1Yithini kubazalwana benu, Wenani, bantu bam! níthi koodade benu, Wa, Menzelwa-mfesane!
Ukunganyaniseki kukaSirayeli kuYehova
2Bambanani nonyoko, bambanani naye; kuba àkamfazi wam, àndindoda yakhe. Nize nitsho asuse ubuhenyu bakhe ebusweni bakhe, nokukrexeza kwakhe phakathi kwamabele akhe; 3hleze ndimhlube abe zé, ndimmise enjengamini wazalwa, ndimenze abe njengentlango, ndimmise abe njengelizwe elingumqwebedu, ndimbulale ngenxano; 4ndingàsikwa mfesane ngenxa yabantwana bakhe; kuba bengabantwana bobuhenyu bona. 5Kuba unina uhenyuzile, wenzé okuziintloni umzali wabo; ngokuba wathi, Ndiya kulandela izithandane zam, ezindinika isonka sam, namanzi am, uboya bam begusha neflakisi• yam, ioli yam nento endiyiselayo.
6Ngako oko, yabona, ndiya kuyibiyela indlela yakho ngameva, ndakhe udonga, angawufumani umendo wakhe. 7Úya kuzisukela izithandane zakhe, angafiki kuzo; azifune, angazifumani; athi Ndiya kuya ndibuyele endodeni yam yokuqala, kuba bekulungile kum oko kunangoku. 8Àkazi ukuba ndim owamnikayo ingqolowa, newayini entsha, neoli; ndamandisela isilivere negolide, abasuka bayenzela uBhahali.•
Ukunganyaniseki kukaSirayeli kuza kohlwaywa
9Ngako oko ndiya kubuya, ndiyithabathe ingqolowa yam ngexesha layo, newayini yam entsha ngexesha layo elimisiweyo; ndibuhluthe uboya beegusha, neflakisi yam yokugubungela ubuzé bakhe. 10Ngoku ke ndowatyhila amanye akhe emehlweni ezithandane zakhe, kungabikho bani umhlangulayo esandleni sam. 11Ndoluphelisa lonke uvuyo lwakhe, umthendeleko wakhe, nokuthwasa kwenyanga kuye, neesabatha zakhe, namaxesha akhe onke amisiweyo. 12Ndiya kuyibharhisa imidiliya yakhe, nemikhiwane yakhe, abesithi yena, Lutshedo lwam olu, endalunikwayo zizithandane zam; ndoyenza ibe lihlathi, idliwe ziinyamakazi zasendle. 13Ndomvelela ngenxa yemihla yooBhahali, abeqhumisela ngayo kubo; abezihombisa ngamagabha akhe empumlo, nesambalo sakhe; abelandela izithandane zakhe, andilibale mna; utsho uYehova.
UYehova uya kubuya amgane uSirayeli
14Ngako oko, yabona, ndiya kumrhwebesha, ndimse entlango, ndithethe kakuhle naye. 15Ndomnika izidiliya zakhe, zithabathele khona, nentili yeAkore ibe lisango lethemba, aphendule khona njengeemini zobuncinane bakhe, nanjengemini yokunyuka kwakhe, ephuma ezweni laseYiputa. 16Kuya kuthi ngaloo mini, utsho uYehova, undibize ngokuthi, Ndoda yam; ungabi sandibiza ngokuthi, Bhahali wam. 17Ngokuba ndiya kuwasusa amagama ooBhahali emlonyeni wakhe, bangabi sakhunjulwa ngamagama abo.
18Ngaloo mini ndobenzela umnqophiso namarhamncwa asendle, neentaka zezulu, nezinambuzane zomhlaba; ndaphule isaphetha nekrele nemfazwe, ezo zinto zingabikho ezweni; ndibahlalise bekholosile. 19Ndokugana ube ngowam ngonaphakade, ndikugane ube ngowam ngobulungisa nangokusesikweni, nangenceba nangemfesane; 20ndikugane ube ngowam ngokuthembeka, umàzi uYehova. 21Kuya kuthi ngaloo mini, ndiphendule, utsho uYehova; ndiya kuliphendula izulu, lona liphendule ihlabathi; 22ihlabathi liphendule ingqolowa, newayini entsha, neoli; ezo zinto ziphendule uYizereli. 23Ndozihlwayelela yena elizweni, ndimenzele imfesane uAkenzelwanga-mfesane; ndithi kuAsibantubam, Ùngabantu bam; aze athi kum, ÙnguThixo wam.