Ukucwangciswa komkhosi kaDavide
1Oonyana bakaSirayeli ngokwenani labo, iintloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nababhali babo, ababelungiselela kukumkani emicimbini yonke yamaqela ngamaqela: angénayo naphumayo iinyanga ngeenyanga, ezinyangeni zonke zomnyaka, liqela linye, lalingamashumi amabini anamané amawaka.
2Iqela lokuqala ngenyanga yokuqala laliphethwe nguYashobheham unyana kaZabhediyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka; 3koonyana bakaPeretse, ibinguye oyintloko yabathetheli bonke bemikhosi ngenyanga yokuqala. 4Iqela lenyanga yesibini laliphethwe nguDodayi umAhowa, ingànga yeqela lakhe inguMikeloti; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka. 5Umthetheli wesithathu womkhosi ngenyanga yesithathu ibinguBhenaya, unyana kaYoyada umbingeleli, eyintloko; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka. 6Ngulo Bhenaya waye eligorha kumashumi amathathu, ephethe amashumi omathathu lawo; eqeleni lakhe inguAmizabhadi unyana wakhe. 7Owesiné ngenyanga yesiné ibinguAsaheli umninawa kaYowabhi, inguZebhadiya unyana wakhe emva kwakhe; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka. 8Owesihlanu umthetheli ngenyanga yesihlanu ibinguShamuti umIzra; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka. 9Owesithandathu ngenyanga yesithandathu ibinguIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka. 10Owesixhenxe ngenyanga yesixhenxe ibinguHeletse umPelon, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka. 11Owesibhozo ngenyanga yesibhozo ibinguSibhekayi umHusha, wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka. 12Owesithoba ngenyanga yesithoba ibinguAbhiyezere waseAnatoti, wakumaBhenjamin; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka. 13Oweshumi ngenyanga yeshumi ibinguMaharayi umNetofa wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka. 14Oweshumi elinamnye ngenyanga yeshumi elinanye ibinguBhenaya umPiraton, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka. 15Oweshumi elinesibini ngenyanga yeshumi elinesibini ibinguHeledayi umNetofa, kaOteniyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
16Ke izizwe zakwaSirayeli zaphathwa ngaba: kumaRubhen ingànga ibinguEliyezere unyana kaZikri; kumaSimon nguShefatiya unyana kaMahaka; 17kubaLevi nguHashabhiya unyana kaKemuweli; 18kwa-Aron nguTsadoki; kwesakwaYuda nguElihu, wakubazalwana bakaDavide; kwesakwaIsakare nguOmri unyana kaMikayeli; 19kwesakwaZebhulon nguIshemaya unyana kaObhadiya; kwesakwaNafetali nguYerimoti unyana ka-Azeriyeli; 20koonyana bakaEfrayim nguHosheya unyana ka-Azaziya; kwisiqingatha sesizwe sikaManase nguYoweli unyana kaPedaya; 21kwisiqingatha sikaManase eGiliyadi nguIdo unyana kaZekariya; kwesakwaBhenjamin nguYahasiyeli unyana ka-Abhinere; 22kwesakwaDan nguAzareli unyana kaYeroham. Ngabo abathetheli bezizwe zakwaSirayeli.
23UDavide akalithabathanga inani labaminyaka imashumi mabini bezelwe, nabangaphantsi; ngokuba uYehova wathi uya kuwandisa amaSirayeli njengeenkwenkwezi zezulu. 24UYowabhi unyana kaTseruya walinga ukubala, akagqiba; afikelwa buburhalarhume amaSirayeli ngenxa yoko; àlangeniswa inani engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.
25Obephethe ubuncwane bokumkani nguAzemavete unyana ka-Adiyeli; obephethe ubuncwane obukoovimba endle, nasemizini, nasemizaneni, nasezinqabeni ezinde, nguYonatan unyana kaUziya. 26Obephethe abenza umsebenzi wokulima amasimi nguEzeri unyana kaKelubhi. 27Obephethe izidiliya nguShimehi umRama. Obephethe izisele zewayini yasezidiliyeni nguZabhedi umShifemoti. 28Obephethe iminquma nemithombe ebisezintilini nguBhahalihanan, umGedere. Obephethe izisele zeoli nguYowashe. 29Obephethe iinkomo ezidla eSharon nguShitrayi umSharon. Obephethe iinkomo ezisezintilini nguShafati unyana ka-Adelayi. 30Obephethe iinkamela nguObhili umIshmayeli. Obephethe iimazi zamaesile nguYedeya umMeronoti. 31Obephethe impahla emfutshane nguYazizi umHagri. Bonke abo bebengabaphathi beempahla ezizezokumkani uDavide.
32UYonatan, uyisekazi kaDavide, ubengumphakathi, eyindoda enokuqonda, engumbhali yena. UYehiyeli unyana kaHakemon ubenoonyana bokumkani. 33UAhitofele ubengumphakathi wokumkani. UHushayi umArki ubelikholwane lokumkani. 34Emveni koAhitofele ibinguYehoyada unyana kaBhenaya, noAbhiyatare. Umthetheli-mkhosi wokumkani ibinguYowabhi.