Ukwakhiwa komnquba
1Wathetha uYehova kuMoses wathi, Ngenyanga yokuqala, ngolokuqala usuku enyangeni leyo, 2uze uwumise umnquba wentente yokuhlangana; 3ubeke khona ityeya yesingqino, uyisithelise ityeya ngomkhusane; 4ungenise itafile, uzicwangcise izinto zayo ezicwangciswayo; ungenise isiphatho sezibane, uzimise izibane zaso; 5usimise isibingelelo segolide sokuqhumisela phambi kwetyeya yesingqino, usixhome isisitheliso somnyango emnqubeni; 6usimise isibingelelo sedini elinyukayo phambi komnyango womnquba wentente yokuhlangana; 7ulumise uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo.
8Uze uyimise intendelezo ijikeleze, usixhome isisitheliso sesango lentendelezo.
9Uze uthabathe ioli yokuthambisa, uthambise umnquba neento zonke ezikuwo, uwungcwalise nempahla yawo yonke, ube yingcwele; 10uthambise isibingelelo sedini elinyukayo, nempahla yaso yonke, usingcwalise isibingelelo, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele; 11uthambise uhehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ulungcwalise.
12Uze usondeze uAron noonyana bakhe emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi; 13umnxibe uAron izambatho ezingcwele, umthambise, umngcwalise, ukuze abe ngumbingeleli kum. 14Wòsondeza oonyana bakhe, ubanxibe iingubo zangaphantsi; 15ubathambise njengoko wamthambisayo uyise, ukuze babe ngababingeleli kum; kuthi ukuthanjiswa kwabo kube kokobubingeleli obungunaphakade kubo, kwizizukulwana zabo.
16Wenza ke uMoses; njengako konke uYehova abemwisele umthetho ngako, wenjenjalo.
17Kwathi, ngenyanga yokuqala ngomnyaka wesibini, ngolokuqala enyangeni leyo, wamiswa umnquba. 18Wawumisa ke uMoses umnquba, wazibeka iziseko zawo, wazimisa iiplanga zawo, wayifaka imivalo yawo, wazimisa iintsika zawo. 19Wayaneka intente phezu komnquba, wabeka isigubungelo sentente phezu kwayo phezulu, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses. 20Wasithabatha isingqino, wasibeka etyeyeni, wazifaka izibonda etyeyeni, wasibeka isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya phezulu. 21Wayingenisa ityeya emnqubeni, wawuxhoma umkhusane osithelisayo, wayisithelisa ityeya yesingqino, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
22Wayibeka itafile ententeni yokuhlangana, ngecala lomnquba elingasentla, nganeno komkhusane; 23wacwangcisa phezu kwayo ukucwangciswa kwezonka phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses. 24Wasimisa isiphatho sezibane ententeni yokuhlangana, sakhangelana netafile ngecala lomnquba elingasezantsi; 25wazimisa izibane phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses. 26Wasibeka isibingelelo segolide ententeni yokuhlangana, phambi komkhusane. 27Waqhumisela phezu kwaso ngesiqhumiso esimnandi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
28Wasixhoma isisitheliso somnyango emnqubeni. 29Wasibeka isibingelelo sedini elinyukayo emnyango womnquba wentente yokuhlangana; wanyusa kuso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses. 30Walubeka uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo eso, wagalela amanzi okuhlamba kulo. 31Bazihlamba ooMoses noAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo khona. 32Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, bahlamba, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses. 33Wayimisa intendelezo ejikeleza umnquba lo nesibingelelo esi, wasixhoma isisitheliso sesango lentendelezo. Wawugqiba ke uMoses umsebenzi.
34Ilifu layigubungela intente yokuhlangana, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba. 35UMoses akaba nakungena ententeni yokuhlangana, ngokuba ilifu lahlala phezu kwayo, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.
36Belisithi lakunyuswa lisuswe ilifu emnqubeni, banduluke oonyana bakaSirayeli, benjenjalo ekundulukeni kwabo konke. 37Ke xa ilifu belingekanyuswa, bebenganduluki kude kube yimini yokunyuswa kwalo; 38kuba ilifu likaYehova beliba phezu komnquba emini, umlilo ube phezu kwawo ebusuku, phambi kwendlu yonke kaSirayeli, ekundulukeni kwabo konke.