Iintetho zikaElihu
1Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe. 2Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo. 3Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi. 4Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla.
5Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe. 6Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi,
Ndimncinane mna ngemihla,
Ke nina niziingwevu;
Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.
7Ndathi, Imihla mayithethe,
Iminyaka emininzi yazise ubulumko.
8Noko ngumoya osemntwini,
Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo.
9Ukulumka àkunábakhulu,
Ukuqonda okufaneleyo àkunámadoda makhulu odwa.
10Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.
11Yabonani, bendiwalindile amazwi enu,
Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu,
Nada nagocagoca ukuthetha.
12Ndanigqala kakuhle;
Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi,
Wawaphendula amazwi akhe.
13Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko;
UThixo uyamphephetha, asingumntu.
14Ke akakubhekisanga kum ukuthetha;
Andiyi kumphendula ngamazwi enu.
15Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli;
Baphelelwe kukuthetha.
16Khe ndenze kùhle na, ngokuba bengathethi,
Ngokuba bemi bengasaphenduli?
17Ndiya kuphendula nam okwam,
Ndixele ukwazi kwam nam.
18Kuba ndizele kukuthetha;
Únditcuthile umoya wembilini yam.
19Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga;
Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka.
20Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle;
Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule.
21Mandingàkhe ndinonelele mntu;
Ndingàkhe nditeketise mntu.
22Kuba andikwazi ukuteketisa;
Ubeya kundisusa kalula uMenzi wam.