UYosefu uyazazisa kubantakwabo
1UYosefu akabanga nakuzibamba phambi kwabo bonke ababemi ngakuye. Wadanduluka wathi, Khuphani bonke abantu, bemke kum. Akwabakho mntu umi ngakuyé ekuzaziseni kukaYosefu kubazalwana bakhe. 2Wasibeka isililo; eva amaYiputa, yeva nendlu kaFaro. 3Wathi uYosefu kubazalwana bakhe, NdinguYosefu; usaphilile na ubawo? Ababa nako ukumphendula abazalwana bakhe; kuba bakhwankqiswa phambi kwakhe.
4Wathi, uYosefu kubazalwana bakhe, Khanisondele kum apha. Basondela. Wathi, NdinguYosefu, umzalwana wenu, enathengisayo ngaye eYiputa. 5Ngoko musani ukuba buhlungu, ningaziqumbeli, ukuba nathengisa ngam apha; kuba uThixo wandithuma phambi kwenu ukuze ndisindise abantu. 6Kuba ngoku iminyaka mibini indlala ikho phakathi kwelizwe; isemihlanu iminyaka ezayo, ekungayi kubakho kulima nakuvuna ngayo. 7UThixo undithume phambi kwenu, ukuba ndinimisele amasalela ezweni, ukuba ndisindise ubomi benu, ibe kukusinda okukhulu. 8Ngoko ke àsinini abandithume apha, nguThixo; wandenza uyise kuFaro, nenkosi phezu kwayo yonke indlu yakhe, nomlawuli ezweni lonke laseYiputa. 9Khawulezani, ninyuke niye kubawo, nithi kuye, Útsho unyana wakho uYosefu ukuthi, UThixo undenzé inkosi kuyo yonke iYiputa; yihla uze kum, musa ukulibala. 10Wóhlala ezweni laseGoshen, ube kufuphi kum, wena, noonyana bakho, noonyana boonyana bakho, nempahla yakho emfutshane, neenkomo zakho, nezinto zonke onazo; 11ndikòndle khona, kuba isaya kuba mihlanu iminyaka yendlala; hleze uhlwempuzeke wena, nendlu yakho, nento yonke onayo. 12Yabonani, amehlo enu ayabona, namehlo omninawa wam uBhenjamin, ukuba ngumlomo wam lo uthethayo kuni. 13Nize nimxelele ubawo lonke uzuko lwam eYiputa, nezinto zonke enizibonileyo, nikhawuleze nihle nobawo, eze apha.
14Wawa entanyeni kaBhenjamin, umninawa wakhe, walila; uBhenjamin walila entanyeni yakhe. 15Wabanga bonke abazalwana bakhe, walila phezu kwabo. Emveni koko, abazalwana bakhe bathetha naye.
UFaro umema uYakobi nosapho lwakhe, baze kuma eYiputa
16Lavakala izwi endlwini kaFaro, lisithi, Bafikile abazalwana bakaYosefu. Kwalunga oko emehlweni kaFaro, nasemehlweni abakhonzi bakhe. 17Wathi uFaro kuYosefu, Yithi kubazalwana bakho, Yenzani oku: bophani amaqegu enu, nihambe niye ezweni lakwaKanan, 18nithabathe uyihlo nezindlu zenu, nize kum apha. Ndoninika izinto ezilungileyo zelizwe laseYiputa, nidle ukutyeba kwelizwe. 19Wena ke ùwiselwe umthetho, yenzani oku; bathabatheleni abantwana benu, nabafazi benu, iinqwelo ezweni laseYiputa, nithwale uyihlo, nize. 20Iliso lenu malingabi nanceba empahleni yenu, kuba zonke izinto ezilungileyo zelizwe lonke laseYiputa zezenu.
21Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli. UYosefu wabanika iinqwelo ngokomthetho kaFaro; wabanika nomphako wendlela. 22Wabanika bonke elowo iingubo zokukhululana. Wamnika uBhenjamin iisilivere ezimakhulu mathathu, neengubo ezintlanu zokukhululana. 23Kuyise wathumela ezilolu hlobo: amaesile alishumi, ethwele izinto ezilungileyo zaseYiputa, neemazi zamaesile ezilishumi, zithwele ingqolowa, nesonka, nomphako kayise wendlela. 24Wabandulula ke abazalwana bakhe, bahamba; wathi kubo, Ize ningaxabani endleleni.
25Benyuka, bemka ke eYiputa, bafika ezweni lakwaKanan kuYakobi uyise. 26Bamxelela besithi, UYosefu usahleli; ewe, ungumphathi welizwe lonke laseYiputa. Yaqoba intliziyo yakhe, kuba ebengakholwa ngabo. 27Bawathetha kuye onke amazwi kaYosefu, abewathethile kubo. Wazibona iinqwelo abezithumele uYosefu, ukuba zimthwale; waza waphila umoya kaYakobi uyise. 28Wathi uSirayeli, Kwanele. UYosefu unyana wam usahleli. Ndiya kuya ndimbone, ndingekafi.