Intetho yokugqibela kaYobhi nokurhoxa
1UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
2Ndiyazi ukuba ùnako ukufeza konke,
Akunqatyelwa nto uyicingileyo.
3Ngubani na lo usithe icebo engenakwazi?
Ngoko ke ndithethé ndingaziqondi
Izinto ezibalulekileyo kum, ndingazazi.
4Khawuphulaphule, ndithethe mna;
Ndiya kubuza kuwe, undazise.
5Bendikuva ukukuva ngendlebe,
Kungoku iliso lam likubonile.
6Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye,
Ndiseluthulini naseluthuthwini.
Ukuqukunjelwa kwebali
7Ke kaloku kwathi, emva kokuba uYehova ewathethile la mazwi kuYobhi, wathi uYehova kuElifazi wakwaTeman, Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi. 8Ngoku ke zithabatheleni iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zeegusha zibe sixhenxe, niye kumkhonzi wam uYobhi, nizinyusele idini elinyukayo, uYobhi umkhonzi wam anithandazele. Ndomnonelela yena yedwa, ukuze ndingenzi kuni ngokobudenge benu; kuba ningathethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.
9Baya ke ooElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama, benza njengoko wakuthethayo kubo uYehova. Waza uYehova wamnonelela ke uYobhi.
10UYehova wakubuyisa ukuthinjwa kukaYobhi, akubon' ukuba ubathandazele oowabo. Wakongeza uYehova konke awayenako uYobhi, kwada kwaphindwa kabini.
11Beza kuye bonke abazalwana bakhe, noodade babo bonke, nabo bonke ababesazana naye ngenxa engaphambili, badla naye ukutya endlwini yakhe, bamkhuza, bamthuthuzela ngenxa yobubi bonke, abemfikisele bona uYehova; bamnika elowo ikhulu lemali, elowo ijikazi legolide.
12UYehova wakusikelela ukuphela kukaYobhi ngaphezu kokuqala kwakhe; waba neshumi elinesiné lamawaka empahla emfutshane, nesithandathu samawaka eenkamela, newaka lezibini zeenkomo, newaka leemazi zamaesile. 13Waba noonyana abasixhenxe, neentombi ezintathu. Igama leyokuqala kwathiwa nguJemima, 14igama leyesibini nguKetsiya, igama leyesithathu nguKeren-hapuki. 15Akwafumaneka mankazana mahle njengeentombi zikaYobhi ezweni lonke. Uyise wazinika amafa phakathi kwabanakwazo.
16Emveni koko, uYobhi wadla ubomi iminyaka elikhulu elinamanci mané, wabona oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe, izizukulwana zaziné. 17Wafa ke uYehobi, eyindoda enkulu, ephelele ebudaleni.