Impahla yetempile
1Wenza isibingelelo sobhedu: baziikubhite• ezimashumi mabini ubude baso, baziikubhite ezimashumi mabini ububanzi baso, kwaziikubhite ezilishumi ukuphakama kwaso.
2Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini, uye kolunye udini lwalo; lwayinqila ngeenxa zonke, lwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; waziikubhite ezimashumi mathathu umtya ojikeleyo kulo ngeenxa zonke. 3Yangumfuziselo wamathangazana ngaphantsi kodini ngeenxa zonke, alujikeleza ngeenxa zonke: alishumi ekubhitini, aluzunguleza ulwandle, yamibini imikrozo yamathangazana, ityhidiwe ekutyhidweni kwalo. 4Ulwandle lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheke entla, ezintathu zibheke entshonalanga, ezintathu zibheke ezantsi, ezintathu zibheke empumalanga; ulwandle lubekwe phezu kwazo ngaphezulu, imiva yazo yonke isinge phakathi. 5Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lwaye lungena iibhate• ezimawaka mathathu.
6Wenza izitya zokuhlambela zalishumi; wabeka zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, ukuze kuhlanywe kuzo, kuhlanjululwe into yomsebenzi wedini elinyukayo kuzo; ke lona ulwandle belulolokuze ababingeleli bahlambe kulo.
7Wenza iziphatho zezibane zegolide zalishumi ngokwesiko lazo, wazimisa etempileni: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo. 8Wenza iitafile ezilishumi, wazimisa etempileni: zantlanu ngasekunene, zantlanu ngasekholo. Wenza ikhulu lezitya zokutshiza zegolide.
9Wenza intendelezo yababingeleli, nentendelezo enkulu, neengcango zentendelezo; wazaleka iingcango zazo ngobhedu. 10Walubeka ulwandle ngecala lasekunene layo indlu, lwabheka ngasezantsi. 11UHuram wenza iimbiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza.
UHuram wagqiba ukuwenza umsebenzi, abewenzela ukumkani uSolomon endlwini kaThixo: 12iintsika zombini, neembumba, neengqukuva ezibe zisemantloko eentsika zombini, neminatha yomibini yokuzunguleza iimbumba zombini zeengqukuva, ezibe zisemantloko eentsika; 13neerharnate ezimakhulu mané zeminatha yomibini; yamibini imikrozo yeerharnate mnatheni mnye, yokuzunguleza iimbumba ezimbini zeengqukuva, ezibe zisezintsikeni zombini. 14Wenza iinqwelwana; wenza nezitya zokuhlambela ezinqwelwaneni. 15Ulwandle lwalunye, lwaneenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kwalo. 16Neembiza, nemihlakulwana, neefolokhwe, ezo mpahla ke zonke inkunkqele uHuram wazenzela uSolomon, zizezendlu kaYehova, ngobhedu olukhazimlisiweyo.
17Ukumkani wazityhidela kummandla waseYordan emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTseredata. 18Wazenza uSolomon zonke ezo mpahla, zaninzi kakhulu; bada ubunzima bobhedu olo ababa nakufunyanwa. 19Wazenza uSolomon zonke iimpahla zendlu kaThixo, nesibingelelo segolide, neetafile ebe zinezonka zokubonisa, 20neziphatho ezinezibane zazo, ngegolide ethe shinyi, ukuze zivuthe ngokwesiko phambi kwendawo yezihlabo; 21neentyantyambo, nezibane, nezifinyiso zegolide, yona iyigolide eyonke; 22nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi. Umnyango ke wendlu, iingcango zawo ezingaphakathi zengcwele kangcwele, neengcango zendlu yetempile, zaba zezegolide.