UDavide emqolombeni waseAdulam
1Wemka ke uDavide apho, wazisindisela emqolombeni waseAdulam. Beva abakhuluwa bakhe nendlu kayise yonke, behla baya kuye khona. 2Abuthelana kuye onke amadoda axinekileyo, namadoda onke anamatyala, namadoda onke anezikrokro; waba ngumthetheli wawo. Aba kuye amadoda akumakhulu amané.
3UDavide wemka khona, waya eMizpe kwaMowabhi, wathi kukumkani wakwaMowabhi, Makhe baphume ubawo noma, bahlale nani, ndide ndazi into aya kundenzela yona uThixo. 4Wabazìsa phambi kokumkani wakwaMowabhi; bahlala naye yonke imihla abesemboniselweni uDavide. 5Wathi uGadi, umprofeti, kuDavide, Uze ungahlali emboniselweni; hamba uye ezweni lakwaYuda. Wahamba ke uDavide, waya ehlathini leHerete.
USawule ubulala ababingeleli eNobhi
6Weva uSawule ukuba uyaziwa uDavide, namadoda abenaye. USawule ebehleli eGibheha phantsi komtamariske• osemmangweni, intshuntshe yakhe isesandleni sakhe, abakhonzi bakhe bonke bemi ngakuye. 7Wathi uSawule kubakhonzi bakhe ababemi ngakuye, Khanive, nyana bakaBhenjamin, unyana kaYese woninika amasimi nezidiliya nonke niphela yini na; anenze abathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu nonke niphela yini na; 8ukuba nje nonke niphela nindicebe, kungabikho namnye uyityhilelayo indlebe yam ukunqophisana konyana wam nonyana kaYese, kungabikho namnye kuni ubuhlungu ngenxa yam, ayityhilele indlebe yam ukuba unyana wam umvusile umkhonzi wam, ukuba andilalele, njengoko kunjalo namhla?
9Waphendula uDowegi umEdom, obemiswe phezu kwabakhonzi bakaSawule, wathi, Ndimbonile unyana kaYese efika eNobhi, kuAhimeleki, unyana ka-Ahitubhi. 10Waza yena wambuzela kuYehova, wamnika umphako, wamnika nekrele likaGoliyati umFilisti.
11Wathumela ukumkani, wambiza uAhimeleki unyana ka-Ahitubhi, umbingeleli, nendlu yonke kayise. Ababingeleli ababeseNobhi beza bonke kukumkani. 12Wathi uSawule, Khawuve, nyana ka-Ahitubhi. Wathi yena, Ndilapha, nkosi yam. 13Wathi uSawule kuye, Yini na ukuba nindicebe, wena nonyana kaYese, umnike isonka nekrele, umbuzele kuThixo, ukuba asuke andilalele, njengoko kunjalo namhla.
14UAhimeleki wamphendula ukumkani, wathi, Ngubani ke kubakhonzi bakho bonke othembeke njengoDavide, umyeni kukumkani, onokungena ephakathini lakho, ozukileyo endlwini yakho? 15Ndiyaqala yini na namhla ukumbuzela kuThixo? Makube lee oko kum; ukumkani makangamthwalisi lutho umkhonzi wakhe lo, nendlu yonke kabawo ngokuba umkhonzi wakho lo akazi lutho kuyo yonke le nto, nokuba loluncinane, nokuba lolukhulu.
16Wathi ukumkani, Ùya kufa ufe, Ahimeleki, wena nendlu yonke kayihlo. 17Wathi ukumkani kwizigidimi zakhe ezibe zimi ngakuye, Jikani, nibabulale ababingeleli bakaYehova; kuba nesabo isandla sinoDavide, nangokuba babesazi oko wabalekayo yena, àbayityhilela indlebe yam. Àbavuma abakhonzi bokumkani ukusa isandla sabo, baxabele kubabingeleli bakaYehova. 18Wathi ukumkani kuDowegi, Jika wena, uxabele kubabingeleli. Wajika ke uDowegi umEdom, waxabela yena kubabingeleli, wabulala ngaloo mini amashumi asibhozo anamahlanu amadoda enxibe iefodi• yelinen emhlophe. 19NeNobhi, umzi wababingeleli, wayitshabalalisa ngohlangothi lwekrele, ethabathela kwindoda ase kumfazi, ethabathela kwiintsapho ase kwiintsana, neenkomo, namaesile, neegusha, ngohlangothi lwekrele.
20Kwasinda unyana wamnye ka-Ahimeleki unyana ka-Ahitubhi, ogama belinguAbhiyatare; owabaleka walandela uDavide. 21UAbhiyatare wamxelela uDavide, ukuba uSawule ubabulele ababingeleli bakaYehova. 22Wathi uDavide kuAbhiyatare, Bendisazi kwangaloo mini, ukuba, ekho nje uDowegi umEdom, uya kumxelela kakade uSawule. Ndim obulalise imiphefumlo yonke yendlu kayihlo. 23Hlala nam, musa ukoyika; ngokuba ofuna umphefumlo wam ufuna umphefumlo wakho; ngokuba ùgcinakele, unam nje.