zoti entliziyweni yazo: Amandla am ngabemi base‐Yerusaleme, ngaye uyehova wemikosi, utixo wabo. 6Ngomhla lowo ndiya kuzenza inkosi zakwa‐Juda zibe njengeziko lomlilo pakati kwenkuni, nanjengesibane somlilo esitungwini; zaziya kubadla bonke abantu abangqongayo, ngasekunene nangasekohlo; ngokuba i‐Yerusaleme iya kubuya ihlale endaweni yayo e‐Yerusaleme. 7Waye uyehova eya kusindisa intente zakwa‐Juda kuqala, ukuze ubungcwalisa bendlu ka‐Davide, nobungcwalisa babemi base‐Yerusaleme, bungenzwa bukulu ngapezu kwo‐Juda. 8Ngomhla lowo uyehova wobakusela abemi base‐Yerusaleme; aze oku̔bekayo pakati kwabo ngomhla lowo abe njengo Davide, nendlu ka‐Davide ibe njengotixo, njengengelosi kayehova pambi kwabo. 9Kwakuya kuti ngomhla lowo, ndiya kufuna ukutshabalalisa zonke izizwe ezizayo ngakuyo i‐Yerusaleme. 10Koko ndiya kugalela pezu kwendlu ka‐Davide, napezu kwabemi base‐Yerusaleme, umoya wofefe nowezitaṙnziso, babeya kukangela kum, lowo bamhlabileyo, benze isijwili pezu kwake, njengesijwili esenzelwa okupela kwomntwana, babe nobuṙaṙa ngenxa yake, njengokuba kunobuṙaṙa ngenxa yowamazibulo. 11Ngomhla lowo kwobako isijwili esikulu e‐Yerusaleme, njengesijwili se‐Hadadrimone emhlanjeni wase‐Megido. 12Ilizwe liya kusenza isijwili, izizalwane zizodwa ezinye ngezinye; isizalwane sendlu ka‐Davide sisodwa, nabafazi babo bebodwa; isizalwane sendlu ka‐Natane sisodwa, nabafazi babo bebodwa; 13isizalwane sendlu ka‐Levi sisodwa, nabafazi babo bebodwa; isizalwane sika Shimehi sisodwa, nabafazi babo bebodwa; 14zonke izizalwane eziseleyo, izizalwane zizodwa ezinye ngezinye, nabafazi babo bebodwa.