Iingobozi ezimbini zamakhiwane
1UYehova wandibonisa, nanzo iingobozi ezimbini zamakhiwane, zibekiwe phambi kwetempile kaYehova; emveni kokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ebebathimbile ooYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabathetheli bakwaYuda, nengcibi, nabakhandi, ebasusa eYerusalem, ebasa eBhabheli. 2Enye ingobozi ibinamakhiwane alungileyo kakhulu, enjengamakhiwane aziintlahlela ekuvuthweni; enye ingobozi ibinamakhiwane amabi kunene, angenakudliwa ngobubi bawo. 3Wathi ke uYehova kum, Ubona ntoni na, Yeremiya? Ndathi, Amakhiwane; amakhiwane alungileyo, elunge kunene; amabi emabi kunene, engenakudliwa ngobubi bawo.
4Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, 5Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Njengaloo makhiwane alungileyo, ndiya kwenjenjalo ukubakhangelela okulungileyo abathinjiweyo bakwaYuda endibagxothileyo kule ndawo, baya ezweni lamaKaledi. 6Ndiya kulimisela okulungileyo iliso lam kubo, ndibabuyisele kweli lizwe, ndibakhe, ndingabagungxuli; ndibatyale, ndingabanyothuli. 7Ndobanika intliziyo yokundazi, ukuba ndinguYehova, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; ngokuba baya kubuyela kum nentliziyo yabo yonke.
8Ke, njengamakhiwane amabi angenakudliwa ngobubi, inene, utsho uYehova ukuthi, Ndiya kumenza abe njalo uZedekiya ukumkani wamaYuda, nabathetheli bakhe, namasalela aseYerusalem aseleyo kweli lizwe, nahleliyo ezweni lamaYiputa. 9Ndiya kubanikela kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuba babe yinto yokunqakulisa, babe nobubi, babe sisingcikivo, nomzekeliso, nento yentsini neyokutshabhiswa ezindaweni zonke endibagxothela khona. 10Ndolithuma phakathi kwabo ikrele, nendlala, nendyikitya yokufa, bade bagqitywe, baphele emhlabeni endawunika bona nooyise.