U‐Zekariya 7
1KWAYE kute ngowesine umnyaka ka‐Dariyusi ukumkani, ilizwi likayehova leza ku‐Zekariya ngowesine umhla wenyanga yesitoba, ngeyo Kisilevu; 2nxa i‐Betele yatumayo u‐Sharetsere, no‐Regeme‐meleke namadoda ake, ukumbongoza uyehova, 3nokuteta kubaperisite abebesendlwini kayehova wemikosi, nakubaprofite, ngokuti: Ndiya kulila kweyesihlanu inyanga na, ndizahlula njengokuba ndenje njalo leminyaka mininzi kangaka?
4Landula ilizwi likayehova wemikosi leza kum, lisiti: 5Teta kubo bonke abantu belizwe, nakubo abaperisite, usiti: Xeshekweni benikwenza inzilo nokulila kweyesihlanu nakweyesixe̔nxe inyanga, kwa lominyaka ingamashumi asixe̔nxe, naka nandizilela mna na? 6Naxeshekweni benisidla, naxeshekweni benisela, beningenini abadlayo na, beningenini abaselayo na? 7Lamazwi asi ngawo na owawashumayelayo uyehova ngabaprofite bapambili, okuya i‐Yerusaleme ibimiwa, nokuya ibinokwonwaba, nezixeko zayo eziyingqongayo, kwakumiwa isuyide netafa?
8Leza ilizwi likayehova ku‐Zekariya kanjako, lisiti: 9Wabesitsho uyehova wemikosi ukuti:
Gwebani ngokugweba okuyinyaniso, nenze ngobubele nangenceba omnye kwomnye; 10ningabandezeli umhlolokazi nenkedama, owasemzini nolihlwempu; ningaqingelani ububi entliziyweni yenu. 11Bati kodwa bala ukupulapula, bapepisa igxalaba; nendlebe zabo bazenza nzima, ukuba bangeva. 12Nentliziyo yabo bayenza njengedamante, ukuba bangeva umteto, namazwi owawatumayo uyehova ngomoya wake, ngabo abaprofite bapambili; kwaza kwabako umsindo omkulu uvela kuyehova wemikosi. 13Kwabekute ngoko, njengokuba ebebizile yena, bengevanga bona, kwa njalo babiza bona, ndingevanga mna, utsho uyehova wemikosi; 14kodwa ndabaci̔ta ngesaqwiti pakati kwazo zonke izizwe abebengazazi; laza ilizwe laba bugxwayiba emva kwabo, kungeko owadlulayo nowabuyayo: ngokuba bebelenze ilizwe elinqwenelekileyo libe bugxwayiba.
Bible Society of South Africa 1902