Ukuza kweNkosi nemfuneko yokulinda
1Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele; 2kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo. 3Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde. 4Ke nina, bazalwana, ànisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela. 5Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama.
6Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu. 7Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku. 8Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso. 9Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; 10owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye.
11Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nákhane, kwanjengokuba nisenjenjalo.
Iziyalo ngeziyalo kwanesiphelo
12Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo, 13nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ninoxolo phakathi kwenu. 14Siyanivuselela ke, bazalwana, balulekeni abanxaxhayo; bakhuzeni abamxhelo mncinane; basekeleni abathambileyo; yibani nokuzeka kade umsindo kubantu bonke. 15Lumkani, kungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi nakubani; hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye, nakubantu bonke. 16Hlalani nivuya. 17Thandazani ningayeki. 18Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.
19UMoya musani ukumcima. 20Iziprofeto musani ukuzenza into engento. 21Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle. 22Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo.
23Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu. 24Uthembekile onibizayo, oya kukwenza nokukwenza oko.
25Bazalwana, sithandazeleni.
26Babuliseni abazalwana bonke ngolwango olungcwele. 27Ndiyanifungisa iNkosi ukuba le ncwadi ileswe kubo bonke abazalwana abangcwele.
28Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani. Amen.