Umzekeliso wembiza ebilayo
1Kwafika ilizwi likaYehova kum ngomnyaka wesithoba, ngenyanga yeshumi, ngolweshumi enyangeni leyo, lisithi, 2Nyana womntu, Zibhalele igama lale mini, layo yona le mini; ukumkani waseBhabheli uyishicilele iYerusalem ngayo yona le mini.
3Uze uyizekelisele ngomzekeliso indlu eneenkani, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Beka imbiza eziko, yibeke, kananjalo ugalele amanzi kuyo. 4Hlanganisela kuyo iinyama zayo; zonke iinyama ezilungileyo, umlenze negxalaba; yizalise ngamathambo akhethiweyo. 5Thabatha ezikhethiweyo zempahla emfutshane, kananjalo amathambo uwafumbele iinkuni ngaphantsi kwayo. Yibilise kakuhle; kananjalo amathambo ayo makaphekwe phakathi kwayo.
6Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha, mzindini unamagazi! Mbizandini inomhlwa, emhlwa ungasukiyo! Yirhole inyama ngeenyama zayo; aliphumi nayo iqashiso. 7Ngokuba igazi lawo liphakathi kwawo; úlibeké engxondorheni ebalelelwe lilanga; awuliphalazanga emhlabeni, ukuba liselelwe luthuli. 8Ukuze kunyuke ubushushu, ukuze iphindezelwe impindezelo, igazi lawo ndilibeké engxondorheni ebalelelwe lilanga, ukuze lingaselelwa.
9Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha, mzindini unamagazi! Nam ndiya kuyenza ibe nkulu imfumba yeenkuni. 10Fumba iinkuni, khwezela umlilo, vuthisa inyama, ujiye umhluzi, atshe amathambo; 11uyibeke phezu kwamalahle ayo, ingasenanto phakathi, ukuze lufudumale lutshe ubhedu lwayo, bunyibilike ubunqambi bayo phakathi kwayo, umhlwa wayo ugqibele. 12Izidinisile ngemigushanxa; awuphumi kuyo umhlwa wayo omninzi; mawube semlilweni umhlwa wayo. 13Ebunqambini bakho ngamanyala; ngenxa enokuba ndikuhlambulule, akwahlambuluka, akusayi kuhlambuluka ebunqambini bakho, ndide ndibupholisele kuwe ubushushu bam. 14Mna Yehova ndithethile; iyéza le nto, ndiya kuyenza; andiyi kuyeka, andiyi kuba nanceba, andiyi kuzohlwaya. Baya kukugweba ngokweendlela zakho nangokweentlondi zakho; itsho iNkosi uYehova.
Ukufa komfazi kaHezekiya kungumqondiso kuYuda
15Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 16Nyana womntu, yabona, ndithabatha kuwe intánda yamehlo akho ngesibetho; uze ungambambazeli, ungalili; makungaphumi zinyembezi kuwe. 17Gcuma uthe cwaka; uze ungenzi sijwili ngabafileyo. Jikela unkontsho lwakho, unxibe iimbadada zakho ezinyaweni zakho, ungazigqubutheli iindevu zakho eziphezu komlomo, ungasidli isonka sabantu.
18Ndathetha ke nabantu kusasa; ngokuhlwa wafa umkam; ndenza ke ngengomso njengoko wayendiwisele umthetho ngako. 19Bathi abantu kum, Akusixeleli na, ukuba ezi zinto zithini na kuthi, ukuba wenjenje?
20Ndathi kubo, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 21Yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kuyingcolisa ingcwele yam, iqhayiya lamandla enu, intánda yamehlo enu, isizondelelo somphefumlo wenu, bawe likrele oonyana benu neentombi zenu enibashiyileyo. 22Niya kwenza ke njengoko ndenzé ngako: iindevu eziphezu komlomo aniyi kuzigqubuthela, ningasidli isonka sabantu; 23iinkontsho zenu ziya kuba sentloko kuni, neembadada zenu zibe sezinyaweni zenu; aniyi kumbambazela, nilile; ke niya kungcungcutheka ebugwenxeni benu, nigcume, omnye ekhangele komnye. 24UHezekile woba sisimanga kuni; niya kwenza njengako konke akwenzileyo; ekuzeni kwako oko, niya kwazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
25Wena ke, nyana womntu, inyaniso, mini ndithabatha kubo inqaba yabo, imihlali yesihombo sabo, intánda yamehlo abo, into abaphakamisela kuyo umphefumlo wabo, oonyana babo neentombi zabo: 26ngayo loo mini kuya kufika osindileyo kuwe, avakalise oko ezindlebeni zakho. 27Ngayo loo mini ùya kuvuleka umlomo wakho, kunye nosindileyo lowo; uthethe, ungabi saba sisidenge; ube sisimanga kubo; bazi ukuba ndinguYehova.