Ukuyalwa kukaFaro ngokuhlele iAsiriya
1Ke kaloku kwathi, ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga yesithathu, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Nyana womntu, yithi kuFaro ukumkani waseYiputa, nakwingxokolo yakhe, Ùfana nabani na ngobukhulu bakho?
3Uyabona, uAsiriya ebengumsedare• waseLebhanon, omasebe mahle, eyintshinyela yemithi enomthunzi, ephakamile ngobude; aba phakathi kweengqimba zamafu amantloko akhe. 4Amanzi amkhulisa, amanzi enzonzobila amphakamisa, imilambo yawo yahamba ngeenxa zonke elutyalweni lwawo, athumela imijelo yawo kuyo yonke imithi yasendle. 5Ngako oko, ubude bakhe baphakama, baba ngaphezu kwayo yonke imithi yasendle; iimbaxa zakhe zanda, namahlamvu akhe aba made, ngenxa yamanzi amaninzi ekunabeni kwakhe. 6Zonke iintaka zezulu zákha ezimbaxeni zakhe, zonke izinto eziphilileyo zasendle zazakhela phantsi kwamahlamvu akhe; zonke iintlanga ezinkulu zahlala emthunzini wakhe. 7Wamhle ngobukhulu bakhe, ngobude bamasebe akhe; ngokuba ingcambu yakhe yabe isemanzini amaninzi. 8Imisedare esemyezweni kaThixo ayimsithanga; imisipres• ayifananga neembaxa zakhe, nemipleyini• ayibanga njengamahlamvu akhe; yonke imithi emyezweni kaThixo ayifananga naye ngobuhle bayo. 9Ndamenza mhle ngobuninzi bamasebe akhe, yaba nomona ngaye yonke imithi yase-Eden, esemyezweni kaThixo.
10Ngako oko yatsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba eziphakamisile ngobude, wawanyusela amantloko akhe phakathi kweengqimba zamafu, yazinyusa intliziyo yakhe ngokuphakama kwakhe: 11ndiya kumnikela esandleni senjengele yeentlanga; inene, iya kumphatha ngesiko layo; ndamgxotha ngenxa yokungendawo kwakhe. 12Bámnqumla abasemzini, abangcangcazelisi basezintlangeni bamlahla. Ezintabeni nasemifuleni yonke awa amasebe akhe; amahlamvu akhe aphukela ezihlanjeni zehlabathi lonke; zehla zemka emthunzini wakhe zonke izizwe zehlabathi, zamlahla. 13Phezu kwesibili sakhe esiwileyo kuhlala zonke iintaka zezulu, zifike emahlamvini akhe zonke izinto eziphilileyo zasendle; 14ukuze ingaziphakamisi ngenxa yobude bayo yonke imithi yasemanzini, ingawanyuseli phakathi kweengqimba zamafu amantloko ayo, ingaziméli ngokwayo ekuziphakamiseni kwayo, yonke esela amanzi. Ngokuba bonke bephela banikelwe ekufeni, ezweni langaphantsi, phakathi koonyana baka-Adam, kwabahlé baya emhadini.
15Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini yokuhla kwakhe ukuya kwelabafileyo, ndabanga isijwili; ndawagqubuthela ngenxa yakhe amanzi anzongonzongo, ndathintela imilambo yawo, avingcelwa amanzi amakhulu. Ndayambathisa iLebhanon ngezimnyama zokuzila ngenxa yakhe, yonke imithi yasendle yetha amandla ngenxa yakhe. 16Ngesithonga sokuwa kwakhe ndazinyikimisa iintlanga, ekumhliseleni kwam ukuba aye kwelabafileyo, nabahlé baya emhadini; yathuthuzeleka ezweni langaphantsi yonke imithi yase-Eden, enyuliweyo emihle yaseLebhanon, yonke esela amanzi. 17Nabo njengaye behla baya kwelabafileyo, kwababuleweyo ngekrele; ababeyingalo yakhe, behleli emthunzini wakhe phakathi kweentlanga.
18Kunjalonje, ùfana nabani na ngobuqaqawuli nangobukhulu emithini yase-Eden? Ùya kuhliselwa nemithi yase-Eden ezweni langaphantsi; ùya kulala phakathi kwabangalukileyo, kwanababuleweyo ngekrele. NguFaro ke lowo, nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.