Ukuphoswa kukaYeremiya emhadini onodaka
1Ke kaloku uShefatiya unyana kaMatan, noGedaliya unyana kaPashure, noYukali unyana kaShelemiya, noPashure unyana kaMalekiya, baweva amazwi abewathetha uYeremiya kubantu bonke, esithi, 2Utsho uYehova ukuthi, Ohlala kulo mzi wofa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ophuma aye kumaKaledi wophila, ube lixhoba kuye umphefumlo wakhe, aphile. 3Utsho uYehova ukuthi, Lo mzi uya kunikelwa esandleni sempi yokumkani waseBhabheli, awuthimbe.
4Bathi ke abathetheli kukumkani, Mayibulawe le ndoda, ngokuba ngokwenjenje iwisa izandla zamadoda okulwa, aseleyo kulo mzi, nezandla zabantu bonke, ngokuthetha kubo amazwi anje; ngokuba le ndoda ayilungxamele uxolo lwaba bantu, ingxamele ububi babo. 5Wathi ukumkani uZedekiya, Yabonani, úsezandleni zenu; ngokuba ukumkani engenakuthini engenáni. 6Bamthabatha uYeremiya, bamphosa emhadini kaMalekiya unyana wokumkani, obusentendelezweni yabalindi; bamhlisa uYeremiya ngezintya emhadini, lowo ungenamanzi, unodaka; watshona eludakeni uYeremiya.
7Weva uEbhedi-meleki umKushi, indoda elithenwa, ebisendlwini yokumkani, ukuba bamfaké emhadini uYeremiya; ukumkani ke ubehleli esangweni lakwaBhenjamin. 8Waphuma uEbhedi-meleki endlwini yokumkani, wathetha kukumkani, esithi, 9Nkosi yam, kumkani, la madoda enzé into embi ngako konke akwenzileyo kuYeremiya umprofeti lo, amphosa emhadini; úya kufa yindlala kuloo ndawo akuyo, ngokuba akusekho sonka kulo mzi. 10Ukumkani wamwisela umthetho uEbhedi-meleki umKushi, esithi, Thabatha apha amadoda angamashumi amathathu asesandleni sakho umrhole uYeremiya umprofeti emhadini, engekafi.
11UEbhedi-meleki wathabatha amadoda lawo asesandleni sakhe, waya endlwini yokumkani ngaphantsi kwendlu yobuncwane, wathabatha khona amadlavu eengubo ezikrazukileyo nawezonakeleyo, wawathobela kuYeremiya emhadini ngezintya. 12Wathi uEbhedimeleki umKushi kuYeremiya, Khawubeke la madlavu eengubo ezikrazukileyo nawezonakeleyo phantsi kwamakhwapha akho ngaphantsi kwezintya. 13Wenjenjalo uYeremiya. Bamrhola uYeremiya ngezintya, bamnyusa emhadini; uYeremiya wahlala entendelezweni yabalindi.
14Wathuma ukumkani uZedekiya, wamthabathela kuye uYeremiya umprofeti, ekungeneni emnyango wesithathu osendlwini kaYehova. Wathi ukumkani kuYeremiya, Ndiya kukubuza indawo; uze ungafihli nto kum. 15Wathi uYeremiya kuZedekiya, Ukuba ndithe ndakuxelela, àkuyi kundibulala undibulale na? Nokuba ndithe ndakucebisa, àkuyi kundiphulaphula. 16Ukumkani uZedekiya wamfungela uYeremiya ngasese, esithi, Ehleli nje uYehova, owasenzela lo mphefumlo, inene, andiyi kukubulala, andiyi kukunikela ezandleni zaloo madoda awufunayo umphefumlo wakho.
17Wathi uYeremiya kuZedekiya, Utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ukuba ùthe waphuma ukuphuma oku, waya kubathetheli bokumkani waseBhabheli, wóphila umphefumlo wakho, nalo mzi ungàtshiswa ngomlilo uphile wena nendlu yakho; 18ke ukuba uthe akwaphuma uye kubathetheli bokumkani waseBhabheli, lo mzi wonikelwa esandleni samaKaledi, awutshise ngomlilo, wena ke ungasindi esandleni sawo.
19Ukumkani uZedekiya wathi kuYeremiya, Ndinesithukuthezi ngamaYuda aphambele kumaKaledi, hleze andinikele esandleni sawo, afekethe ngam. 20Wathi uYeremiya, Akayi kukunikela. Khawuliphulaphule izwi likaYehova, ngokoko ndilithethileyo kuwe; kolunga kuwe, uphile uphefumlo wakho. 21Ke ukuba uthe akwavuma ukuphuma, nali ilizwi andibonise lona uYehova, lokuthi, 22Yabona, bonke abafazi abaseleyo endlwini yokumkani wakwaYuda, baya kukhutshwa basiwe kubathetheli bokumkani waseBhabheli, bathi abafazi abo, Amadoda axolelene nawe akuxhokonxile, akweyisile; zitshonile nje emgxobhozweni iinyawo zakho, wona abuya umva. 23Ke bonke abafazi bakho noonyana bakho baya kukhutshwa, basiwe kumaKaledi, ungasindi wena esandleni sawo; ke wena uya kubanjwa sisandla sokumkani waseBhabheli, utshisise lo mzi ngomlilo.
24UZedekiya wathi kuYeremiya, La mazwi makangàziwa mntu, ukuze ungafi. 25Xa ke bathe beva abathetheli ukuba ndithethe nawe, beza kuwe, bathi kuwe, Khawusixelele oko ukuthethileyo kukumkani; musa ukukufihla kuthi, asiyi kukubulala; kwanakuthethileyo ukumkani kuwe: 26wóthi kubo, Ndiwisé utarhuziso lwam phambi kokumkani, ukuba angandibuyiseli endlwini kaYonatan, ndifele khona. 27Beza kuYeremiya bonke abathetheli, bambuza; wabaxelela ngokwaloo mazwi onke abewise umthetho ngawo ukumkani. Bathi tu, bemka kuye; ngokuba ayivakalanga le nto. 28Wahlala uYeremiya entendelezweni yabalindi, kwada kwangumhla eyathinjwa ngawo iYerusalem.