Imfazwe nama-Amon nama-Aram
1Kwathi emva koko, wafa uNahashe, ukumkani woonyana baka-Amon; waba ngukumkani unyana wakhe esikhundleni sakhe. 2Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzela inceba. Wathumela uDavide abathunywa bokumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon kuHanun, ukuba bamkhuze.
3Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun, Ùcinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? Abakhonzi bakhe àbezé kuwe na ukuze baligocagoce, balibhukuqe, balihlole ilizwe? 4Wabathabatha uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya, wazicanda phakathi iingubo zawo ezinde, wada waya kuma ngemisekela; wabandulula ke. 5Bahamba, bamxelela uDavide okwenziwe kuloo madoda. Wathumela bawakhawulela; ngokuba amadoda lawo ayehlazisiwe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya ke.
6Babona oonyana baka-Amon, ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke ooHanun noonyana baka-Amon kwa-Aram• ephakathi kweMilambo,• nakwa-Aram-mahaka, naseTsobha, iwaka leetalente• zesilivere, ukuba baqeshe iinqwelo zokulwa nabamahahe. 7Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, nokumkani waseMahaka, nabantu bakhe; beza ke bamisa iintente phambi kweMedebha. Oonyana baka-Amon bahlanganisana, bephuma emizini yabo, beza kulwa.
8Weva uDavide, wathuma uYowabhi, enomkhosi wonke wamagorha. 9Baphuma oonyana baka-Amon, bakha izintlu zokulwa ekungeneni komzi, ookumkani ababezile bebodwa endle. 10Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheké kuye, ngaphambili nangasemva; wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wakha uluhlu malunga nama-Aram. 11Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi, umninawa wakhe; bakha uluhlu malunga noonyana baka-Amon. 12Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wòndisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakweyisa, 13ndokusiza Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowethu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova uya kwenza oko kulungileyo emehlweni akhe.
14Wafika uYowabhi nabantu ababenaye, wema phambi kwama-Aram, eza kulwa; asaba ebusweni bakhe. 15Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi umninawa wakhe, bangena ekhaya. 16Waya uYowabhi eYerusalem. Abona ama-Aram ukuba agxothiwe phambi kwamaSirayeli, athuma izigidimi, awarhola ama-Aram abephesheya koMlambo,• uShofaki, umthetheli womkhosi kaHadarezere, ephambi kwawo.
17Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya kuwo, wakha uluhlu ukuba alwe nawo. UDavide walwakha uluhlu, esiya kuwahlangabeza ama-Aram ukuba alwe nawo; alwa ke naye. 18Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli; uDavide wabulala kuma-Aram amawaka asixhene abeenqwelo zokulwa, namashumi amané amawaka amadoda angumqikela, wabulala noShofaki, umthetheli womkhosi. 19Babona abakhonzi bakaHadarezere ukuba bagxothiwe phambi kwamaSirayeli, baxolisana noDavide, bamkhonza. Àkavuma ama-Aram ukuba sabasiza oonyana baka-Amon.