UAhazi ukumkani wamaYuda
1Ngomnyaka weshumi elinesixhenxe kaPeka unyana kaRemaliya, waba ngukumkani uAhazi, unyana kaYotam, ukumkani wakwaYuda. 2UAhazi ubeminyaka imashumi mabini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka elishumi linamithandathu engukumkani eYerusalem.
Akakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe, njengoDavide uyise. 3Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli; kananjalo wamcandisa emlilweni unyana wakhe, ngokwamasikizi eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli. 4Wabingelela, waqhumisela ezigangeni, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
5Kwaza kwenyuka uRetsin, ukumkani wakwa-Aram•, noPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, beza kulwa eYerusalem; bamngqinga uAhazi, àbaba nako ukumeyisa. 6Ngelo xesha uRetsin ukumkani wakwa-Aram wayibuyisela iElati kuma-Aram, wawagxotha amaYuda e-Elati. Eza ama-Aram e-Elati, ahlala khona unanamhla. 7Wathumela abathunywa uAhazi kuTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wathi, Ndingumkhonzi wakho, ndingunyana wakho; nyuka uze kundisindisa esandleni sokumkani wakwa-Aram, nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli, abandivunukeleyo. 8UAhazi wayithabatha isilivere negolide eyafumanekayo endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayithumela kukumkani waseAsiriya isisicengo. 9Ukumkani waseAsiriya wamphulaphula; wenyuka ukumkani waseAsiriya waya eDamasko, wayithimba, wabafudusa abantu wabása eKiri, wambulala uRetsin.
10Ukumkani uAhazi waya kumhlangabeza uTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, eDamasko. Wabona isibingelelo esiseDamasko. UAhazi ukumkani wayithumela imfano yesibingelelo eso, isilinganiso saso ngokusetyenzwa kwaso konke, ku-Uriya umbingeleli. 11Wasakha ke isibingelelo u-Uriya umbingeleli, njengako konke abemthumele khona uAhazi ukumkani eDamasko. Wenjenjalo u-Uriya umbingeleli, wada wafika ukumkani uAhazi evela eDamasko.
12Weza ukumkani evela eDamasko, wasibona ukumkani isibingelelo eso; wasondela ukumkani kuso isibingelelo, wenyuka waya kuso; 13waqhumisela ngedini lakhe elinyukayo nangomnikelo wakhe wokudla, wathulula umnikelo wakhe othululwayo, watshiza ngegazi lemibingelelo yakhe yoxolo esibingelelweni. 14Ke isibingelelo sobhedu, esibe siphambi koYehova, wasisusa phambi kwendlu, phakathi kwesibingelelo sakhe nendlu kaYehova, wasisondeza, wasibeka ecaleni lesibingelelo ngentla. 15UAhazi ukumkani wamwisela umthetho u-Uriya umbingeleli, wathi, Phezu kwesibingelelo esikhulu qhumisela ngedini elinyukayo lokusa, nangomnikelo wokudla wangokuhlwa, nangedini elinyukayo lokumkani, nangomnikelo wakhe wokudla, nangedini elinyukayo labantu bonke belizwe, nangomnikelo wabo wokudla, nangeminikelo yabo ethululwayo, utshize kuso ngegazi lonke ledini elinyukayo, negazi lonke lombingelelo; ke sona isibingelelo sobhedu ndiya kukha ndibuzise ngaso. 16Wenza ke u-Uriya umbingeleli njengako konke awamwisela umthetho ngako ukumkani uAhazi.
17Ukumkani uAhazi waziqhawula iipanele• zeenqwelwana, wazisusa kuzo iingqayi; waluthula ulwandle ezinkomeni zobhedu, ezibe zingaphantsi kwalo, walubeka phezu kwesiseko samatye. 18Igumbi elisithelisiweyo lesabatha, ababelakhé ngasendlwini, nendawo yokungena ukumkani ebingaphandle, wayishenxisela endlwini kaYehova, ngenxa yokumkani waseAsiriya.
19Ezinye izinto zika-Ahazi awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 20Walala uAhazi kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide; waba ngukumkani uHezekiya unyana wakhe esikhundleni sakhe.