UISAYA 25
Umhobe wokuhlangulwa kweZiyon
1Yehova, unguThixo wam; ndiya kukuphakamisa, ndiya kubulela kwigama lakho; ngokuba wenzé imisebenzi ebalulekileyo, amacebo akho kwakude, ukunyaniseka, inyaniso. 2Ngokuba umzi uwenzé walinxuwa; inqaba enqatyisiweyo yangumwewe; uxande olude lwabasemzini alwaba mzi, ungàkhiwa naphakade. 3Ngenxa yoko baya kukuzukisa abantu abanengcwangu, ikoyike imizi yeentlanga ezingcangcazelisayo. 4Ngokuba waba ligwiba kwisisweli, igwiba kwihlwempu ekubandezelweni kwalo, ihlathi esiphangweni, umthunzi lakubalela, xa ukufutha kwabangcangcazelisayo kwaba njengesiphango eludongeni. 5Njengokubalela emqwebedwini, udambisé ingxolo yabasemzini; njengokudanjiswa kokubalela lithunzi lelifu, yathotywa ngokunjalo ingoma yabangcangcazelisayo.
6UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo, sewayini egcinwe ngeentsipho, yaza yahluzwa; 7aginye kule ntaba umphambili wesigqubuthelo esizigqubutheleyo izizwe zonke, nesigubungelo esizigubungeleyo zonke iintlanga. 8Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.
9Kuya kuthiwa ngaloo mini, Yabona, lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise; nguYehova lo besithembele kuye; masigcobe, sivuye ngosindiso lwakhe. 10Ngokuba isandla sikaYehova siya kuhlala phezu kwale ntaba, anyathelwe amaMowabhi endaweni yawo, njengokunyathelwa komququ emanzini omgquba. 11Aya kuzaneka izandla zawo emthonyameni wawo, njengokuba indadi izaneka izandla ukuba idade; ke uYehova uya kulithoba ikratshi lawo, kunye nezigcaliselo zezandla zawo. 12Wozisibekekisa iindonga zakho ezinqabileyo eziphakamileyo, azigungxule, ade azifikise emhlabeni, eluthulini.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.