Ukuzalwa kukaIsake
1Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo; uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile. 2Wamitha ke uSara, wamzalela uAbraham unyana ekwaluphaleni kwakhe, ngexesha elimisiweyo abelithethile uThixo kuye. 3UAbraham wamthiya loo nyana wakhe abemzalelwe, awamzalayo uSara, igama elinguIsake.• 4UAbraham wamalùsa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho. 5UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe. 6Wathi uSara, Úndihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam. 7Wathi, Nugbani na obengátshoyo kuAbraham ukuthi, uSara wanyisa abantwana? Ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe. 8Wakhula umntwana, walunyulwa; uAbraham wenza isidlo esikhulu mhlana walunyulwayo uIsake.
Ukugxothwa kukaHagare noIshmayeli
9USara wambona unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa. 10Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana waló mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake. 11Lâlibi kunene elo zwi emehlweni ka-Abraham ngenxa yonyana wakhe. 12Wathi uThixo kuAbraham, Malingabi libi emehlweni akho ngenxa yenkwenkwe, nangenxa yomkhonzazana wakho. Entweni yonke ayithethileyo uSara kuwe, phulaphula izwi lakhe, ngokuba iya kuba ngoIsake lo imbewu kuwe. 13Kananjalo unyana womkhonzazana ndiya kumenza uhlanga, ngokuba eyimbewu yakho.
14Wavuka kusasa uAbraham, wathabatha isonka nentsuba yamanzi, wanika uHagare, ebeka emagxeni akhe, nenkwenkwe, wamndulula. Wemka ke, wandwendwela entlango yaseBher-shebha. 15Aphela amanzi entsubeni, wayiphosa inkwenkwe phantsi kwetyholo. 16Waya wahlala phantsi malunga nayo, umgama ongangowokutola ngotolo; kuba wathi, Mandingakuboni ukufa kwenkwenkwe. Wahlala phantsi malunga nayo ke, waphakamisa izwi lakhe, walila. 17Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe. Samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Ùnantoni na, Hagare? Musa ukoyika, ngokuba uThixo ulivile ilizwi lenkwenkwe apho ikhona. 18Suka ume, uyithabathe inkwenkwe, uyibambe ngesandla; kuba ndiya kuyenza uhlanga olukhulu. 19UThixo wawavula amehlo akhe, wabona iqula lamanzi; waya wayizalisa intsuba ngamanzi, wayiseza inkwenkwe.
20UThixo waba nenkwenkwe leyo; yakhula, yahlala entlango, yaba yintoli yakukhula, yahlala entlango yaseParan; 21unina wayithabathela umfazi ezweni laseYiputa.
Umnqophiso phakathi koAbraham noAbhimeleki
22Kwathi ngelo xesha, wathetha uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, kuAbraham, esithi, UThixo unawe entweni yonke osukuba uyenza. 23Ngoko ndífungele uThixo apha, ukuba akuyi kundixokisa mna, noonyana bam, nenzalo yam; wòthi ngokwenceba endiyenzileyo kuwe, wenze kum, nakwilizwe ophambukele kulo. 24Wathi uAbraham, Mna ndofunga.
25UAbraham wamohlwaya uAbhimeleki ngenxa yequla lamanzi elalihluthwe ngabakhonzi baka-Abhimeleki. 26Wathi uAbhimeleki, Bendingazi ukuba yenziwe ngubani na le nto; nawe ube ungandixelelanga; nam bendingayivanga, ndiyiva namhla. 27UAbraham wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, wanika uAbhimeleki, benza umnqophiso bobabini. 28UAbraham wamisa amathokazi ezimvu asixhenxe omhlambi, aba wodwa. 29Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ayintoni na la mathokazi ezimvu asixhenxe uwamisileyo odwa? 30Wathi, La mathokazi ezimvu asixhenxe wòwathabatha esandleni sam, abe bubungqina bam bokuba ndilimbile eli qula. 31Ngenxa yoko kwathiwa loo ndawo yiBher-shebha;• ngokuba kulapho bafungayo bobabini. 32Benza ke umnqophiso eBher-shebha. Wesuka uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, babuyela ezweni lamaFilisti.
33UAbraham watyala umtamariske• eBher-shebha, walinqula khona igama likaYehova uThixo ongunaphakade. 34UAbraham waye engumphambukeli ezweni lamaFilisti imihla emininzi.