Ukungcwatywa kwemikhosi kaGogi
1Wena ke, nyana womntu, profeta ngoGogi, uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Gogi, sikhulu sakwaRoshe noMesheki noTubhali. 2Ndiya kukuphambanisa, ndikurhole, ndikunyuse uphume ezingontsini zasentla, ndikuse ezintabeni zakwaSirayeli. 3Ndosithi qhwithi isaphetha sakho esandleni sakho sokhohlo, ndiziwise iintolo zakho esandleni sakho sokunene. 4Ùya kuwa ezintabeni zakwaSirayeli, wena namahlelo akho onke, nezizwe ezinawe. Ndiya kukunikela ezintakeni ezixwilayo zeentlobo ngeentlobo, nasemarhamncweni asendle, ukuba ube kukudla. 5Ùya kuwa ebusweni belizwe, ngokuba ndithethile; itsho iNkosi uYehova.
6Nothumela umlilo kwaMagogi, nakubemi beziqithi abakholosileyo; bazi ukuba ndinguYehova. 7Ndiya kulazisa igama lam elingcwele phakathi kwabantu bam amaSirayeli, ndingabuyi ndilingcolise igama lam elingcwele; zazi iintlanga ukuba ndinguYehova, oyiNgcwele kwaSirayeli.
8Yabona, le nto iyeza, iya kubakho; itsho iNkosi uYehova; yiloo mini ndandithetha yona. 9Ke baya kuphuma abemi bemizi yakwaSirayeli, baphembe babáse umlilo ngezikrweqe, nangeengweletshetshe, nangamakhaka, ngezaphetha, nangeentolo, nangeenduku, nangezikhali; baphembe umlilo ngazo iminyaka esixhenxe. 10Abayi kutheza zinkuni endle, bangagawuli nasemahlathini; ngokuba baya kuwuphemba ngezikrweqe umlilo; bathìmbe kwabo babethinjwe ngabo, baphange ababephangwe ngabo; itsho iNkosi uYehova.
11Kuya kuthi ngaloo mini, ndimnike uGogi indawo, apho liya kuba khona ingcwaba lakhe kwaSirayeli, umfula wabadluli ngasempumalanga elwandle; ùbavalele abadluli; bamngcwabele khona uGogi nengxokolo yakhe yonke, bathi ngumfula wengxokolo kaGogi. 12Indlu kaSirayeli yoba neenyanga ezisixhenxe ibangcwaba, ukuze balihlambulule ilizwe; 13bonke abantu belizwe eli bangcwabe, kube ludumo kubo mini ndizizukisayo; itsho iNkosi uYehova. 14Baya kubalula amadoda anomonde acandacanda elizweni, nahamba nalawo acandacandayo, angcwabe abaseleyo ebusweni belizwe, ukuba alihlambulule. Ekupheleni kweenyanga ezisixhenxe aya kuligocagoca. 15Baya kucanda abacandacanda elizweni, babone ithambo lomntu, bamise umthelekelelo ecaleni kwalo, bade abangcwabi abo balingcwabe emfuleni wengxokolo kaGogi. 16Igama lomzi okhona liya kuba nguNgxokolo; balihlambùlule ke ilizwe.
Umbingelelo weNkosi
17Wena ke, nyana womntu, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yithi, kwiintaka zeentlobo ngeentlobo, nakumarhamncwa onke asendle, Buthanani nize; zihlanganiseni ngeenxa zonke embingelelweni wam endinibingeleleyo, umbingelelo omkhulu ezintabeni zakwaSirayeli; nidle inyama, nisele igazi. 18Niya kudla inyama yamagorha, nisele igazi lezikhulu zehlabathi, iinkunzi zeegusha, namatakane, neenkunzi zeebhokhwe, neenkunzi zeenkomo ezintsha ezityetyisiweyo zaseBhashan, zonke ziphela. 19Nodla amanqatha nihluthe, nisele igazi ninxile embingelelweni wam endinibingeleleyo; 20nihluthe esithebeni sam ngamahashe nangabamahashe, ngamagorha namadoda onke okulwa; itsho iNkosi uYehova.
21Ndiya kubumisa ubuqaqawuli bam ezintlangeni, ziwubone iintlanga zonke umgwebo wam endiya kuwenza, nesandla sam endiya kusisa kuzo. 22Iya kwazi indlu kaSirayeli ukuba ndinguYehova uThixo wabo, ithabathela kuyo le mini ise naphi. 23Neentlanga ziya kwazi ukuba indlu kaSirayeli yathinjwa ngenxa yobugwenxa babo; ngenxa enokuba bamenezáyo kum, ndabusithelisa ubuso bam kubo, ndabanikela esandleni sababandezeli babo, bawa likrele bonke bephela. 24Ndabenza ngokobunqambi babo nangokwezikreqo zabo, ndabusithelisa ubuso bam kubo.
Ukubuyiswa kukaSirayeli
25Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Kaloku ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaYakobi, ndisikwe yimfesane ngenxa yendlu yonke kaSirayeli, ndibe nobukhwele ngegama lam elingcwele. 26Baya kulithwala ihlazo labo, nobumenemene babo bonke ababemeneza ngabo kum, ekuhlaleni kwabo emhlabeni wabo bekholosile, kungekho ubothusayo. 27Ekubabuyiseni kwam ezizweni, ekubabutheni kwam emazweni eentshaba zabo, ndozingcwalisa kubo emehlweni eentlanga ezininzi. 28Baya kwazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owenza ukuba bathinjelwe ezintlangeni, ndize ndibawomelisele emhlabeni wabo, ndingabuyi ndishiye namnye kubo khona. 29Andiyi kuba sabusithelisa ubuso bam kubo, ngokokuba ndithulule uMoya wam phezu kwendlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.