Imizekeliso ngemizekeliso
1Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu. 2Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko. 3Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso. 4Intliziyo yezilumko isendlwini yesijwili; ke intliziyo yezidenge isendlwini yovuyo.
5Kulungile ukuva ukukhalimela kwesilumko, kunokuba umntu eve ingoma yezidenge. 6Ngokuba njengokuqhuqhumba kwevaba ngaphantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge; naloo nto ingamampunge. 7Ngokuba ukucudisa kugezisa isilumko, siyitshabalalise intliziyo isicengo.
8Kulungile ukugqitywa kwendawo, ngaphezu kokuqalwa kwayo; ulungile umoya ozeka kade umsindo, kunomoya ozidlayo. 9Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge. 10Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto.
11Bulungile ubulumko, bunelifa, bulilungelo kwabalibonayo ilanga. 12Ngokuba ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo. 13Wukhangele umsebenzi kaThixo; ngokuba ngubani na onokolula into ayenzé yagoso? 14Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba naló, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe.
15Le nto yonke ndiyibonile ngemihla yam engamampunge: kubàkho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, noko angendawo. 16Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiselelyo; yini na ukuba uziphanzise? 17Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho? 18Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela.
19Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi. 20Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.
21Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa; 22ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba ùyabatshabhisa abanye nawe.
23Ezo zinto zonke ndizilingile ngobulumko; ndathi ndiya kulumka; ke bona baba kude kum. 24Hayi, ukuba kude kwezinto ezikhoyo, zinzulu kakhulu; ngubani na oya kuzifumana?
25Ndajika ke mna, ndanentliziyo enga ingázi, ingásingasinga, ifume ubulumko nesigqibo seengcinga; enga ingákwazi okungendawo ukuba kukunyaba, nokumatha ukuba kukugeza. 26Ndayifumana ikrakra ngaphezu kokufa, inkazana eyiyimigibe iphela, ezizibatha intliziyo yayo, ezandla zingamakhamandela; olungileyo phambi koThixo uya kusínda kuyo, ke yena umoni uya kubanjiswa yiyo. 27Yabona into endiyifumeneyo, itsho iNtshumayeli, ndihloma enye kwenye, ukuba ndifumane isigqibo seengcinga; 28obumana ukuyifuna umphefumlo wam, ndingayifumani, nantsi: indoda enye ewakeni ndiyifumene, ke yona inkazana kulo lonke andiyifumananga. 29Yabona, le nto yodwa ndiyifumene, yokuba uThixo wamenza umntu wathi tye; ke bona bafune ubuqili obuninzi.