UHOSEYA 12
1UEfrayim wasukelana nomoya; usukela ulophu lwasempumalanga. Imini yonke wandisa amanga nembuqo; banqophisana neAsiriya, kusiwa ioli eYiputa.
2UYehova ubambene noYuda, umvelela uYakobi ngokweendlela zakhe; uya kumbuyisela ngokweentlondi zakhe. 3Esizalweni wambamba umkhuluwa wakhe ngesithende, ekuqineni kwakhe wazamana noThixo. 4Wazamana naso isithunywa, wafeza, walila, watarhuzisa kuso; samfumana eBheteli, apho ke sasithetha nathi. 5UYehova, uThixo wemikhosi, uYehova sisikhumbuzo sakhe. 6Wena ke, buyela kuThixo wakho; gcina inceba nokusesikweni, uhlale uthembele kuThixo wakho.
7Úngumrhwebi ophethe isikali• senkohliso, uthanda ukucudisa. 8Wathi uEfrayim, Noko ndisisityebi, ndizifumanele ubutyebi; yonke imigushanxa yam ayindizuzisanga bugwenxa busisono.
9Kanti mna ndinguYehova, uThixo wakho nje, kwasezweni laseYiputa; ndisaya kukubeka ezintenteni, njengokwemihla yomthendeleko. 10Ndithethé kubaprofeti, ndandisa imibono mna, ndenza imizekeliso ngezandla zabaprofeti. 11Ukuba iGiliyadi ilishinitshini, yoba yinto engento kuphela. Babingelela iinkomo eGiligali; izibingelelo zabo nazo zoba njengeemfumba zamatye emiqeleni yesisimi. 12UYakobi wabalekela ezweni lakwa-Aram,• uSirayeli wakhonza ngenxa yomfazi, wagcina imihlambi ngenxa yomfazi. 13UYehova wamnyusa uSirayeli eYiputa ngomprofeti ke, wagcinwa ngomprofeti ke. 14UEfrayim uqumbise kakrakra; iNkosi yakhe iya kuwaphosa amagazi akhe phezu kwakhe, isibuyisele kuye isingcikivo sakhe.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.