Imithetho elishumi
1UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi:
2NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
3Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
4Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. 5Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesiné isizukulwana sabandithiyileyo; 6ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
7Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.
8Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise. 9Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho; 10ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho ziné, nowasemzini osemasangweni akho: 11kuba ngemihla emithandathu uYehova wênza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.
12Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
13Uze ungabulali.
14Uze ungakrexezi.
15Uze ungebi.
16Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.
17Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.
18Bonke abantu bazibona iindudumo nemibane, nesandi sesigodlo, nentaba ingumsi. Abantu babona ke bangcangacazela, bamela kude. 19Bathi kuMoses, Thetha wena nathi, siya kuva; makangathethi nathi uThixo, hleze sife. 20Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni. 21Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo.
Imithetho nemimiselo eyahlukahlukeneyo
22Wathi uYehova kuMoses, Wòtsho koonyana bakaSirayeli, ukuthi, Nibonile nina, ukuba ndithethé nani ndisemazulwini. 23Ize ningenzi oothixo bokunxulumana nam, ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide. 24Uze undenzele isibingelelo somhlaba, ubingelele phezu kwaso amadini akho anyukayo, nemibingelelo yakho yoxolo, impahla yakho emfutshane neenkomo zakho. Ndoza kuwe ndikusikelele ezindaweni zonke endomisa kuzo isikhumbuzo segama lam. 25Ke ukuba ùthe wandenzela isibingelelo samatye, uze ungasakhi ngamatye aqingqiweyo; okanye ukuba uthe wayiphakamisa intlabo yakho phezu kwaso, wòba usihlambele. 26Uze ungenyuki ngezinyuko esibingelelweni sam, ukuze bungatyhileki ubuzé bakho kuso.